IZaziso
● Umnikelo woncwadi ngoAgasti: Nayiphi na incwadana enemifanekiso enamaphepha angama-32, ngaphandle kwethi Isikolo, ngomnikelo wama-75c. NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R7,50. Iincwadi ezincinane zii-R3,75. Ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! ngomnikelo wee-R6,00 okanye weMboniselo ngomnikelo wee-R12,00 okanye yomibini ngomnikelo wee-R18,00. NgoNovemba: Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo nethi Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye? okanye ethi “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” ngomnikelo wee-R4,50.
● IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1991 iya kubalaselisa imisebenzi yobulungiseleli bethu kumazwe amathandathu yaye iya kuba nemifanekiso emininzi enomtsalane nenemibala yamasebe, iiHolo zoBukumkani nemifanekiso yokunikelwa kobungqina ngoBukumkani. Amabandla afanele aqalise ukuodola iKhalenda yowe-1991 kunye neodolo yawo yoncwadi kaSeptemba. Ezi khalenda ziya kufumaneka ngesiBhulu, ngesiTshayina, ngesiNgesi, ngesiFrentshi, ngesiJamani, ngesiGrike, ngesiTaliyane, ngesiPhuthukezi, ngesiSuthu, ngesiXhosa nangesiZulu. Iikhalenda zizinto zesitokhwe esiqingqiweyo ibe imali yazo ezii-R2,60 inye, elixabiso labavakalisi, loovulindlela nowonke wonke, iya kufakwa kwityala loncwadi. Musani ukuthumela imali kunye neodolo ngaphandle kokuba ityala eninalo kuMbutho alimanga kakuhle. Ukuba kunjalo ke nimele nithumele imali kunye neodolo yenu. De zibe ezi khalenda zifumanekile zaza zathunyelwa, endaweni yazo kuya kubhalwa ukuthi “Ziza Kuthunyelwa Kamva” kwii-invoyisi zebandla.
● Ukususela kwiveki kaSeptemba 24, 1990, incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? iya kufundisiswa kwiSifundo Sencwadi Sebandla.
● Bandla ngalinye liya kufumana iifomu ezintathu ezithi Ukuma Kweencwadi kwaye lifanele lizibale kakuhle iincwadi zohlaselo. Ncedani nizizalise ngokupheleleyo ezi fomu, nize nisithumelele eyokuqala kungekhona ngemva koSeptemba 6, 1990. Umbhalo wekhabhoni wugcineni kwiifayile zenu. Sinithumelela eyesithathu ukuba niyisebenzise njengeninokuqala kuyo ukubhala (work sheet).
● Bonke abavakalisi bafanele bahlaziye imirhumo yabo yeMboniselo noVukani! ngebandla. Kwakhona kuya kuba luncedo ukuba abavakalisi baya kuodola uncwadi lobuqu nezinye izinto ngebandla kunokuthumela iiodolo zabantu ngabanye kwisebe.
● IiKomiti Zenkonzo ziyakhunjuzwa ukuba zizihlolisise ngokukhawuleza izicelo zenkonzo yobuvulindlela obuthe ngxi zize zizithumele kuMbutho ngexesha elililo. Oku kuya kuwunceda uMbutho ukuba ukwazi ukuhlolisisa uze uthumele izaziso zokumiselwa emabandleni ngaphambi kokuba abo benze izicelo baqalise ukukhonza.
● Onke amabandla athunyelelwa iifomu zokuodola ii-“Medical Document” nee-“Identity Card.” Ixabiso ziisenti ezintlanu lilinye. La maqweqwe awamele akhutshwe ngokukhawuleza akuba efunyenwe kodwa afanele agcinwe de kunikelwe ulwalathiso olungakumbi mayela nokunikwa kwawo abazalwana ekuqaleni konyaka.
● Njengoko siye senza utshintsho olukhulu kwiziphaluka noluya kuqalisa ukusebenza ngoSeptemba 1, 1990, khaniphawule ezi nguqulelo zilandelayo ngokunxibelelene nezabelo zendibano yenu yesithili:
NgoDisemba 13-16: eBloemfontein, Isiphaluka 41, 53A no-B, 21A no-B, 39B (eMzantsi/Mpuma), 52.
ELebowa-Kgomo, Isiphaluka 17 (icandelo lesiPedi), 19, 46.
ERhawutini, Isiphaluka 1, 2, 7A, 11, 12, 13, 22 (eNtshona) 49, 53B (iCarletonville kuphela).
NgoDisemba 28-31: EPitoli, isiPhaluka 3, 7B, 15, 16, 40, 50.
● Iikhasethi Ezintsha Ezifumanekayo:
Incwadi Yam Yamabali EBhayibhile (isethi yeekhasethi ezintlanu kwialbham; ibandla nowonke wonke: R30,00; oovulindlela: R23,00)—ngesiZulu
● Ziphelile esitokhweni eMzantsi Afrika:
“All Scripture Is Inspired of God and Beneficial”—IsiNgesi