Iintlanganiso Zenkonzo KaMatshi
Iveki Eqala NgoMatshi 2
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Bonisa indlela amanqaku athile kumaphephancwadi angoku asenokusetyenziswa ngayo kumsebenzi wamaphephancwadi ngoMgqibelo.
20 imiz: “ISityhilelo—Ukutyhilwa Kweemfihlelo.” Ukugutyungelwa kwenqaku ngemibuzo neempendulo. Balaselisa intshumayelo enokusetyenziswa ekuhlaleni xa kunikelwa incwadi Incopho YeSityhilelo. Yiba nemiboniso emifutshane yokubonisa indlela enokoyiswa ngayo inkcaso eqhelekileyo. Ukuba umninimzi uthi: “Sinonqulo lwethu,” ngobuchule mbuze: “Ngaba kutshanje ecaweni yenu nikhe naxubusha ngencwadi yeBhayibhile yeSityhilelo?” Qhubela ingxubusho ekufundeni ISityhilelo 1:3. Omnye umbuzo onokubuzwa ngothi: “Icawa yakho iyijonga njani incwadi yeSityhilelo?”
15 imiz: “Iintshumayelo Ezivusa Umdla.” Ingxubusho ngumdala onamava noovulindlela kunye/okanye nabavakalisi ababini okanye abathathu. Hlolisisa amacebiso awahlukahlukeneyo asenokuba luncedo kwintsimi yasekuhlaleni.
Ingoma 15 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 9
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Khuthaza abo baceba ukuba ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili ukuba bafumane iifomu zesicelo baze bazingenise ngokukhawuleza.
15 imiz: “Buyela Kwakamsinya Kwabo Babonakalisa Umdla.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo.
20 imiz: “Ndinokuthini Ukuze Ndivuse Umdla Ongakumbi?” Yiba nemiboniso emibini okanye emithathu eqheliselwe kakuhle. Emva komboniso ngamnye, buza abaphulaphuli isizathu sokuba bevakalelwa kukuba intshumayelo ingawuvuselela ngakumbi umdla womninimzi.
Ingoma 19 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 16
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Ingxelo yemali. Quka isaziso soMbutho sokufunyanwa kweminikelo. Bancome abazalwana ngokulandela umgaqo okwiDuteronomi 16:17.
15 imiz: “Yazisa Izenzo ZikaYehova.” Ingxubusho yemibuzo neempendulo. Khuthaza bonke ukuba basebenzisane ekwenzeni uAprili abe yinyanga ekhethekileyo yokusebenza.
20 imiz: Umdala uxubusha nabavakalisi abathathu okanye abane abaza kube bengoovulindlela abangabancedani ngoAprili okanye abebengabo ngaphambili. Ubabuza oko kubashukumisele ukuba babe ngoovulindlela, oko balungiselele ukukwenza ngoAprili, kunye nawo nawaphi na amava abasenokuba babe nawo ngaphambili xa babengoovulindlela abangabancedani. Yazisa amagama abo ukuza kuthi ga ngoku izicelo zabo zokuba ngoovulindlela abangabancedani ngoAprili sezamkelwe.
Ingoma 123 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 23
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Iindaba Ezingokobuthixo. Khuthaza ukuba kucingwe ngenkonzo yobuvulindlela bobuncedani ngoAprili. Chaza amalungiselelo okumemela abantu kwintetho ekhethekileyo ngoAprili 5 nawokwandisa umsebenzi ngoAprili.
15 imiz: Umveleli wenkonzo uxubusha imisebenzi ekhethekileyo ka-Aprili elungiselelwe ibandla. Ubhekisela kwileta kaFebruwari 25, 1992, ebhalelwe bonke abadala. Ngaba abavakalisi bagqibile ukwenza amalungiselelo abo obuvulindlela bobuncedani ngoAprili? Intetho ekhethekileyo iya kuba ngoAprili 5 yaye iSikhumbuzo soba ngoAprili 17. Sifuna ukuhambisa amaphephancwadi amaninzi kangangoko kunokwenzeka ngoAprili, ngokukodwa ngosuku olukhethekileyo lwamaphephancwadi, ngoAprili 11. Ngawaphi amalungiselelo enzelwe ibandla lasekuhlaleni? Bakhuthaze bonke ukuba bawaxhase la malungiselelo baze babe nesabelo kumsebenzi wamaphephancwadi kuzo zonke iimpela-veki zika-Aprili. Abaqhubi bezifundo zencwadi bafanele bakhuthaze baze bancede umvakalisi ngamnye kumaqela abo ukuba abe nenxaxheba entle kangangoko enkonzweni yaye afake ingxelo ngokukhawuleza ekupheleni kuka-Aprili.
15 imiz: Umdala uxubusha iSingxobo Semibuzo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1990. Ekubeni le nkcazelo yayipapashiwe yaza yaxutyushwa, kuphawuleke ukuba kusekho abaninzi abanganxibi ngendlela efanelekileyo xa betyelela iofisi yesebe. Inkcazelo engasentla iya kusebenza naxa kutyelelwa iiOfisi Zabaguquleli ZaseNamibia, eziseWindhoek, ekubeni enyanisweni ezi zigqalwa njengenxalenye yesebe laseMzantsi Afrika. Lungiselela umboniso womvakalisi ecacisela lowo afunda naye iBhayibhile ngale nkcazelo ngaphambi kotyelelo olucetyiweyo lokuya eBheteli. (2-3 imiz.)
Ingoma 213 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoMatshi 30
8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Bakhumbuze bonke ukuba umnikelo wangoAprili nangoMeyi ngumrhumo weMboniselo. Xa umrhumo ungamkelwa, kusenokunikelwa amaphephancwadi amabini nombhalo wayo nayiphi na incwadana enemifanekiso (ngaphandle kwethi Isikolo).
12 min: “Oku Kwenzeleni Ukundikhumbula.” Intetho ngumveleli owongamelayo nothabatho-nxaxheba lwabaphulaphuli. Quka umbandela okwibhokisi.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni okanye intetho enikelwa ngehlombe esekelwe kwinkcazelo ekwinqaku elithi “Imizekeliso—Undoqo Ekufikeleleni Iintliziyo” kwiMboniselo kaSeptemba 15, 1991. Bonisa imizekeliso engafaneleka kwintsimi yasekuhlaleni neentshumayelo zangoku.
10 imiz: Amava ekusebenziseni incwadi Incopho YeSityhilelo ngoMatshi. Mema abaphulaphuli ukuba babalise amava akhethiweyo nakhuthazayo ngokuvuma kwexesha.
Ingoma 72 nomthandazo wokuqukumbela.