Ukunceda Abanye Ngoxa Nisentsimini
1 Ukususela ekusekweni kwalo, ibandla lamaKristu beliyintlangano yabashumayeli beendaba ezilungileyo. UYesu wabaqeqesha ngokwakhe abafundi bakhe kumsebenzi wokushumayela yaye ‘waqalisa ukubathuma ngababini.’ (Marko 6:7; Luka 8:1) Umpostile uPawulos wakhankanya ‘izinxulumani zenyaniso’ kwibandla laseFilipi ‘ezazizama naye kwiindaba ezilungileyo.’ (Fil. 4:3) Ngoxa kungasoloko kuyimfuneko ukuba nomntu wesibini kubulungiseleli, inkoliso yethu iyakuxabisa ukuphelekwa ngabanye. (INtshu. 4:9) Ngoko, sinokukhuthazana size sincedane njani ngoxa sishumayela?
2 Enye yeenjongo zeentlanganiso zethu zenkonzo yasentsimini kukunceda abavakalisi abasebatsha nabangekabi namava kangako. (omXO iphe. 77, 97) Kwanoovulindlela abasandul’ ukumiselwa basenokufuna ukusebenza nabavakalisi abanamava ngakumbi okanye nomdala okanye isicaka solungiselelo. Elinjani lona ukuba lihle ithuba ‘lokuvuselelana’!—Roma 1:12.
3 Ngenxa yezizathu zokhuseleko, kusenokucebiseka ukuba abavakalisi basebenze kunye kwimimandla ethile. Okanye maxa wambi kusenokufuneka luguqulwe ucwangciso lwangaphambili lokusebenza nomntu othile ukuze kuncedwe abavakalisi abangekabi namava kangako abakwintlanganiso yenkonzo. Ukuba sicelwa ukuba senjenjalo, kuya kuba likhondo lothando ngokwenene ngathi ukwenza naluphi na uhlengahlengiso oluyimfuneko ukuze “sincede abo babuthathaka,” nakubeni sisenokuba siqhele ukusebenza nomntu othile.—IZe. 20:35, NW.
UKUSEBENZA NGEMVISISWANO
4 Nanini na sipheleka abanye kwinkonzo yasentsimini, sifuna ukusebenza ngemvisiswano njengeqela. (Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 3:6, 9.) Nobabini ninokuba nenxaxheba ekunikeleni ubungqina, mhlawumbi nitshintshisana ngezindlu. Bekuya kuba kukubonakalisa isimilo ukuphulaphula ngenyameko ngoxa lo uhamba naye ethetha.
5 Nangona kusenokuba kokufanelekileyo maxa wambi ukungenelela kwingxubusho xa ingulo ohamba naye othethayo, oku kufuna ukuba usebenzise ubuchule. Asifuni ukumphazamisa ngoxa esazama ukuqiqisa umninimzi. Kambe ke, ukuba umvakalisi ongekabi namava kangako uqalisa ukufakw’ ekoneni ngumninimzi ophikisayo, ngokungathandabuzekiyo ebeya kuluxabisa uncedo olunikelwe ngendlela efanelekileyo.—INtshu. 4:12.
6 Sinokulisebenzisa kakuhle ixesha esilichitha ukusuka kwenye indlu ukuya kwenye ngokuxubusha ngendlela enokuphuculwa ngayo intshumayelo yethu. Mhlawumbi ukusebenzisa enye yeentshayelelo ezikwincwadi Ukuqiqa okanye icebiso elifumaneka kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani kunokuba nempumelelo ngakumbi. Ukusebenza kunye kukwasivulela ithuba lokwazana ngakumbi, sisomeleza ubuzalwana bethu bobuKristu.
7 Ngokwenene ubulungiseleli bethu bububutyebi obuxabisekileyo. (2 Kor. 4:1, 7) Njengoko sinethuba lokusebenza nabanye kwinkonzo yasentsimini, sinokwakha omnye komnye uxabiso olunzulu ngomsebenzi wethu ongcwele. Kwangaxeshanye, siya kukhuthazana size sifunde omnye komnye. Oko kuya kuphumela ekubeni novuyo olungakumbi, impumelelo enkulu ngakumbi ekunikeleni ubungqina, nemvakalelo yolwaneliseko ngenxa yokuba simanyene nabazalwana noodade wethu.—INdu. 133:1.