Isingxobo Semibuzo
◼ Ngaba ibandla lifanele ligcine ifayile yoBulungiseleli Bethu BoBukumkani?
Kwinkupho kaJuni 1972 yoBulungiseleli BoBukumkani, kwaboniswa ukuba kuyacebiseka ukugcina ifayile yeenkupho zeenyanga zonke zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani kwithala leencwadi leHolo yoBukumkani ukwenzela iimbekiselo. Nangoku kusafanelekile ukugcina ifayile enjalo kuwo onke amathala eencwadi kwiiHolo zoBukumkani ukuze isetyenziswe ngabadala nabavakalisi.
Xa kukho ifayile enjalo, abavakalisi banokubhekisela kwimibandela yexesha elidluleyo enokuthanani neentshumayelo zasentsimini, ukuqhuba izifundo zeBhayibhile, ukwenza amabuyelo, njalo njalo. Kunokufunyanwa iingcamango ezinokufaneleka kubulungiseleli. Ngamathuba athile, iinkupho ezisexesheni zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani ziye zibhekisele kwiinkupho ezapapashwa nangaphambi kokuba abanye abazalwana banxulumane nebandla. Abasandul’ ukuthelela banokungenelwa xa kugcinwa ifayile enjalo.
Abadala bafanele babele umveleli weSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo okanye isicaka solungiselelo esifanelekayo ukuba siqinisekise ukuba le fayile igcinwa isexesheni iinyanga zonke. Ngoxa inkcazelo ekuBulungiseleli Bethu BoBukumkani ingamacebiso kungekhona imithetho engqongqo, ingumthombo omhle wembekiselo ofanele ube yinxalenye yethala leencwadi leHolo yoBukumkani kwibandla ngalinye. Noko ke, iinkupho ezidluleyo zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani azinakuodolwa eMbuthweni.