Amanyathelo Afanelekileyo Okwenza Inkqubela Engakumbi
1 Ngoku inkoliso yethu igqibile ukufunda i-1992 Yearbook. Ukufunda ngencopho yowe-1991 yabavakalisi boBukumkani abangaphezu kwezigidi ezine eanekota ehlabathini jikelele kumazwe angama-2ll—ulwando lwe-6,5 ekhulwini—kuzichwayitisile iintliziyo zethu! Ngokuqinisekileyo, ulwando loBukumkani olwenzekayo ngoku ehlabathini jikelele lunijkela ubungqina obuphawulekayo bokuzaliseka kukaIsaya 2:2-4 noMika 4:1-4.
2 Nangona ingxelo yonyaka wenkonzo we-1992 ingekapheleli, bucacile ubungqina bokuba uYehova iuwusikelela ngolwando olubalaseleyo lo nyaka wenkonzo. Isimemo sokuthelela ubuzalwana bethu bezizwe ngezizwe siyaqhubeka sibhengezwa. Amanani abantu ababekho eSikhumbuzweni nakwiindibano zesithili abonisa ukuba izigidi zabantu ziyasiphula-[phula isigidimi soBukumkani. Ziphuma kuzo zonke ; lintlanga, zisabela kwisimemo esiphefumlelweyo esi-thi: “Yizani, sinyuke siye entabeni kaYehova, endlwi-nikaThixo kaYakobi; asiyalele iindlela zakhe, siha-mbe ngomendo wakhe.“
3 Zimisele Ukwenza Inkqubela: Intlangano kaYehova ihambela phambili. Njengokuba bebaninzi kangaka abantu abangumsinga ukuya kwintaba yonqulo oluyinyaniso lukaYehova, kubalulekile ukuba ngamnye athabathe amanyathelo afanelekileyo okwenza inkqubela yokomoya engakumbi aze ke azabalazele ukunceda abanye abasebatsha benze okufanayo. Amazwi abhekiswa kwabo basabela kwisimemo sokuba beze kwintaba kaYehova athi mabathi kwabanye, “Yizani” abonisa imfuneko yokwenza inkqubela enjalo. Umpostile uYohane wathetha ngento efanayo kwiSityhilelo 22:17: “Umoya nomtshakazi bathi, Yiza. Lowo uvayo makathi, Yiza.”
4 UYesu wabonisa indlela yokudlulisela esi simemo. Xa abantu basabelayo kwimfundiso yakhe, wabamema ukuba babe nesabelo kubulungiseleli bakhe waza wabafundisa indlela yokwenza oko. (Mat. 4:19; 10:5-7, 11-14) Abafundi bakhe bafunda iindlela ezinempumelelo awayezisebenzisa ngokuhamba naye nangokuqwalasela indlela awayezenza ngayo izinto. Bandula ke balandele umzekelo wakhe kubulungiseleli babo. Babezifunde kakuhle gqitha iindlela zakhe kangangokuba ukunikela kwabo ubungqina ngenkalipho kwatsala ingqalelo yabachasi ababaqonda ngokucacileyo ukuba babengabafundi bakaYesu. IZenzo 4:13 zinikela le ngxelo: “Ke kaloku, bakubona ukungafihlisi ukuthetha koPetros noYohane, . . . babaqonda ukuba babenaye uYesu.”
5 Ngaphambi kokuba abuyele ezulwini, uYesu wanikela umyalelo wokuba abafundi bakhe bafanele babuqhubele phambili ubulungiseleli bamaKristu ngokwenza abafundi abatsha, babafundise ngendlela ababefundiswe ngayo bona. KuMateyu 28:19, 20, uYesu wayalela: “Hambani ngoko niye kuzenza aba-fundi zonke iintlanga,... nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniwisele umthetho ngazo.” Yaye ebonisa ukuba wayefuna oku kuqhubeke ukuza kuthi ga kumhla wethu, wanikela esi siqinisekiso songezelelekileyo: “Niyabona, mna ndinani yonke imihla, kude kube sekuphelisweni kwephakade eli.”
6 Abafundi bokwenyaniso bakaYesu Kristu abasilelanga ukuthobela imiyalelo yakhe yokufundisa abafundi abatsha zonke izinto awaziyalelayo. Noko ke, ulwando olubalaseleyo kwibandla elisehlabathini jikelele lamaNgqina kaYehova lufuna ukuba sinikele ingqalelo kwiintswelo ezikhethekileyo zamalungu ebandla asandul’ ukubhaptizwa nezabavakalisi abangabhaptizwanga nezabantu abafundisisa iBhayibhile kunye nathi yaye mhlawumbi abaqalisa ukubakho rhoqo ngomlinganiselo othile kwiintlanganiso zebandla.
7 Ekuqaleni konyaka wenkonzo we-1992, ngokomlinganiselo umvakalisi omnye kubavakalisi abasithoba ebekhuthele kubulungiseleli unyaka nje omnye. Ukongezelela, omnye kwabathandathu ebengumvakalisi iminyaka emithathu okanye ngaphantsi; yaye omnye kwabane ebenesabelo kubulungiseleli ithuba elingekho ngaphezu kweminyaka emihlanu. Nangona abasebatsha abaninzi baye benza inkqubela entle ukususela ngoko baqalisa ukuba ngamalungu ebandla, uncedo olungakumbi kwiinkalo ezithile ngokungathandabuzekiyo lunganceda lukhawulezise inkqubela yabo yokomoya.
8 AmaHebhere 6:1 asikhuthaza sonke ukuba “siqhubele kwelokukhula.“ Ukukhula komKristu kuthetha okungakumbi kunokungenisa nje ingxelo yenkonzo. Kubandakanya ukwenza inkqubela kufundisiso lobuqu nokuya rhoqo kwiintlanganiso zebandla nokuba nenxaxheba ngenzondelelo kubulungiseleli basentsimini. Kwakhona kubandakanya ukunceda abanye bayazi inyaniso ukuze basinde. Simele sisebenzele ukukhulisa ubuchule bethu ’ekuqiqeni ngeZibhalo.’ (IZe. 17:2, NW) Ukuze sifikelele kwelokukhula kufuneka ixesha, yaye ubukhulu becala oko kuxhomekeke ekuhloneleni kwethu uThixo nasekufumaneni amava entsimini. Nangona isithi esigqibayo ngobunzulu bokuhlonela kwethu uThixo, kulikhondo lobulumko ukuvumela abanye abazalwana noodade abakhulileyo basincede sizuze amava. Sinokufunda kumava abo, ngokukodwa kubulungiseleli basentsimini. Akunyanzelekanga ukuba sizifundele ngokwethu yonke into ngokufunisela.
9 Uncedo Kwabo Bangenamava: Umzekelo wendlela yokunceda yamiselwa ekuqaleni kwebandla lamaKristu. UYesu wafundisa abafundi bakhe. (Marko 3:14; Luka 9:1; 10:1) Nabo ke, bafundisa abanye. UTimoti wafumana ukhuthazo noncedo olukhethekileyo kumpostile uPawulos, yaye umfundi uApolo wenza inkqubela ngoncedo lobuqu awalufumana kuAkwila noPrisila ababenamava ngakumbi. (IZe. 18: 24-27; 1 Kor. 4:17) Amalungu aqolileyo ebandla lamaKristu alandela loo mizekelo namhlanje, afundisa yaye akhuthaza abangenamava kangako, ngokukodwa abasebatsha nabaselula. Njengokuba eyabaseRoma 15:1, 2 isitsho, “Thina ke bomeleleyo sifanele ukukuthwala ukuswela amandla kwabangomeleleyo.”
10 Abazali banembopheleleko yokuthabatha amanyathelo afanelekileyo okunceda abantwana babo benze inkqubela ngokomoya. Oku kubandakanya isifundo sentsapho, ukufundisa abantwana indlela yokufundisisa ngokobuqu, ukubakho nokuba nenxaxheba rhoqo kwiintlanganiso, ukufumana amava ngokusenzisa oko bakufundileyo. (Efe. 6:4; 1 Tim. 5:8) Abaqhubi beZifundo Zencwadi Zebandla ngabona bantu bafanele bakhokele ekwenzeni amalungiselelo okunceda bonke abakwisifundo sabo sencwadi nabakumaqela abo enkonzo yasentsimini benze inkqubela ngokomoya. Kwakhona umveleli wenkonzo nabanye abadala ndawonye nezicaka zolungiselelo namanye amalungu ebandla anokunceda.
11 Nikela Oko Kuyimfuneko: Kusenokuba kufuneka uncedo kwinkalo nje ethile yemisebenzi yamaKristu, njengofundisiso lobuqu. Umntu lowo usenokuba ufuna amacebiso okwenza ucwangciso lokufundisisa olusebenzisekayo. Omnye umntu unokufuna uncedo ekulungiseleleni amagqabaza okanye izabelo. Mhlawumbi abanye bafuna ukufunda indlela yokuphanda ngemibandela eseBhayibhileni.
12 Abasebatsha abaninzi bafuna ukuncedwa kubulungiseleli basentsimini. Umvakalisi usenokufuna ukuba ngophumelela ngakumbi kumsebenzi wendlu ngendlu, ekwenzeni amabuyelo, okanye ekuqaliseni nasekuqhubeni isifundo seBhayibhile. Amathuba ambalwa okuqhelisela kusetyenziswa iintshayelelo neentshumayelo ezikwincwadi Ukuqiqa okanye ezikuBulungiseleli Bethu BoBukumkani asenokunceda. Maxa wambi, kusenokwenzeka ukuba kufuneka nje kuphela amacebiso okwenza ucwangciso olusebenzisekayo lwenkonzo yasentsimini nokumnceda abambelele kulo. Ukwenza amalungiselelo aqinisekileyo okusebenza nomntu ofuna uncedo kuya kumenza enze inkqubela kwiinkalo ezithile.
13 ILizwi likaThixo lisikhuthaza ukuba ukuhambela kwethu phambili ngokomoya kubonakale kwabanye. Esi yayisisiluleko uPawulos awasibhalela uTimoti awayesebenza naye. (1 Tim. 4:15) Ngokuvisisana nolo khuthazo, lo mpostile wabethelela imfuneko yokuziqeqesha ngokungathi siza kungenela ukhuphiswano lweembaleki okanye siza kubandakanyeka ngokuphumelelayo kwimfazwe yokomoya. (1 Kor. 9:24-27; 2 Kor. 10:5, 6) Sifanele sikhawulezise ukusebenzisa konke oko sikufundayo ngokuthanda kukaThixo ukuze abo babukeleyo babone kuthi imizekelo ephilileyo yokholo lwamaKristu okwenyaniso. Ngokukwanjalo, sifanele senze inkqubela kubuchule bokufundisa abanye babe ngabafundi abazahluleleyo bakaYesu Kristu.—Yak. 1:22-25; 1 Tim. 4:12-16.
14 Ukwenza Inkqubela Kubandakanya Ukunyamezela lzilingo: KwanoYesu Kristu wafunda lukhulu ngobunzima awabuvayo. (Heb. 5:8) Oku kunokuba njalo nakuthi. Ngokuvisisana noko, senza inkqubela engakumbi ngokomoya xa sithabatha isimo sengqondo esifanelekileyo esinconyelwe kuYakobi 1:2, 3 “Kubaleleni ekuthini kuluvuyo olukhulu, bazalwana bam, xa nithe nagaxeleka ezilingweni ngezilingo, nisazi nje ukuba ucikido lokholo lwenu lusebenza umonde.” Ngaloo ndlela, enoba simele sihlangabezane nocelomngeni lwesigulo esinganyangekiyo, iingxaki zezoqoqosho, ukuhlala kwikhaya elahluleleneyo, ukuchaswa entsimini, okanye naziphi na ezinye iimeko ezinzima, uYehova usiqinisekisile ukuba ngoncedo lwakhe sinokoyisa size siqhubeke sisenza inkqubela ekumnquleni kwethu. (1 Kor. 10:13; 2 Kor. 12:9; 1 Pet. 5:8-11) Impumelelo ifunyanwa ngokuba sihlale sithembekile phantsi kwazo zonke iimeko, ‘sithethe ngokwezihlabo zikaThixo; silungiselela ngokwasekomeleleni esikuphiwa nguThixo, ukuze ezintweni zonke azukiswe uThixo ngoYesu Kristu.’—1 Pet. 4:11.
15 Lwamkele Uncedo Lokwenza Inkqubela Enga-kumbi: Ukuba ufuna uncedo ukuze wenze inkqubela yokomoya engakumbi, kulungele ukwamkela uncedo oluvela kwilungu lebandla elinamava ngakumbi. Nokuba akukho mntu uze kuwe ukuze akuncede, akumele uvumele ukuba neentloni kukubandeze ithuba lakho lokufumana uncedo. Cela ukuncedwa! Zive ukhululekile ukufuna uncedo lwakhe nabanina onamava ebandleni. Okanye usenokucela umqhubi weSifundo Sencwadi Sebandla okuso, umveleli wenkonzo, okanye nawuphi na umdala xa ufuna uncedo.—Thelekisa iGenesis 32:26; Mateyu 7:7, 8.
16 Ngokuqinisekileyo, kulilungelo elimangalisayo ukuqukwa ‘kwisihlwele esikhulu’ sezizwe ngezizwe esandayo nesenze umsinga ukuya kwintaba kaYehova yonqulo olunyulu. (ISityhi. 7:9) Kwakhona kulilungelo ukumema abanye ukuba bahambe nathi ukuya kule ntaba. Ngoxabiso olusuk’ entliziyweni,, kwanga singaqhubeka sithabatha amanyathelo afanelekileyo okwenza inkqubela engakumbi, sakhe ubumoya kuthi size senze oko sinokukwenza ukunceda abanye benze inkqubela njengathi kwinkonzo kaYehova.