Impinda YeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeeveki zikaMeyi 7 kuse kuAgasti 20, 1990. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kusenokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Isicombululo kwingxaki yokukhulelwa kwabakwishumi elivisayo kukufundisa ulutsha indlela yothintelo-nzala. [wXO88 4/1 iphe. 4]
2. Akukho sizathu sokuba abazali bazive bengamagwala ekuxubusheni umbandela wesini nabantwana babo. [wXO88 4/15 iphe. 6]
3. Ngokuvumelana nomgaqo wobuthixo okweyoku-1 kwabaseKorinte 5:11, unxibelelwano nesalamane esisusiweyo kubudlelane esingahlali nentsapho esondeleyo lufanele lulinganiselwe kwanokuba bekukho imicimbi ethile yentsapho efuna olo nxibelelwano. [wXO88 4/15 iphe. 28]
4. Iziganeko ezimangalisayo ngePentekoste yowama-33 C.E. zenzeka emva kwemini. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 5/15 iphe. 24.]
5. Ukubhaptizwa kukaKorneli, iguquka lokuqala kwiiNtlanga, kwaphawula ukuphela ’kweeveki ezingamashumi asixhenxe.’ (Dan. 9:24) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 5/15 iphe. 24.]
6. Ukushumayela kukaPawulos noBharnabhas kwelaseFilipi kwabangela isiphithiphithi nokubanjwa kwabo, yaye bakhululwa entolongweni ngokunyikima komhlaba. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 5/15 iphe. 25.]
7. Kwakuse-Efese apho wathi uPawulos wadibana nabadala waza wathetha ngendlela awayebafundise ngayo ekuhleni nakwizindlu ngezindlu. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 5/15 iphe. 26.]
8. Ukuba ukubhaptizwa emanzini kona ngokwako bekususa izono, bekuya kufuneka ke ukuba umntu abhaptizwe rhoqo emva kwesono ngasinye esitsha. (IZenzo 22:16) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
9. Xa uYesu ekhankanya “umfazi lowo ulzebhele“ ubhekisela kweyiphi impembelelo esebandleni? (ISityhi. 2:20) [reXO iphe. 49 isiqe. 7, 8]
10. Nguwuphi umgaqo obalaseliswa kuYohane 17:16? [wXO88 5/1 iphe. 18]
11. Siyintoni isizathu esisisiseko sokuba sithobele imithetho kaYehova? [wXO88 5/1 iphe. 20]
12. Sinokulubonakalisa njani uxabiso ngobungcwele bentlangano kaYehova? [wXO88 6/15 iphe. 12]
13. Liyintoni ihlelo? (IZenzo 24:5) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona gXO88 1/8 iphe. 18]
14. Ziziphi iincwadi ezintlanu eziyinxalenye yeZibhalo Ezingcwele awazibhalayo uPawulos ebudeni bokubanjwa kwakhe okokuqala eRoma? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 5/15 iphe. 26.]
15. UPawulos (uSawule) ’wayezikhaba njani iimviko’? (IZenzo 26:14) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO78 6/15 iphe. 24.]
16. Kutheni le nto uPawulos wayekufuna kangaka nje ukuya eRoma? (Roma 1: 11, 12) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 8/1 iphe. 23.]
Fakela igama okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
17. Abazali bafanele bafundise abantwana babo iimfundiso zikaYehova eziya kubenza balumke ukuze basindiswe ․․․․․․․. (2 Tim. 3:15) [wXO88 5/1 iphe. 6]
18. Sibonisa ukubuxabisa kwethu ․․․․․․․ ngokungalifaki igazi emzimbeni enoba kungokulitya okanye kungayo nayiphi na enye indlela. [wXO88 5/1 iphe. 17]
19. Phakathi kwababhali beeVangeli, ․․․․․․․ kuphela osixelela ngeentetho ezingqalileyo uYesu awazinikelayo nomthandazo awawenzayo ngenxa yabapostile bakhe ngobusuku bakhe bokugqibela. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 3/15 iphe. 24.]
20. NgokweZenzo 8:9-24, amaKristu akwizikhundla zembopheleleko amele angabinetyala ․․․․․․․. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO86 8/15 iphe. 15 isiqe. 9.]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
21. IBhayibhile (ibongoza amaKristu ukuba asebenze nzima ukugcina umtshato wawo umanyene; incomela uqhawulo-mtshato) ukuba kukho ukungonwabi emtshatweni. [wXO88 5/15 iphe. 6]
22. UHerode okhankanywe kwiZenzo 12: 1, 2 (yayinguHerode Omkhulu; yayinguHerode Antipasi; yayinguHerode Agripa I). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 5/15 iphe. 24.]
23. Uhambo lokuqala lukaPawulos lobuva-ngeli lwaqala (kwa-Antiyokwe esePisidi; Kwa-Antiyokwe, eSiriya; eYerusalem). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 5/15 iphe. 24.]
24. Ngenxa yomdla omkhulu owabonakaliswa eKorinte uPawulos wahlala kweso sixeko (kangangeenyanga ezili-18; kangangeenyanga ezili-12; kangangeenyanga ezintandathu). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 5/15 iphe. 25.]
Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi:
Yoh. 14:27; Ize. 6:3; Roma 1:16,17; 6:12
25. Liliphi ilungiselelo awathi amaKristu okuqala alenza ukuze anyamekele abasweleyo? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO87 6/1 iphe. 8 isiqe. 2.]
26. Ubomi obutsha amaKristu anabo kuYesu buwanyanzelela ukuba alwe nobuthathaka bawo benyama. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 8/1 iphe. 24.]
27. Ilungisa liphila ngokholo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 8/1 iphe. 23.]
28. Uxolo uYesu awalunika abafundi bakhe lwasebenza njengolwalubangela inzolo ezintliziyweni nasezingqondweni zabo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO90 3/15 iphe. 25.]