Ilungiselelo LeSifundo Sencwadi Sebandla
Icandelo 2: Imfuneko Yokulungiselela Nokuba Nenxaxheba
1 ILizwi likaYehova lithi unoyolo umntu ofumana ubulumko nozuza ukuqonda, kuba mkhulu umvuzo woko. (IMize. 3:13, 14, 16-18) Ubulumko bokomoya buxabisekile kwaye busindis’ ubomi. Bumenza umKristu akwazi ukulusebenzisa kakuhle ulwazi alufumana kwiLizwi likaThixo ekunquleni ngokukhutheleyo, ekucombululeni iingxaki zemihla ngemihla nasekwenzeni izigqibo eziphathelele usukelo lwakhe ebomini.
2 ISifundo Sencwadi Sebandla silungiselelwe ukusinceda ukuba silifunde size silisebenzise iLizwi likaThixo size ngaloo ndlela sibe nobulumko obungakumbi nokuqonda okungakumbi ngezinto zokomoya. Ngoko ke, ukubakho rhoqo kwiSifundo Sencwadi Sebandla kufanele kube yinxalenye esisiseko yocwangciso lwethu lobuqu lokufuna ubulumko.—IMize. 4:7-9.
LUNGISELELA NGOKUCOKISEKILEYO
3 Wambi amalungu ebandla lenkulungwane yokuqala awazange azibhokoxe ekufundeni inyaniso aze ahambisane nokukhanya okuhambela phambili. Ahlala eziintsana kuKristu ibe ngenxa yoko ayengaqhelananga nelizwi lobulungisa. (Heb. 5:11-13) Umpostile uPawulos walibongoza ibandla ukuba ‘liqhubele kwelokukhula.’ (Heb. 6:1) Ngokucacileyo, oku kufuna okungakumbi kunokuphulaphula nje abanye bexubusha ngenyaniso. Kufuneka sicinge size senze uphando ukuze sivuselele ‘amandla ethu okucinga,’ yaye simele sizibhokoxe.—2 Pet. 3:1, 2, NW; Luka 13:24.
4 Ukusilungiselela ngokucokisekileyo iSifundo Sencwadi Sebandla kukhulisa ukuqonda kwethu kuze kwakhe uxabiso lwethu ngombandela lowo. Noko ke, ukuze silungiselele ngokunempumelelo kufuneka senze okungakumbi kunokufunda iziqendu nokukrwela ngokukhawuleza iimpendulo. Kufuneka sichithe ixesha siwetyisa umbandela ngokucamngca ngentsingiselo yawo nangendlela oxabiseke ngayo kuthi ngokobuqu. Funda izibhalo ezalathiweyo uze ucinge ngendlela ezihlobene ngayo neengongoma ezikwiziqendu. Hlola amagama ongawaqondi kakuhle.
5 Kwabanye bethu, ufundisiso lobuqu lusenokuba ngumsebenzi onzima, yaye lufuna ixesha; kodwa, hayi indlela oluyingenelo ngayo! UPawulos wathetha ngemiphumo yofundisiso olunzulu ngolo hlobo, esithi: “Kokwabakhulileyo ke ukudla okuqinileyo, abo bathi, ngenxa yobugcisa, babe nezimvo eziqheliselwe ukucalula okuhle kwanokubi.” (Heb. 5:14) Ufundisiso olunjalo lobuqu luyasinceda ukuba sibe ngabaqolileyo, ukuze sikwazi ukukhetha ikhondo elifanelekileyo xa kufuneka senze izigqibo.
YIBA NENXAXHEBA
6 Sifanele sizabalazele ukuba nenxaxheba kwintlanganiso nganye. Ngoba? Amagqabaza ethu alungiselelwe kakuhle awabonakalisi nje ukholo lwethu kuphela kodwa kwakhona ayabakhuthaza aze abakhe abazalwana bethu. (Roma 10:10; Heb. 10:23-25) Kwakhona ukuba nenxaxheba ngokukhutheleyo kwiSifundo Sencwadi Sebandla kunendima ebalulekileyo ekukhuleni kwethu ngokomoya. Ukuba abo banamava, abantwana nabantu abasandul’ ukuba nomdla bonke bagqabaza ngokukhululekileyo, iqela liyazinandipha ezo mpendulo zivela kubantu abahlukahlukeneyo. Oku kuyafundisa yaye kuyahlaziya kubo bonke.—kmXO 3/86 iphe. 3.
7 Ukuba sisilungiselela ngokukhutheleyo iSifundo Sencwadi Sebandla, sibekho rhoqo kuso, size sibe nenxaxheba ngokukhululekileyo, ukufuna kwethu ubulumko kuya kuba nempumelelo yaye siya ‘kukufumana ukumazi uThixo.’—IMize. 2:4, 5.