IZaziso
● Umnikelo woncwadi ngoAgasti: Nayiphi na yezi ncwadana zinemifanekiso zinamaphepha angama-32 zilandelayo ngomnikelo wama-75 eesenti inye: Ngaba Ufanele Ukholelwe KuBathathu Emnye?, Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, “Uyabona, Izinto Zonke Ndizenza Ntsha,” nethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! NgoSeptemba: Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni ngomnikelo wee-R7,50. Ngo-Oktobha: Umrhumo kaVukani! ngomnikelo wee-R8,00 okanye weMboniselo ngomnikelo wee-R16,00 okanye yomibini. Umrhumo wonyaka kwiinkupho zakanye ngenyanga nomrhumo weenyanga ezintandathu kwiinkupho zakabini ngenyanga zii-R8,00. NgoNovemba: IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
● Bonke abanxulumana nebandla bafanele bayivuselele imirhumo yabo yeMboniselo noVukani! ngebandla. Umzalwana onyamekela imirhumo ufanele aqinisekise ukuba imirhumo ithunyelwa rhoqo kuMbutho veki nganye. Kungakuhle ukuba zonke iiodolo zoncwadi nezezinye izinto zenziwe ngebandla kunokuba umntu ngamnye azithumelele iodolo kuMbutho.
● Amabandla afanele aqalise ukuodola IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1992 kunye neodolo yawo yoncwadi kaSeptemba. Ikhalenda entsha iya kuba yenomtsalane nenemfundiso ngokukhethekileyo, inemifanekiso yeLizwe Ledinga kunye nemizobo yeziganeko zeBhayibhile. Le mifanekiso, imizobo neziganeko ziya kuba nentsingiselo engakumbi kuthi. IKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1992 iya kufumaneka ngesiBhulu, isiFrentshi, isiGrike, isiJamani, isiNgesi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTaliyane, isiTshayina, isiXhosa nesiZulu.
● Ibandla ngalinye liya kufumana iifomu ezintathu ezithi Ukuma Kweencwadi yaye lifanele lilubale ngokoqobo uncwadi oluhanjiswayo. Ncedani nizizalise ngokupheleleyo ezi fomu, nize nisithumelele eyokuqala kungekhona ngemva komhla kaSeptemba 6, 1991. Umbhalo wekhabhoni wugcineni kwiifayile zenu. Sinithumelela owesithathu ukuba niwusebenzise njengeninokuqala kuwo ukubhala (work sheet).
● Iimpapasho Ezintsha Ezifumanekayo:
“Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” Uhlelo lowe-1990 (ibandla nowonke wonke: R8,00; oovulindlela: R5,20)—IsiTswana, isiXhosa
● Ziyafumaneka Kwakhona KuMzantsi Afrika:
“Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” Uhlelo lowe-1990—IsiJamani