Yazisa Izenzo ZikaYehova
1 “Zaziseni ezizweni izenzo zakhe, izenzo zakhe ezincamisayo; likhankanyeni igama lakhe ukuba liyingxonde . . . ; ngokuba enze ngobungangamsha.” (Isa. 12:4, 5) Usabela njani kwesi sibongozo? Xa sicinga ngezenzo zikaYehova kuthi njengeqela labantu nanjengabantu ngabanye, ngaba iintliziyo zethu azishukunyiselwa ukuba sixelele abanye ngazo? Kwiminyaka enokuba ngama-73 eyadlulayo, uYehova wakhulula abantu bakhe ekuthinjweni okwakufana nokwaseBhabhiloni. Ukususela ngowe-1919 unqulo lokwenyaniso luye lwamiselwa ngokuqinileyo yaye ngoku luye lwafikelela kuyo yonke imimandla yomhlaba. Umlinganiselo uYehova azenze ngawo ezi zinto ukugqwesile oko besikulindele. Wena ngokwakho, uluxabisa ngokunzulu kangakanani ukhokelo, inkuselo nentsikelelo kaThixo? Ngaba unokuthi chatha ekwaziseni izenzo zakhe nasekuphakamiseni igama lakhe?
2 Ixesha leSikhumbuzo lisikhumbuza into eyenziwa nguThixo esingasokuze siyeke ukumbulela ngayo. Inyanga ka-Aprili iya kuba lelona xesha lifaneleke gqitha lokubonisa uYehova ukuba siyambulela yaye sinoxabiso ngokubhalisa njengovulindlela ongumncedani. Kwakhona, ukuba unguvulindlela ongumncedani ebudeni botyelelo lomveleli wesiphaluka, uya kungenelwa ngakumbi kuncedo nokhuthazo lwakhe kubulungiseleli.
3 Ngokufuthi, amalungiselelo ayaphumelela xa iqela labavakalisi libhalisa njengoovulindlela abangabancedani. Kunokwenziwa ucwangciso oluhle ukuze bonke babe nomntu abaza kusebenza naye, yaye oodade abanabantwana abancinane banokucwangcisela ukuba bancedisane. Ngokucwangcisa kakuhle, abaninzi bafumanise ukuba akunzima ukufikelela iiyure ezingama-60 ezifunekayo. Oku kuthetha ukuchithela umlinganiselo weeyure nje ezimbini ngosuku okanye ezili-15 ngeveki kubulungiseleli. Bambi oovulindlela abangabancedani banikela ubungqina iyure enye okanye ezimbini ngaphambi okanye emva komsebenzi wabo wempangelo yaye bachitha ixesha elingakumbi entsimini ngeempela-veki.
4 Kwanokuba akunakukwazi ukuba nguvulindlela ongumncedani, usenokukwazi ukwandisa inkonzo yakho yasentsimini. Kwakhona, ngokubanceda ngezithuthi okanye ngokusebenza nabanye abangoovulindlela, uya kubakhuthaza. Nakuphi na esinokukwenza ekwaziseni igama likaYehova nezenzo zakhe kuya kubonwa nguThixo wethu onoxabiso.—Mal. 3:16.