IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/91 iphe. 1-8
  • Icandelo 2: Ukuba Nentshiseko

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Icandelo 2: Ukuba Nentshiseko
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • UKULUNGISELELA KUBALULEKILE
  • INDLELA YOKULUNGISELELA
  • Ngaba Uyayisebenzisa Incwadi Ethi Ukuqiqa?
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Ukulungiselela Kwangaphambili Kuzisa Uvuyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1999
  • Indlela Yokukhulisa Amandla Okuqiqa
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2000
  • Zintsapho, Dumisani UThixo Njengenxalenye Yebandla Lakhe
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—1999
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 8/91 iphe. 1-8

Zinikele Ngomphefumlo Uphela Kubulungiseleli Basentsimini

Icandelo 2: Ukuba Nentshiseko

1 Kulula ukuwenza ngentshiseko umsebenzi xa siwunandipha. Kwakhona kuyinyaniso engenakuphikiswa ukuba umntu uyakunandipha ukwenza into ayilungiseleleyo. Ngokuqinisekileyo oko kukwanjalo nasekufezeni ubulungiseleli bethu.—2 Tim. 4:5.

UKULUNGISELELA KUBALULEKILE

2 Ukuba nentshiseko kwethu kubulungiseleli basentsimini kuxhomekeke ngokungqalileyo kwindlela esilungiselele kakuhle ngayo nakubuninzi bezihlandlo esiya ngazo enkonzweni. Ngokomzekelo, ukuba umntu esidibana naye kubulungiseleli bendlu ngendlu uthi ungumSilamsi, sinokuthini? Umvakalisi olungiselele kakuhle usenokuphendula athi: “Kubangel’ umdla oko. Awamaninzi amaSilamsi endiye ndathetha nawo. Kodwa ndiye ndafunda okuthile ngeemfundiso ezimbalwa zonqulo lwenu kule ncwadi. [Tyhila kwiphepha 23 lencwadi Ukuqiqa.] Ithi nikholelwa kwelokuba uYesu wayengumprofeti kodwa uMu?ammad wayengumprofeti wokugqibela noyena ubalulekileyo. Akunjalo na? [Mvumele aphendule.] Kwakhona ngaba uyakholelwa ukuba uMoses wayengumprofeti wokwenyaniso? [Mvumele aphendule, ngokunokwenzeka uya kuphendula ngelivumayo.] Ngaba ndingakhe ndikubonise kwiMibhalo Engcwele oko uMoses wakuxelelwa nguThixo ngegama likaThixo lobuqu?” Unokwandula ke ufunde iEksodus 6:3. Ngale ndlela, usenokuqalisa incoko ebangel’ umdla.

3 Kunzima ngabaninzi bethu ukukhumbula amaphepha efumaneka kuwo imibandela ethile. Kodwa ngokulungiselela nangokwenza uqheliselo nje oluncinane, sinokusebenzisa icandelo elithi “Amazwi Anokuthintela Incoko” elingasekuqaleni kwencwadi Ukuqiqa. Kwelo candelo kuqukwe amaphepha aliqela enkcazelo yokusinceda sikwazi ukuphendula abantu abathi bangabonqulo oluthile.

4 Incwadi Ukuqiqa ikwanecandelo elihle elineentshayelelo. Kutheni iintshayelelo zakho ungaziyelelanisi nezi? Kusenokufuneka sivisisanise intshayelelo yethu neemeko ezithile. Imibandela emininzi kwincwadi Ukuqiqa iphela ngecandelo elithi “Ukuba Ubani Uthi,” yaye linenkcazelo ephendula imibuzo okanye inkcaso engqalileyo ephathelele loo mbandela. Noko ke, ukusebenza kwayo yonke le nkcazelo intle kangaka kuxhomekeke kwindlela esiyilungiselela ngayo.

INDLELA YOKULUNGISELELA

5 Kuphaphele ukuphatha naziphi na iimpapasho ekuya kuxutyushwa ngazo kwiNtlanganiso Yenkonzo ukuze ukwazi ukujonga kuzo ebudeni beengxubusho nemiboniso. Ngale ndlela, unokungenelwa ngokuzele ngakumbi ekulungiseleleni kwabanye.

6 Kuluncedo ukuchitha ixesha ulungiselela inkonzo. Qiniseka ukuba uyalufumana uncwadi ofanele ube nalo. Chitha imizuzu embalwa uhlola uMxholo Wencoko. Hlolisisa izibhalo ezisetyenzisiweyo, uze uhlole neengongoma ezingqalileyo ekunokuthethwa ngazo kuncwadi oluhanjiswayo. Ukukwenza oku kunye njengentsapho kunokuba luncedo.

7 Qhelisela iintshumayelo ezithile. Unokuqhelisela ngamaxesha awahlukahlukeneyo—emva kweSifundo Sencwadi Sebandla, kwiimbutho zokuzonwabisa, xa niliqela elihamba ngenqwelo-mafutha, xa nisuka kwenye indlu nisiya kwenye. Ukuqhelisela iintshumayelo neengxubusho kwanendlela yokusingatha inkcaso kunokuvuyisa gqitha kuze kuvulele amathuba amahle okukhulisa ubuchule bethu.

8 Ukulungiselela ngenkuthalo kuya kusenza sibe nentshiseko ngakumbi kubulungiseleli ukuze sibe ngabasebenzi abanobuchule size sizuze ulwaneliseko oluvuyisayo.—Yoh. 2:17.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share