Iindaba Ezingokobuthixo
EMzantsi Afrika: Kukhuthaza ngokwenene ukubona ukuba izakhiwo zeeHolo zoBukumkani ezingama-25 bezisele zihambele phambili kakhulu kwasekuqaliseni nje kwalo nyaka. Kwakhona, amabandla aliqela alungisa iiholo zawo. Sikhuthaza abo babandakanyekileyo ekwakhiweni kweeHolo zoBukumkani ukuba bathi chu njalo.
◼ Ebudeni bukaJanuwari noFebruwari kuqhutywe iSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani sowe-1992 ukwenzela abadala abangama-3971 nezicaka zolungiselelo ezingama-3637. Zonke ezo zikolo ziqhutywe ngokunempumelelo yaye kuye kwavakaliswa amazwi amaninzi oxabiso ngezifundo ezinikelweyo. Abadala bayixabise ngokukhethekileyo incwadi yesikhokelo yeSikolo Sobulungiseleli SoBukumkani ehlaziyiweyo. UMbutho ufuna ukubulela bonke abadala nezicaka zolungiselelo ngeminikelo yabo yemali kumsebenzi woBukumkani.
ESt. Lucia: Kufikelelwe incopho entsha yabavakalisi abangama-481 ngoNovemba.
ETahiti: Kufikelelwe incopho entsha yabavakalisi abali-1366 ngoNovemba ulwando lwe-10 ekhulwini.
EThailand: Kunikelwe ingxelo yencopho entsha yabavakalisi abali-1232 ngoNovemba, ulwando lwabantu aba-6 ekhulwini ngaphezu kwangenyanga efanayo kunyaka ongaphambili.
EZaire: Inyanga kaOktobha 1991 iye yaphazanyiswa luqhushululu nobundlobongela kwizixeko ezininzi. Kodwa, phezu kwabo nje ubunzima bezoqoqosho abazalwana baxakekile beshumayela iindaba ezilungileyo. Kuqaliswe inkqubo yokunceda ngokudla eKinshasa ukuze kuncedwe abazalwana bethu; bakuxabise kakhulu oku.