Ilungiselelo LeSifundo Sencwadi Sebandla
Icandelo 4: Yakhanani Ngamaxesha Onke
1 Ngamnye kwiqela leSifundo Sencwadi Sebandla unokuba nendima ebalulekileyo ekukhuleni ngokomoya kwabanye abakwelo qela. Sonke sifuna ukuthobela umyalelo weZibhalo ‘wokuvuselelana eluthandweni nasemisebenzini emihle, ingakumbi njengoko isiphelo sisondela.’—Heb. 10:24, 25.
2 Ukuncedana: Sonke sinokunceda ekubangeleni umoya wothando nowobuhlobo kwisifundo sencwadi. Xa ngamnye wethu ebonisa umdla wobuqu kwamanye amalungu, oko kufak’ isandla ekumanyaneni kweqela. KumaGalati 6:10 siyalelwa ukuba “sisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.” Ngokomzekelo, ngaba uyaphawula xa abanye kwisifundo sencwadi okuso begula yaye bengekho ezintlanganisweni? Mhlawumbi unokuqhagamshelana nabo ngomnxeba okanye ubatyelele ngokobuqu. Umoya ololo hlobo kwiqela lesifundo sencwadi uyabamanyanisa abazalwana.
3 Ngaba abanye bafuna ukhuthazo ngenxa yeengcinezelo zemihla ngemihla, iimbopheleleko zentsapho, okanye ezinye iingxaki? Yintoni onokuyenza ukuze uncede? Yenza umgudu okhethekileyo wokuncokola nabanye ezintlanganisweni, ungapheleli nje ekubabuliseni. Abanye basenokuba neentloni kodwa babe befuna umntu onokuncokola nabo yaye bayasabela xa ubani esenjenjalo. (uwXO iphe. 137-8) Umpostile uPawulos wakhuthaza amaKristu ukuba ‘abakhuze abamxhelo mncinane, abasekele abathambileyo, abe nokuzeka kade umsindo kubantu bonke.’ (1 Tes. 5:14) Ukuba ubani uyagula okanye udimazekile, hayi indlela ekuthuthuzela ngayo xa abahlobo bemtyelela ukuza kumnceda! Ngokufuthi, ukwazi nje ukuba kukho umntu okukhathaleleyo kusenokuba luncedo gqitha.
4 Kwakhona sifuna ukusebenzisana namalungiselelo enkonzo yasentsimini. Sifanele sizame ukusebenza nabantu ngabantu kwiqela esikulo. (2 Kor. 6:11-13; 12:15) Maxa wambi sisenokucelwa ngumqhubi wesifundo sencwadi ukuba sincede omnye. Sisabela njani? Iqela lesifundo sencwadi lomelezeka kakhulu xa abavakalisi noovulindlela besebenzisana kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zomsebenzi wokushumayela nowokwenza abafundi.
5 Umzekelo Wobuqu: Kukho ezinye iindlela onokufak’ isandla ngazo kwilungiselelo lesifundo sencwadi. Umzekelo wakho omhle ubalulekile. Ngokomzekelo, xa unxiba ngendlela onxiba ngayo xa usiya kwintlanganiso eqhutyelwa kwiHolo yoBukumkani, ubonakalisa intlonelo. Ubamisela umzekelo omhle abo basenokuba baye bavelisa umkhwa wokunxiba ngokungakhathali. Ngaba ukwenza uqheliselo ukufika ngexesha ukuze ungaphazamisi intlanganiso?
6 Ilungiselelo leSifundo Sencwadi Sebandla lilungiselelo lothando elivela kuYehova nekufuneka silixhase ngokupheleleyo. (Isa. 40:11) Yindawo esinokufumana kuyo uncedo lobuqu size kwakhona sifak’ isandla ekuhlaziyeni abanye ngokomoya. Sonke ‘masithuthuzelane, sakhane’ ngokulixhasa ngokuzeleyo eli lungiselelo.—1 Tes. 5:11.