Ukunikela Iindaba Ezilungileyo—Ngamaphephancwadi Kwintsimi Egutyungelwa Ngokufuthi
1 KwiZenzo 8:25 (NW) sifunda ukuba uPetros noYohane banikela ubungqina ngokucokisekileyo kwelaseSamariya baza bavakalisa “iindaba ezilungileyo kwiidolophana ezininzi.” Namhlanje, sikwafanele sikukhuthalele ukuyigubungela intsimi eyabelwe ibandla lethu ukuze kunikelwe ubungqina ngokucokisekileyo.
2 Njengoko lisanda ngokukhawuleza inani labavakalisi, amabandla amaninzi ngoku ayigubungela ngokufuthi intsimi yawo. Nangona ekuqaleni sisenokuba asivakalelwa kamnandi ngokusebenza intsimi ngokufuthi, akumele kube njalo. Kwinkupho nganye yeMboniselo nekaVukani!, kusoloko kukho imixholo emitsha nebangel’ umdla esinokwabelana ngayo nabantu kwintsimi yethu. Kwakhona, ekubeni siyigubungela ngokufuthi intsimi yethu, sinethuba lokuchitha ixesha elingakumbi kwindlu nganye.
UKUNCOKOLA NABANTU
3 Kuye kwasetyenziswa iintshumayelo ezimfutshane ukuze kugutyungelwe yonke intsimi yethu kuze kusasazwe amaphephancwadi amaninzi. Noko ke, abavakalisi abasebenza ngokukhethekileyo intsimi egutyungelwa ngokufuthi benza kakuhle ukuchitha ixesha elingakumbi bencokola nabaninimzi. Kwanabantwana abaselula banokuchaza ngoko kubabangel’ umdla kwinqaku elithile. Kunokufezwa njani oku? Kubalulekile ukuqhelana namanqaku akumaphaphencwadi. Oku kufuna ixesha nokucinga kwangaphambili. Xa ufunda amaphephancwadi, zama ukufumanisa oko kuya kubangel’ umdla kubantu abakwintsimi yenu. Emva koku, ngaphambi kokuba uye enkonzweni, phinda uwajonge la maphephancwadi uze ukhethe imixholo oya kuyibalaselisa. Qwalasela amanqaku oya kuwabalaselisa xa uhlangabezana neemeko ezahlukeneyo kwizindlu ngezindlu. Sebenzisa omnye wemibandela enomtsalane kwiphephancwadi njengengongoma eyintloko kwintshayelelo yakho. Zama ukufumana izimvo zomninimzi ngencoko yobuhlobo.
UKUKHUMBULA INJONGO YETHU
4 Injongo yethu yokungena kwindlu ngendlu asikokubona inani lamaphephancwadi okanye leencwadi esinokuzisasaza. Umnqweno wethu kukunceda abanye babe nolwazi oluchanileyo ngenyaniso. UPetros noYohane balivakalisa ilizwi likaYehova kumaSamariya ngokucokisekileyo, yaye nathi ngokukwanjalo sifuna ukulichitha ngokufanelekileyo ixesha siqinisekisa ukuba abantu abakwintsimi yethu banikwa ithuba lokusabela kwinyaniso.
5 Ngokuwasebenzisa ngokunempumelelo amaphephancwadi njengesiseko seentshumayelo zethu, sinokuyifeza le njongo. Sifanele sizithandazele ukuba thina kunye nabanye siphiwe “ubuchule bokuthetha . . . ukuze sazise imfihlelo engcwele yeendaba ezilungileyo, . . . sinokungafihlisi.”—Efese 6:18-20, NW.