Amacebiso Asebenzisekayo Ukulungiselela Inkonzo Yasentsimini
1 Ngaba maxa wambi uyathingaza ukuba nenxaxheba kwinkalo ethile yenkonzo yasentsimini ngenxa yokungazi ukuba uza kuthini? Ukuba kunjalo, siqinisekile ukuba uya kuwaxabisa amacebiso athatyathwe kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani.
2 Ukususela kule nkupho, Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani buza kunikela amacebiso angakumbi okunikela isigidimi soBukumkani, enoba kukwindlu ngendlu, kwibuyelo, okanye kwisifundo seBhayibhile. La macebiso afanele akwenze ucinge nzulu ngamazwi ofuna ukuwasebenzisa kubulungiseleli. Xa ulungiselela ubulungiseleli, khetha intshumayelo eyifanela kakuhle intsimi yenu. Ngokulandelayo, khetha enoba uza kusebenzisa amazwi acetyisiweyo enqakwini okanye uya kuwaguqula la mazwi ukuze avisisane neemeko zasekuhlaleni okanye nobuntu bakho. Intshumayelo yakho isenokuvakala njengencoko ngakumbi ukuba uyivakalisa ngokukhululekileyo ngamazwi akho. Ngaba ubungathanda ukwandisa ubulungiseleli bakho ngandlel’ ithile, mhlawumbi ngokubandakanyeka kwinkalo ethile yabo okwesihlandlo sokuqala? Amacebiso aneenkcukacha anikelwayo asenokuba kanye koko ukufunayo ukuze uqalise.
3 Ukuba uqhuba enye yeentlanganiso zebandla zenkonzo yasentsimini, ufanele uqhelane kakuhle nombandela opapashwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Yilungiselele kakuhle inkupho yakho, uze unikele ingqalelo kumacebiso ekusenokwenzeka ukuba abe ngawona aphumelelayo ekuhlaleni.
4 Sonke siyazinandipha izinto esizenza kakuhle. Siyathemba ukuba la macebiso asebenzisekayo aya kunceda kokubini abavakalisi abasebatsha nabanamava ukuba baphumelele yaye babunandiphe ubulungiseleli babo boBukumkani.