Ukusebenzisana Nomqhubi Wesifundo Sethu Sencwadi Sebandla
1 ISifundo Sencwadi Sebandla sinendima ebalulekileyo ekukhuliseni ubuchule bethu njengabalungiseleli beendaba ezilungileyo. La maqela agcinwa emancinane ngenjongo yokukhuthaza imeko-bume efudumeleyo, efana neyentsapho yesifundo seBhayibhile nesenye yeempapasho zoMbutho. Kwakhona la maqela mancinane akwimeko efanelekileyo yokusiqeqesha ukuba siphumelele ngakumbi kubulungiseleli basentsimini. Mntu ngamnye uzuz’ ukhuthazo nengqalelo kwilungiselelo lesifundo sencwadi. Sinokusebenzisana njani ngokuzeleyo nomqhubi waso size singenelwe kweli lungiselelo lihle?
2 Ukuba Nesabelo Ngenzondelelo Kubulungiseleli Basentsimini: Enye yezona mbopheleleko zibalulekileyo zomqhubi wesifundo sencwadi kukunceda ilungu ngalinye leqela ukuba libe nesabelo ngenzondelelo kubulungiseleli. Kule nkalo, incwadi Ubulungiseleli Bethu kwiphepha 44 isikhumbuza ukuba “ukubakho kwakhe ngokuthe rhoqo, inzondelelo nehlombe alibonakalisayo ngomsebenzi wasentsimini liya kuphumela kubavakalisi.” Ngamaxesh’ athile umqhubi uya kusebenza namalungu entsapho yakhe enkonzweni, kodwa kwakhona uya kukuvuyela ukuhamba nabanye kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zobulungiseleli xa iimeko zakhe zimvumela. Ngaba unokuzixhasa rhoqo iintlanganiso zenkonzo yasentsimini? Ukuba wenjenjalo oko kuya kuxatyiswa kakhulu ngumqhubi wesifundo sencwadi okuso nangabanye abavakalisi.
3 Iintlanganiso zenkonzo yasentsimini zilungiselelwa kwiindawo ezifanelekileyo ukuze bonke babe nesabelo ngenzondelelo kumsebenzi wokushumayela. Ngoxa linikela ingqalelo kwiimeko zasekuhlaleni, iqela ngalinye lifanele lizabalazele ukuqalisa kubulungiseleli kwangethuba. Ngempela-veki abavakalisi abaninzi noovulindlela baba nemiphumo emihle xa beqhubeka kubulungiseleli de kube semva kwemini.
4 Ngaba ufuna uncedo kwinkalo ethile yobulungiseleli? Mhlawumbi umqhubi wesifundo sencwadi okuso unokulungiselela umvakalisi onobuchule kwiqela lenu ukuba asebenze nawe. Ekupheleni kwenyanga, qiniseka ukuba ingxelo yakho yenkonzo yasentsimini uyifaka ngokukhawuleza. Umqhubi wesifundo sencwadi nonobhala baya kuyixabisa intsebenziswano yakho kwanakule nkalo ibalulekileyo.—Thelekisa uLuka 16:10.
5 Xa Umveleli Wenkonzo Etyelela Iqela Lenu: Ngokuqhelekileyo, nyanga nganye umveleli wenkonzo utyelela iqela elinye lesifundo sencwadi ukuze alikhuthaze ukuba lisebenze ngakumbi yaye lisebenze ngokunentsingiselo ngakumbi kwinkonzo yasentsimini. Nikela ingqalelo ngenyameko kwintetho yemizuzu eli-15 ayinikelayo ekuqukunjelweni kwesifundo sencwadi, ekubeni iya kunikela icebiso elingqalileyo eliya kunceda iqela ukuba liphucule kwiinkalo ezahlukahlukeneyo zomsebenzi wokushumayela. Kwakhona umveleli wenkonzo uya kunqwenela ukusebenza namalungu ahlukahlukeneyo esifundo sencwadi ngempela-veki. Qiniseka ukuba uyalisebenzisa eli lungiselelo likhethekileyo ukuze ungenelwe kumava akhe nakubuchule bakhe entsimini.
6 Umzekelo wethu wobuqu wentsebenziswano nowokuvuma ukunceda abangenamava uya kunceda ekwakheni imeko-bume efudumeleyo nenobuhlobo kwiSifundo Sencwadi Sebandla njengokuba ‘sisebenza okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.’—Gal. 6:10.