Lidumise Ngokuzeleyo Igama LikaThixo
1 Asikuko nokuba sinemincili ngenxa yeentsikelelo ezininzi ezivela kuYehova! EMzantsi Afrika ebudeni balo nyaka wenkonzo, kubekho iincopho ezintsha kubavakalisi nakwizifundo zeBhayibhile zamakhaya. Kanti belincumisa nenani labantu ababekho eSikhumbuzweni ababephantse babe li-125 000. Babengaphezu kwe-128 000 abantu ababekho kwiiNdibano Zesithili “Zentetho Enyulu” eMzantsi Afrika nakumazwe angabamelwane. Singenelwe kwintabalala yesidlo sokomoya ebesilungiselelwe kucwangciso obelusemagqabini lwendibano yethu yesiphaluka nolwendibano ekhethekileyo yosuku olunye. Kwakhona sifumene nezinye iintsikelelo ezininzi.
2 Sinokulubonisa njani uxabiso ngako konke uYehova asenzela kona? Sinokukwenza oku ngokulidumisa ngokupheleleyo igama likaThixo!—INdu. 145:21.
DUMISA IGAMA LIKATHIXO NGAMAXESHA ONKE
3 Sinokulidumisa njani ngokuzeleyo igama likaYehova ebudeni buka-Agasti? Siza kuqhubeka sibalaselisa iincwadana ezinemifanekiso ezilingana nephephancwadi. Ngokulungiselela ngenkuthalo nangokuba nesixa esixubeneyo sezi ncwadana zinemifanekiso kwinkonzo yasentsimini, siya kuxhotyiselwa ukudumisa uYehova yaye kunokwenzeka ukuba sincede nabanye bafunde indlela nabo abanokumdumisa ngayo.
4 UMxholo Wencoko uthi “Ihlabathi Elitsha—Ngubani Oya Kulizisa?” Sinokulungiselela iintshayelelo ezifanelekileyo ezisekelwe kwinkcazelo ekwiphepha 9-15 kwincwadi Ukuqiqa. Bambi abaninimzi ngokuzenzekelayo baya kuxubusha nawe ngoko iinkokeli zehlabathi zikuthethayo ngamathemba ezinawo ngoku okuphucula ihlabathi. Nangona inkoliso yabantu ilangazelela iimeko eziseluxolweni, uYeremiya 10:23 ubonisa ukuba umntu akanakuzicombulula iingxaki zakhe. Kuqinisa ithemba lethu ukwazi ukuba idinga likaThixo lokulungisa iimeko zehlabathi namhlanje alisayi kusilela. Eli dinga lifumaneka kweyesi-2 kaPetros 3:13. Nikela incwadana enemifanekiso ehambisana noku.
LUNGISELELA KAKUHLE
5 Ukulungiselela kubalulekile ukuze sibe ngabanempumelelo ekufundiseni abanye. Kutheni ungalungiseleli namanye amalungu entsapho, nalowo wakufundisa inyaniso, okanye nothile okwiqela lesifundo sencwadi okulo? Ngokuyiqhelisela intshumayelo yakho, uya kuziva unentembelo engakumbi uze ubonakalise ulweyiseko xa uthetha nabantu entsimini.
6 Iintshumayelo zethu zifanele zibonakalise ukuba sinomdla ebantwini. Gxininisa idinga leBhayibhile lehlabathi elitsha elinik’ ithemba kwabadandathekileyo nabadimazekileyo. Xa umninimzi eyamkela incwadana enemifanekiso, usenokumbonisa indlela esisiqhuba ngayo isifundo seBhayibhile. Okanye usenokugqiba kwelokuba kuya kuba kokufaneleke ngakumbi ukukwenza oko xa umbuyela.
7 Njengoko sifikelela esiphelweni salo nyaka uphawulekayo wenkonzo, sivuya ngokwenene kukufumana iintsikelelo ezininzi kangaka ezivela kuYehova! Ukuba umvakalisi ngamnye unokuba nesabelo rhoqo kubulungiseleli veki nganye aze ayidlulisele kwangethuba ingxelo yakhe yenkonzo ekupheleni kuka-Agasti, sinesizathu esibambekayo sokukholelwa kwelokuba sakuwuqoshelisa lo nyaka wenkonzo ngenye incopho yabavakalisi! Ngamana sonke singayisebenzisa le nyanga iseleyo yalo nyaka wenkonzo we-1991 ekulidumiseni ngokuzeleyo igama likaYehova njengoko sikhangele phambili ngolangazelelo ekukhonzeni uYehova ngonaphakade kwihlabathi lakhe elitsha.