Ukutyala Nokunkcenkceshela—Amanyathelo Okwenza Abafundi
1 “Mna ndatyala, uApolo wankcenkcesha, ke nguThixo owahlumisayo.” (1 Kor. 3:6) Ngaloo ndlela umpostile uPawulos wachaza amanyathelo amathathu asisiseko abandakanyekileyo ekwenzeni abafundi bakaKristu. Amanyathelo amabini okuqala, ukutyala nokunkcenkceshela, aquka ilungelo nembopheleleko yabakhonzi bakaThixo abazahluleleyo nababhaptiziweyo.
2 Oku kufuna ukuba bashumayele esidlangalaleni nakwizindlu ngezindlu, ngokungacwangciswanga nangezinye iindlela. Kukwaquka nokufundisa abantu ngokwamabakala ukuba bazigcine zonke izinto uYesu abayalele zona. (Mat. 28:19, 20) Eli nyathelo sisandul’ ukulikhankanya linokuphunyezwa kuphela ngokubuyela kwabo babonakalisa umdla, sibe neengxubusho zeBhayibhile kunye nabo, size sibaqhubele izifundo zeBhayibhile. Ngaba uzingqina ungumsebenzi olidlelane onyanisekileyo, usebenzisana noYehova ngokutyala iimbewu zenyaniso uze ubuyele ukuya kunkcenkceshela nokuhlakula njengoko kuyimfuneko?—1 Kor. 3:9.
UKUQONDA ULWANDO OLUNOKUBAKHO NENTSWELO ESINAYO
3 KuMzantsi Afrika ebudeni bonyaka wenkonzo we-1990, sasasaza iincwadi neencwadana eziphantse zibe ngama-837 000 namaphephancwadi angaphezu kwezigidi ezisisi-5,5! (EBotswana kwasasazwa iincwadi neencwadana ezili-18 148 namaphephancwadi angama-65 690; eLesotho kwahanjiswa ezili-12 812 nangama-79 729; eNamibia ezingama-29 137 nangama-83 097; eSt. Helena ezingama-409 nali-11 188 yaye eSwazini ezili-14 961 nangama-82-654.) Kwakhona kweza abantu abangaphezu kwe-130 000 eSikhumbuzweni, bewodlula lee umlinganiselo wabavakalisi abangama-46 595 ngaloo nyaka. Ukusasazwa koncwadi kuyinxalenye esisiseko yomsebenzi wethu wokutyala. Iimbewu zenyaniso ezihlwayelwe ngaloo ndlela zibonisa ukuba kusenokuveliswa abafundi abaninzi abatsha, kodwa ngaba, njengabantu abasebenza noThixo, siziva sishukunyiselwe ukubuyela kwaba bantu size sivuselele umdla wabo kwimixholo yeBhayibhile? Abavakalisi bamabandla ngoku eMzantsi Afrika baqhuba izifundo zeBhayibhile ezikumlinganiselo we-0,6. (EBotswana baqhuba izifundo zeBhayibhile ezikumlinganiselo we-0,8; eLesotho zikumlinganiselo wesi-1; eNamibia zikumlinganiselo we-0,7; eSt. Helena zikumlinganiselo we-0,5 yaye eSwazini zikumlinganiselo we-0,9.) Sinentembelo yokuba lo mlinganiselo unokuphuculwa ukuba mvakalisi ngamnye unokuyiphumeza ngokucokiseke ngakumbi imbopheleleko yakhe yobuqu yokudlulela ngaphaya kwenyathelo lokuqala lokutyala nje iimbewu zenyaniso aze azabalazele ukuqhuba izifundo zeBhayibhile zamakhaya ezinenkqubela. Nangona bambi, ngenxa yemiqobo eyahlukahlukeneyo, bengenakukwazi ukuqhuba isifundo seBhayibhile sekhaya esinye okanye ezingakumbi, kuhle ukuba ngamnye ahlolisise iimeko zakhe zobuqu.
4 Kubangel’ umdla ukubona okwenzekayo kweminye imimandla. Amabandla anentsimi echumileyo yaye anikel’ ingxelo yokuba ngokomlinganiselo umvakalisi ngamnye uqhuba isifundo seBhayibhile esinye ukusa kwezibini. Ukwanda kwabafundi abatsha kuhambisana nenani lezifundo zeBhayibhile eziqhutywayo. Oku kunokubonwa ngokuthelekisa umlinganiselo wenani labavakalisi nowenani lezifundo zeBhayibhile kumazwe awahlukahlukeneyo njengoko kuchaziwe kwi-1991 Yearbook.
5 Intshukumisa yethu yokuqhuba izifundo zeBhayibhile ifanele ibe luthando lwethu ngabantu abasamkelayo isigidimi soBukumkani esisishumayelayo. Simele ngokunyanisekileyo sibonakalise inkxalabo nothando uYehova analo ngabantu yaye simele siqonde ukuba ukusinda kwabo kunokuthanani nokukhula ngokomoya. (1 Pet. 2:2) Njengezityalo zokoqobo ezifuna amanzi ukuze zikhule, abantu ababonisa umdla zisuka nje kwisigidimi soBukumkani ngokuqhelekileyo abasuki nje baqalise ukuya kwiintlanganiso ngaphandle kokuba balathiselwe rhoqo kwintlangano kaThixo ngokuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile zamakhaya.
6 Kukwafuneka sibonakalise ukuthobeka kule nkalo. UYesu wathi abo bangabenyaniso bayaliva ilizwi lakhe. (Yoh. 18:37) Wayalela abafundi bakhe ukuba bashumayele baze bafundise, waza wabaxhobisela ukuphumeza loo msebenzi. Ngomzekelo wakhe obalaseleyo njengomfundisi nangenkxalabo yakhe enzulu ngabantu, uYesu wasimisela umzekelo esimele siwulandele ekuncedeni abanye. (Luka 6:40; Yoh. 13:13; 14:12) Imigudu yethu inokuba negalelo ekusindisweni kwethu nabo sibafundisayo.—1 Tim. 4:16.
AMANCEDO OKUQALISA IZIFUNDO ZEBHAYIBHILE
7 Ukuze awucokise umsebenzi wakhe, umntu oligcisa ukhetha izixhobo aza kuzisebenzisa kwezahlukahlukeneyo anazo. Njengabafundisi, sinothotho lweempapasho esinokuzisebenzisa, kuquka iincwadana ezinemifanekiso namaphecana, ezilungiselelwe njengezixhobo zokufikelela iintliziyo zabantu abaneemvelaphi neembono ezahlukahlukeneyo.
8 Bambi abavakalisi baye baba nemiphumo emihle ngokusebenzisa amaphecana neencwadana ezinemifanekiso ukutshayelela iingxubusho zeBhayibhile. Ngokomzekelo, iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo likhankanya okanye licaphule imibhalo eyahlukahlukeneyo engaphezu kwama-20 ekuchazeni eli themba limangalisayo. Le mibhalo inokusetyenziselwa ukuqhuba iingxubusho zeBhayibhile eziliqela nezibangel’ umdla. Iincwadana zethu ezinemifanekiso, ngendlela ebangel’ umdla nelula, nazo zinokubaqhelanisa abantu neenyaniso ezisisiseko zeBhayibhile zize zibashukumisele ekufuneni ukwazi okungakumbi.
9 Ngaba kukho bani umaziyo ongafundanga kuyaphi okanye ongaboni kakuhle? Ngaba ukhe wazama ukusebenzisa incwadana enemifanekiso ethi Bunandiphe Ubomi Emhlabeni Ngonaphakade! ekuqaliseni ingxubusho yeBhayibhile eqhubela phambili kunye nomntu onjalo? Incwadana enemifanekiso ethi “Uyabona,” isesinye isixhobo esihle njengoko ineziqendu zengabula-zigcawu ezibandakanya ngobuchule umninimzi ekufundeni ngamadinga kaThixo ekamva. Yaye ngokuqinisekileyo incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, eyakhutshwa ngowe-1982, ibe nempumelelo ekuncedeni inkoliso yabantu abangaphezu kwe-1700 000 abaye babhaptizwa ukususela ngoko.
UKUBONAKALISA INKATHALO NGABANTU ABANOMDLA
10 Usenokukufumanisa kuyingenelo ukuhlola iqweqwe lakho leNgxelo Yomvakalisi Webandla uze uphawule inani leencwadi, iincwadana (kuquka iincwadana ezinemifanekiso) nelamaphephancwadi owahambisileyo ebudeni beenyanga ezili-12 ezidluleyo. Ngaba waphelela nje ekuzihambiseni? Okanye ngaba wadlulela ngaphaya kwenqanaba lokutyala? Kwabo bantu abaye babonisa umdla owaneleyo wokuthabatha uncwadi lwethu, bangaphi oye kwakhona waqhagamshelana nabo ngokukhawuleza? Ngaba uye wabuyela ukuze ubone enoba imbewu oyityalileyo iye yantshula kusini na? Ngaba uye waqhubeka uyinkcenkceshela ngokuyimfuneko waza wathandaza kuYehova ukuba ayihlumise?—Thelekisa IZenzo 16:14 neyesi-2 kwabaseTesalonika 3:1.
11 Mhlawumbi unobangela wokuba ungabuyeli okanye ungasiqhubi isifundo seBhayibhile ukukuba ucinga ukuba akunakukwazi. Kusenokwenzeka ukuba, oku kubangelwa sisimo sakho sengqondo kungekhona ukungabi nabuchule. UYehova akabathumanga abantu bakhe ukuba baye kwenza umsebenzi ngaphandle kokubaxhobisa ngokufanelekileyo. NgeLizwi lakhe elingcwele nangentlangano yakhe, usixhobisela “wonke umsebenzi olungileyo.” (2 Tim. 3:16, 17; 2 Kor. 3:5, 6) Ngomoya oyingcwele, ngeempapasho nangemiyalelo nemiboniso enikelwa eqongeni, singasathethi ngemizekelo eyakhayo yabakhonzi abanobuchule nabazinikeleyo abakulungeleyo ukusinceda, usinika oko sikufunayo. Akuyomfuneko ukuba sibe nemfundo ephakamileyo yehlabathi ukuze siqhube isifundo seBhayibhile. Kufuneka sisabele kwimfundo ephakamileyo yokomoya edluliselwa ngentlangano kaYehova.—Thelekisa IZenzo 4:13.
12 Kufuneka sikusebenzise ngokobuqu oko kufumaneka kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani, kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, kwiiNtlanganiso Zenkonzo nangeminye imiyalelo. Umpostile uPawulos wawaxelela ngokuphandle amaKristu angamaHebhere esithi: “Kuba, nakuba benifanele ukuba ngabafundisi, ngenxa yokuba sekumzuzu nakholwayo, nibuye naswela umntu wokunifundisa iziqalelo zokuqala zezihlabo zikaThixo.” (Heb. 5:12) Umntu owenza umsebenzi othile wobugcisa kangangeminyaka eliqela ulindeleke ukuba abe nobuchule obuthile bokusebenzisa izixhobo zakhe. Siya kwenza inkqubela ekufundeni indlela yokusingatha iingxubusho zeBhayibhile ukuba sibonisa umdla onyanisekileyo size senze umgudu wokwenene.—IMize. 12:24; 22:29.
13 Ukubuyela nokuxubusha ngokubhekele phaya ngemixholo yeBhayibhile kunye nabo babonisa umdla kwisigidimi soBukumkani kufuna ixesha nomgudu. Kodwa sifanele siqonde ukuba sisenyanisweni nje kungenxa yothando nobabalo lukaYehova. Oku kwabonakaliswa ngokuthi umntu othile achithe iiyure ezininzi esincekelele ekusifundiseni inyaniso. Ngokukwanjalo, uthando lufanele lusishukumisele ekongeni ixesha eliyimfuneko size silichithele kulo msebenzi ubaluleke ngakumbi wokwenza abafundi.—2 Kor. 5:14, 15; Efe. 5:15, 16.
14 Amabandla amaninzi aye alandela icebiso loMbutho lokwenza amalungiselelo okunikela ubungqina ngamarhatya. Iiyure zangongcwalazi zidla ngokuba lixesha elifanelekileyo lokubuyela kwabo babonise umdla. Ingxelo yendlu ngendlu, enenkcazelo ephathelele abantu ekunikelwe ubungqina kubo, ibalulekile ekwenzeni amabuyelo ngokunempumelelo nasekuqaliseni iingxubusho zeBhayibhile. Musa ukuziqhusheka encwadini okanye eBhayibhileni ezo ngxelo uze uzilibale. Ukulibala ukubuyela uze ukhumbule emva kweeveki xa kunokwenzeka ube kuloo ngingqi kumshiya loo mntu esisisulu sokutyelelwa ngabameli bakaSathana, abakuvuyelayo ukuxwila oko kutyaliweyo entliziyweni yaloo mntu. (Luka 8:12) Ngaba uza kuwakatyisa amacebo achuliweyo kaSathana ngokubuyela ngokukhawuleza? Ukuba uzixhalabisile ngembopheleleko yakho yaye uyalixabisa ilungelo onalo, uya kubuyela ngokukhawuleza, xa unokukwazi ukwenjenjalo.—1 Kor. 9:16, 23.
INDLELA YOKUQALISA ISIFUNDO SEBHAYIBHILE
15 Ukuqalisa isifundo seBhayibhile akuyonto enzima nentsonkothileyo. Bambi abantu basenokusamkela ngokulula isicelo sakho esingqalileyo sokubaqhubela isifundo seBhayibhile. Noko ke, abavakalisi abaninzi bakhetha ukungathethi nto ngesifundo kodwa ingxubusho yeBhayibhile bayikhokelele kwelo cala.
16 Kufuneka sibe nothando ngabantu nomnqweno onyanisekileyo wokubanceda. Kukwafuneka silungiselele kakuhle. Oku kufanele kuquke ukuhlola amanqaku osenokuba uwabhale phantsi ngokuphathelele oko benixubusha ngako naloo mntu uze ugqibe ngendlela oza kumngena ngayo ukuze uhambisele phambili ingxubusho yeBhayibhile. Zama ukuwagcina ngentloko amagqabaza oza kuwasebenzisa. Ngaba uza kucaphula imibhalo embalwa eyongezelelekileyo kumbandela ebeniwuxubushe kwixa elidluleyo? Okanye ngaba unokuvula iphecana okanye incwadi loo mntu anayo uze uqwalasele iziqendu ezimbalwa zentshayelelo kunye naye? Usenokukhetha umbandela anomdla kuwo. Ekuqaleni, chitha kuphela imizuzu eli-10 ukusa kweli-15. Ixesha linokwandiswa ngokuthe ngcembe, ngokuxhomekeke kubunzulu bomdla oboniswayo. Ukusebenzisa kwakho ingqiqo kufanele kukuncede uqonde indlela omawuqhube ngayo nexesha omele ulichithe.
17 Kuye kwanikelwa amacebiso amaninzi aluncedo kwiminyaka edluleyo okukunceda ube nenkqubela ekwenzeni abafundi. Njengenxalenye yongcelele, iinkupho zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha noNovemba 1990 zazinamanqaku aluncedo awayenomxholo othi “Fikelela Iintliziyo Ngezifundo ZeBhayibhile Ezinempumelelo” nothi “Ukwalathisela Izifundo ZeBhayibhile Kwintlangano KaYehova.” Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaFebruwari 1987 babunenqaku elalisithi “Ukulungiselela Nokuqhuba Izifundo ZeBhayibhile Zamakhaya.” Ukuhlola ngokufutshane i-Index phantsi komxholo othi “Bible Studies” kuya kukwalathisela kwinkcazelo eyongezelelekileyo eluncedo.
18 Njengomzekelo wendlela yokuqhuba isifundo, nikela ingqalelo koko kwenziwayo kwiSifundo Sencwadi Sebandla. Kambe ke, kwisifundo seBhayibhile sekhaya, akwabelwa kwangaphambili umbandela omele uwugubungele. Ngoko ufanele umisele ubungakanani bombandela eniwugubungelayo ngokuxhomekeke ekuqondeni nakwiintswelo zomfundi. Ukongezelela, umveleli wenkonzo nabanye abavakalisi abanamava noovulindlela bangakuvuyela ngokwenene ukukupheleka baze banikele amacebiso aluncedo ngendlela yokuqhuba izifundo zeBhayibhile ngokunempumelelo.
19 Ekubeni siqonda ukuba uYehova unendima eyintloko kwimigudu yethu yokunceda abantu, sifanele sithandazele kungekuphela nje ukufumana isifundo kodwa kwanenkqubela yabo banomdla esibafumanayo. Isimo sethu sengqondo neemvakalelo zethu zimele zifane nezo zompostile uPawulos xa wayenikela ubungqina kuKumkani uAgripa: “Ndithandaza kuThixo, ukuba ingabi nguwe wedwa, ibe ngabo bonke abandivayo namhlanje, abaya kuthi, nangokuncinane nangokukhulu, babe njengam nje.” (IZe. 26:29) UPawulos wayefuna ukuba abo babemphulaphule babe ngabafundi bokwenene bakaKristu, enoba oko kwakufuna uncedo lobuqu lokwexeshana okanye lwexesha elide ngakumbi.
20 Ukuqhuba izifundo zeBhayibhile kusenza ‘siqononondise iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.’ (IZe. 20:24) Kukho inkitha yabantu esenokuphuma ebumnyameni ize ekukhanyeni yaye iphume phantsi kwegunya likaSathana ize kuThixo. (IZe. 26:18) Wena, ongumkhonzi kaYehova ozahluleleyo nobhaptiziweyo, ufanele uphumeze indima yakho ngokutyala iimbewu zenyaniso uze uqhubeke uzinkcenkceshela ngeengxubusho zeBhayibhile nangezifundo zeBhayibhile zamakhaya ezithe rhoqo. Ngaloo ndlela unokufumana uvuyo olukhulu lokubona abantu besiba ngabafundi baze bakuthelele ekuncedeni abanye babe ngabafundi bakaYesu Kristu.