Ukubonakalisa Inkxaso Koovulindlela
1 Abantu bakaThixo baziwa ngokuba nenxaxheba ngenzondelelo kubulungiseleli. Nangona ingengabo bonke abaneemeko ezibavumelayo ukungenela ubuvulindlela, sifanele sizabalazele ukukhuthaza umoya wobuvulindlela, sikwenze ngomphefumlo uphela oko sikwenzayo. Sivuyisana nabo yaye siyabakhuthaza abaninzi abanako ukungenela inkonzo yobuvulindlela.
2 Ukungenela ubuvulindlela nokuhlala kubo linyathelo elikhulu. Oovulindlela banendima enkulu kumsebenzi wokushumayela nowokufundisa. Oku kufuna umgudu nokuzincama okukhulu ukuze kwenziwe. Abanye banokubaxhasa baze babakhuthaze njani aba bakhonzi banenzondelelo bexesha elizeleyo?
3 Oko Kunokwenziwa: Oovulindlela bafuna inkxaso yabadala. Kubangela ukhuthazo olukhulu xa abadala besebenza noovulindlela. Abadala abaninzi bazabalazela ukuba basebenze novulindlela ngamnye osebandleni ubuncinane kanye ngonyaka. Ngale ndlela abadala bayakwazi ukubancoma oovulindlela ngoko bakwenzayo baze babancede ukwenza inkqubela engakumbi. Kusenokufuneka ukuba oovulindlela baluhlengahlengise ucwangciso lwabo ukuze babe senkonzweni xa abadala bekho. Kwakhona, abadala bafanele baqinisekise ukuba amaqela anentsimi eyaneleyo. Kunokwenziwa ucwangciso lokuba kubekho iintlanganiso ezongezelelekileyo zenkonzo yasentsimini emva kwemini okanye ngeengokuhlwa ukuze zivisisane nocwangciso loovulindlela. Oku bekuya kuba njalo ngokukodwa ebudeni bezo nyanga zobukho boovulindlela abaliqela babancedani.—Isa. 40:11.
4 Izicaka zolungiselelo zikwimeko entle yokunceda oovulindlela ngokubaxhasa kubulungiseleli nangokuwanyamekela ngenkuthalo amalungiselelo ebandla. Oodade abangovulindlela bayayixabisa into yokuba abazalwana bakhokele ekulungelelaniseni amaqela enkonzo yasentsimini. Abo basingatha uncwadi namaphephancwadi banokuqinisekisa ukuba kukho izixa ezaneleyo. Ukunyamekela imibandela enjalo kuyabanceda oovulindlela ukuze banikele ingqalelo kubulungiseleli babo.
5 Wonke Ubani Unokufak’ Isandla: Abavakalisi banokufak’ isandla ngokuzenza bafumaneke ukuze basebenze rhoqo noovulindlela. Oovulindlela bayakunandipha ukuba nabanye abavakalisi nenkxaso yabo. Mhlawumbi unokucwangcisela ukuba usebenze noovulindlela kanye ngeveki okanye kabini ngenyanga. Kunokwabelwana noovulindlela ngezinto eziphathekayo, yaye oovulindlela babuxabisa gqitha ububele obunjalo.—Fil. 4:14-19.
6 Kuninzi okunokwenziwa ziintsapho ukunceda amalungu azo angoovulindlela. Ngokufuthi, kunokucwangciswa ngokutsha imisebenzi yasendlwini ukuze ilungu elinye okanye angakumbi entsatsheni akwazi ukuba ngoovulindlela. Omnye udade onabantwana abathathu usebenza iintsuku ezimbini ngeveki. Oonyana bakhe bayamncedisa ngokuya kuthenga izinto ezifuna ukuthengwa nokwenza imisebenzi yasekhaya. Intombazana incedisa ngokucoca nokupheka. Ekugqibeni kwayo esikolweni, nayo iye yaqalisa ukuba nguvulindlela, itshintshisana nonina ngeentsuku zokuphangela. Intsebenziswano enjalo entsatsheni yenza abangakumbi bakwazi ukuba ngoovulindlela yaye izisa iintsikelelo entsatsheni.
7 Oovulindlela abakhutheleyo bazibonakalisa beyintsikelelo ebandleni ngeendlela ezininzi. Inzondelelo nomzekelo wabo ukhuthaza abaninzi ukuba benze okungakumbi enkonzweni. Ngokuqinisekileyo, sifanele senze okusemandleni ethu ukubaxhasa. Imigudu enjalo emanyeneyo izisa uvuyo kubo bonke yaye iphumela ekudunyisweni kukaYehova.