IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/92 iphe. 3
  • “Oku Kwenzeleni Ukundikhumbula”

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • “Oku Kwenzeleni Ukundikhumbula”
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ekulungiseleleni Isikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Lungiselelani ISikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
  • Okumele Kukhunjulwe NgeSikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2001
  • Okumele Kukhunjulwe Ngesikhumbuzo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 3/92 iphe. 3

“Oku Kwenzeleni Ukundikhumbula”

1 UYesu wayalela abalandeli bakhe ukuba benze isikhumbuzo sokufa kwakhe. (Luka 22:19) Esi sikhumbuzo sasiya kubakhumbuza ngedini elikhulu elenziwa nguYesu ngenxa yoluntu. Kulo nyaka amaNgqina kaYehova ehlabathini lonke aza kuba neSikhumbuzo sokufa kukaYesu ngoLwesihlanu, Aprili 17, emva kokutshona kwelanga.

2 Ukuzilungiselela Kobuqu: Sinokulungiselela njani ukuze sisikhumbuze kakuhle esi sihlandlo sibalulekileyo? Enye indlela esinokukwenza ngayo kukucingisisa ngomthandazo ngobomi nobulungiseleli bukaYesu basemhlabeni. Waba nguMkhululi woluntu ngokunikela ubomi bakhe obufezekileyo bobuntu ukuba bube lidini. (Mat. 20:28) Ukuze sincede bonke baliqonde eli lungiselelo, sincomela ukuba bahlolisise isahluko 112 ukusa kwese-116 sencwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila.

3 Ufundo lwethu lweBhayibhile ngaphambi kweSikhumbuzo kulo nyaka, njengoko luphawulwe kwiKhalenda YamaNgqina KaYehova Yowe-1992, luquka iindinyana ezikhethiweyo kwincwadi yeBhayibhile kaMarko. Olu fundo lweBhayibhile lukhethekileyo lucwangciselwe ithuba leentsuku ezintandathu ukususela ngeCawa ukusa ngoLwesihlanu, Aprili 12-17. Sonke sifanele siziphe ixesha elaneleyo lokucamngca ngezi ziganeko zibalulekileyo.

4 Ukulungiselela Ngokucokisekileyo Kwabadala: Qinisekisani ukuba izimemo zeSikhumbuzo ziyafumaneka. Ngaba kukho izihlalo ezaneleyo ukwenzela bonke ekulindeleke ukuba babekho? Ukuba iholo iza kusetyenziswa ngamabandla angaphezu kwelinye, kufuneka kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo okuba ibandla ngalinye libe nexesha elaneleyo lokwenza iSikhumbuzo. Abo bakhonza njengabalindi bafanele baziswe ngemisebenzi yabo. Bafanele babe ngabokuqala ukwamkela abantu abasebatsha abezileyo. Kufanele kutyunjwe isithethi esifaneleke kakuhle nesiya kuyinikela inkcazelo ngokucacileyo nangeZibhalo. Yabelani abadala okanye izicaka zolungiselelo ezifanelekileyo ukuhambisa imifuziselo. Kufanele kulungiselelwe isonka esingenagwele newayini ebomvu engaphithikezwanga. Ukuze nifumane amazwi angakumbi akhumbuzayo, bonani inkupho yeMboniselo kaFebruwari 15, 1985, iphepha 17.

5 Ngokulungiselela ngokucokisekileyo kusengaphambili, siya kubonisa ukuba sikuqonda ngokupheleleyo ukubaluleka kwesi sihlandlo sikhethekileyo yaye sinqwenela ukukhumbula iSikhumbuzo sokufa kukaKristu ngokuvisisana nomyalelo kaYesu.—1 Kor. 11:23-26.

[Box on page 3]

1. Ngaba wonk’ ubani, kuquka isithethi, wazisiwe ngexesha nendawo echanileyo yesikhumbuzo? Ngaba isithethi sinaso isithuthi sokusisa kuyo?

2. Ngaba enziwe amalungiselelo aqinisekileyo okulungiselela imifuziselo?

3. Ngaba enziwe amalungiselelo okuba uthile eze nelaphu letafile elicocekileyo nenani elifunekayo leeglasi neepleyiti?

4. Ngawaphi amalungiselelo enziweyo okucoca iholo ngaphambi kweSikhumbuzo nokuyicoca nje okungephi kamva ukuba iholo iza kusetyenziswa lelinye ibandla ngaloo ngokuhlwa? Ngaba enziwe amalungiselelo esandisi-lizwi ukuba kusetyenziswa iholo eqeshiweyo?

5. Ngaba bakho ababelwe ukuba ngabalindi nabaza kuhambisa imifuziselo? Ngaba icwangcisiwe intlanganiso nabo ngaphambi kweSikhumbuzo ukuze kuthethwe ngemisebenzi abaza kuyenza? Nini? Yiyiphi inkqubo eya kulandelwa ukuze kuqinisekiswe ukuba imifuziselo ihanjiswe kubo bonke ngendlela eyiyo?

6. Ngaba enziwe amalungiselelo okunceda abazalwana noodade abakhulileyo nabaneziphene? Ngaba enziwe amalungiselelo okuhambisela imifuziselo nawuphi na ongowabathanjisiwa osenokuba unesiphene aze angabi nako ukuya kwiHolo yoBukumkani?

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share