Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ebudeni Beeyure Zangokuhlwa
1 Bambi babafundi bokuqala bakaYesu Kristu baxelelwa oku ngumbingeleli omkhulu, “Niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu.” (IZe. 5:28) Ngokucacileyo abo bazalwana babenze umsebenzi omhle wokunikela ubungqina kweso sixeko, yaye ngokungathandabuzekiyo basebenza ngenkuthalo ukuze babafikelele bonke ababekuloo mmandla. Baqhubeka benikela ubungqina ngokucokisekileyo apho nakwezinye iindawo.—IZe. 8:25.
2 Kwimimandla emininzi namhlanje, siye sayizalisa intsimi yethu ngemfundiso yenyaniso. Kubekho ulwando olukhulu kubavakalisi nolwando olukwanjalo kwinani lamabandla. Imimandla yentsimi iye yamincinane yaye igutyungelwa ngokufuthi ngakumbi. Kuye kwafuneka ukuba siyandise intsimi yethu ukuze sifikelele abantu abangakumbi ngeendaba ezilungileyo.
IINGENELO ZOKUNIKELA UBUNGQINA NGOKUHLWA
3 Enyanisweni, abavakalisi abaninzi baye bafumanisa ukuba banganako ukuyandisa intsimi yabo ngokutyelela emakhayeni ebudeni beeyure zangokuhlwa. Ngelo xesha bayakwazi ukufumana abaninimzi abaninzi abadla ngokungabikho ekhaya ebudeni bemini. Abavakalisi banikele ingxelo yokuba baye bafumana umntu phantse kwindlu nganye kwintsimi yabo xa betyelela ngokuhlwa. Asikuko nje ukuba kukho abantu abaninzi ekhaya kodwa abo bafumanekayo ngokuqhelekileyo baphumlile yaye bakulungele ukusiphulaphula isigidimi sethu. Abaveleli besiphaluka baye bakwazi ukunceda amabandla amaninzi ukuba enze amalungiselelo okunikela ubungqina ngokuhlwa. Bonke abavakalisi bayakhuthazwa ukuba balixhase eli lungiselelo elithe rhoqo lokushumayela ngengokuhlwa yangoLwesithathu ebudeni botyelelo lomveleli wesiphaluka.
4 Ngaba ukhe wazama ukunikela ubungqina ebudeni beeyure zangokuhlwa kwintsimi okuyo? Kwanaxa imini imfutshane ebudeni beenyanga zasebusika, sisenokusebenzisa iiyure zangorhatya ekunikeleni ubungqina kwindlu ngendlu. Ehlotyeni, sinethuba lokuchitha ixesha elingakumbi kunokuba siqhele ukwenjenjalo. Inxalenye yengokuhlwa inokusetyenziselwa ukunikela ubungqina kwindlu ngendlu okanye ukubuyela kumakhaya ebekungekho bantu kuwo. Mhlawumbi kunokwandulwa ngenxalenye yamva yengokuhlwa, kuyiwe emabuyelweni okanye siqhube izifundo zeBhayibhile. Kambe ke, kufuneka sisebenzise ingqiqo, ingakumbi xa sinikela ubungqina kwimimandla esenokuba nobungozi ngokuhlwa.
YIBA NOLWAZELELELO
5 Ukuze siphumelele ekunikeleni ubungqina ngokuhlwa, kufuneka sikhumbule iingongoma ezithile. Ngokomzekelo, ekubeni abantu kwimimandla ethile besenokukoyika ukufikelwa ziindwendwe ezingalindelekanga ebusuku, kufuneka sibonakalise ububele nobuhlobo kwiintshayelelo zethu size siyicacise ngokukhawuleza injongo yokutyelela kwethu. Ukuba sinokuvakalisa inkxalabo yokwenene ngempilo-ntle yabaninimzi, kusenokwenzeka bathobe izibilini baze bathethe ngokukhululekileyo.
6 Kweminye imimandla, abaninimzi bathabathe amanyathelo okuzenza banqabiseke. Oku kusenokufuna ukuba sisebenzise i-intercom, okanye umninimzi usenokuthetha nathi ngoxa ezivalele ngaphakathi okanye usenokufuna ukusibona kwintunja eselucangweni. Ngokuwahlonela kwethu amalungiselelo omninimzi okuzenza anqabiseke, kusenokuba lula ngakumbi kuye ukuphulaphula iinyaniso esifuna ukwabelana naye ngazo.
7 Amabandla amaninzi aye acwangcisa ukunikela ubungqina njengeqela ngengokuhlwa enye okanye ezingakumbi evekini. Oku kuye kwavulela abavakalisi abaxinwe ngumsebenzi wempangelo ithuba elingakumbi lokuba nesabelo kubulungiseleli nelokusebenza nabavakalisi abathile abangazange basebenze nabo ngaphambili ngenxa yokungqubana kwamaxesha abo empangelo. Ukunikela ubungqina ngokuhlwa kuye kwenza abavakalisi abathile bakwazi ukwandisa ixesha abalichithela kubulungiseleli basentsimini, yaye oku, ngembuyekezo, kuye kwakhokelela ekubeni babe nobuchule ngakumbi ekwabelaneni nabanye ngeendaba ezilungileyo. Kwakhona, kuye kwaqaliswa izifundo zeBhayibhile ezininzi ngokuthi kuthethwe nabantu abangazange bakhe bawaphulaphule amaNgqina kaYehova ngaphambili.
8 Ngaba ungakwazi ukuba nenxaxheba ekunikeleni ubungqina ngokuhlwa uze unandiphe eli thuba longezelelekileyo ‘lokwenza umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo’? (2 Tim. 4:5) Ukuba abaninzi kuthi bayakwazi ukuwuphendula ngokuvumayo loo mbuzo, mhlawumbi nathi siya kwenza umsebenzi omhle ngakumbi wokuzalisa intsimi yethu ngenyaniso.