IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 5/91 iphe. 3
  • Isingxobo Semibuzo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Isingxobo Semibuzo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 5/91 iphe. 3

Isingxobo Semibuzo

● Sinokusibonakalisa njani isimilo sobuKristu xa sisiya kwiSifundo Sencwadi Sebandla?

Sisoloko sijongiwe ngabamelwane bethu, yaye maxa wambi bade bathethe baze bathabath’ inyathelo elithile ngenxa yehambo yethu. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 4:9.) Njengabakhonzi bakaYehova, sifuna ukuba oko bakuthethayo nenyathelo abalithabathayo ngenxa yehambo yethu libe lelincomekayo. (1 Pet. 2:12) Oku kukwanjalo nangokuphathelele ihambo yethu kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Ekubeni inkoliso yazo iqhutyelwa emakhayeni abantu, kumele kubonakaliswe inyameko ekhethekileyo ukuze isimilo sethu sibe sesincomekayo kuyo yonke into esiyenzayo. Xa indawo yokumisa iinqwelo-mafutha incinane, kutheni ningenzi amalungiselelo okusebenzisa inqwelo-mafutha enye njengeqela ukuze ningabacaphukisi ngokungeyomfuneko abo bahlala kufuphi nendawo ekuqhutyelwa kuyo isifundo sencwadi? Uthando lwethu ngommelwane luya kusenza sikuphephe ukumisa iinqwelo-mafutha zethu ngendlela eya kwenza kube nzima ngaye ukudlula okanye imcaphukise.

Nanini na sihlanganisene siyavuya, yaye oku ngokufuthi kuphumela kwincoko efudumeleyo ngaphambi nangemva kwentlanganiso. (Mika 2:12) Ukuba nesimilo nolwazelelelo ngabanye kuya kusibangela ukuba singathetheli phezulu. (Mat. 7:12; Gal. 6:10) Kwakhona uthando lobuKristu luya kusishukumisela ukuba sibanqande abantwana bethu ukuba banganyuki besihla phandle yaye bangonakalisi izinto zabanye abantu. (IMize. 29:15; 1 Kor. 13:4, 5) Oku kuya kuquka ukubonakalisa intlonelo ngekhaya esiqhutyelwa kulo isifundo sencwadi. Ukuba kukho nayiphi na ihambo engafanelekanga ephawulekayo, abadala abafanele balibazise ukunikela isiluleko sothando nesiqinileyo ukuze kungaveli iingxaki eziya kubangela ukuba abamelwane bakhalaze, neziya kumzisela ubunzima umninimzi oye ngobubele wavula ikhaya lakhe ukuze kuqhutyelwe kulo isifundo, okanye ukuphazamiseka kwabo beza kwisifundo sencwadi.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share