Ukusebenza Ngokuphumelelayo Kwindlu Ngendlu
1 Namhlanje ’iindaba ezilungileyo’ zishunyayelwa emhlabeni wonke. (Mat. 4:14) Ngokuyintloko oku kuphunyezwa ngobulungiseleli bendlu ngendlu.-IZe. 20:20, 21.
2 Iintshumayelo zethu zimele zibe nentsingiselo yokwenene kubantu esidibana nabo. Amadoda, amabhinqa nolutsha bayahluka kwizinto abanomdla kuzo. Ngoko kuya kuba kuhle ukulungiselela imibandela eyahlukahlukeneyo yeZibhalo esenokuba yeyomdla kubantu abakwintsimi yethu.
3 Zisebenzise Kakuhle limpapasho: Ukuqhelana kakuhle nemibandela ekwincwadi Umntu Obalaseleyo kuya kusenza sikwazi ukuncokola ngokuphumelelayo Nabantu ngemixholo emininzi eyahlukahlukeneyo. Imizekeliso, ezotyiweyo nechaziweyo, iluncedo olunempumelelo. Unokuthimba ingqalelo yoselula ngengxelo ebangel’ umdla ekwisahluko 44 esinomxholo othi “Uzolisa Uqhwithela Oloyikekayo.” Ngokuqinisekileyo umntu okhathazwa kukugula okanye onesiphene esithile uya kuthuthuzelwa sisahluko 57 esinomxholo othi “Ukubonakalisa Imfesane Kwabalusizana.” Isahluko 90 esinomxholo othi “Ithemba Lovuko.” sifanele sibangel’ umdla nakuwuphi na umntu owakha waba buhlungu ngenxa yokulahlekelwa ngumntu amthandayo. Ukuxubusha ngeemeko zehlabathi ezinxunguphalisayo kunokukhokelela kwisahluko 111 esinomxholo othi “Umqondiso Wemihla Yokugqibela.”
4 Ukuze sibe nempumelelo kubulungiseleli, sifanele sibonakalise umdla wokwenene wobuqu. (Fil. 2:4) Zabalazela ukwalathisela incoko kumxholo ongoBukumkani oya kubandakanya umntu lowo neentswelo zakhe. Zabalazela ukuqonda indlela loo mntu acinga ngayo ngokumbuza imibuzo emenza athethe. Ziphulaphule ngenyameko iimpendulo zakhe. Oko akuthethayo kuya kukunceda uqonde umbandela aya kuba nomdla kuwo. Sifuna ukubanceda abantu babone ukuxabiseka kwesigidimi soBukumkani size sibabonise indlela abanokukufunda ngayo okungakumbi ngaso. Esinye isibini sachaza ukuba sasamkela isifundo seBhayibhile kuba umzalwana owasityelelayo wabonakalisa umdla wokwenene wobuqu kubo.
5 Kwintsimi Esetyenzwa Ngokufuthi: Ukuvelisa iindlela eziphumelelayo kubaluleke ngokukhethekileyo kwintsimi esetyenzwa ngokufuthi. Ubulungiseleli obuphumelela ngakumbi businceda ukuba siyandise intsimi yethu. (wXO88 7/15 iphe. 15-20) Kunokwenza ngathi asizange sikhe siwubeke owethu umcondo kwelo khaya ngaphambili, sinokukhumbula indlela umninimzi awasabela ngayo ngaphambili size oko sikusebenzise ngokuyingenelo. Sinokubhekisela kutyelelo lwethu lwangaphambili sandule sakhele koko kwakuthethiwe ngoko. Iintshumayelo ezicetyiswe kwiinkupho zangaphambili zoBulungiseleli Bethu BoBukumkani nezikwincwadi Ukuqiqa zinokuhlengahlengiswa ngokweentswelo zentsimi leyo.
6 Ngomonde uYehova ugcine umnyango uvuliwe ukuze abantu abangakumbi bangenelwe kwiintsikelelo zoBukumkani. Ubulungiseleli bukaYesu babuphumelela ngenxa yokuba wayebathanda abantu. (Marko 6:34) Ngaba senza konke okusemandleni ethu ukulandela umzekelo wakhe? (1 Pet. 2:21) Masingarhoxobisi ekubeni nesabelo ngokuzeleyo nangokuphumelelayo kubulungiseleli bendlu ngendlu.