IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/91 iphe. 1-2
  • Ukwenza Inkqubela Kubulungiseleli

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Ukwenza Inkqubela Kubulungiseleli
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
  • Imixholwana
  • Amanqaku Afanayo
  • ABAHLOBO BOKUKUNCEDA
  • UKUBUYELA KWABO BABONAKALISE UMDLA
  • UKUZIBEKELA USUKELO NOKULUFIKELELA
  • Yiba Nomdla Kwabanye—Ngokulungiselela
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—2006
  • Amanyathelo Afanelekileyo Okwenza Inkqubela Engakumbi
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Yiba Ngumlungiseleli Onenkqubela
    Ubulungiseleli BoBukumkani—2008
  • Ukuba Iyaphumelela, Yisebenzise!
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1991
km 3/91 iphe. 1-2

Ukwenza Inkqubela Kubulungiseleli

1 Kukho intetho yakudala yesiNgesi engokwenza inkqubela ethi: “Qala apho ukhoyo. Kodwa musa ukuba sisidodo.” Hayi indlela asebenza ngayo loo mazwi ekwenzeni inkqubela kubulungiseleli! Xa wawuqalisa kubulungiseleli, usenokuba wawukwazi nje kuphela ukunikela intshumayelo emfutshane yesigidimi soBukumkani. Kodwa ukuba sekudlule iminyaka eliqela yaye akukadluli kwelo nqanaba, usahleli kuloo ndawo wawukuyo, yintoni onokuyenza?

2 Inyathelo lokuqala kukucela uYehova akuphe ubulumko obufunekayo bokufundisa ngobuchule. (IMize. 15:14; Yak. 1:5) Inyathelo lesibini likukusebenza ngokuvisisisana nomthandazo wakho. Zibekele ecaleni ixesha lokuhlolisisa kwakhona iintshumayelo ezikwincwadi ethi Ukuqiqa. Khangela leyo uvakalelwa kukuba unokuyisebenzisa ngokunempumelelo, uze uyiphindaphinde de ube unokuyikhumbula ngentloko. Inyathelo lesithathu likukuhamba nabazalwana bakho entsimini ukuze ukwazi ukunikela intshumayelo obuyilungiselele.

ABAHLOBO BOKUKUNCEDA

3 Usenokuba uthi, ‘Ukuthetha asikokwenza.’ Unyanisile, kodwa kungenxa yeso sizathu kanye le nto unabahlobo bokukunceda. Ukuba uselula, thetha nabazali bakho okanye nabavakalisi abanamava abangabalungiseleli abaneziqhamo. Cela kubo amacebiso angendlela onokuncokola ngayo nabantu kwindlu ngendlu. Basenokucebisa ukuba nibe namathuba okuqhelisela apho unokulinga khona indlela yokunikela intshumayelo yakho. Basenokuba ngabaninimzi, baze baphakamise iindlela eziqhelekileyo zokuchasa ekuhlanganwa nazo ezindlwini. Ngokuqhelisela unokufunda ukuncokola ngobuchule nabantu.

4 Unabanye abahlobo abanokukunceda. Kukho oovulindlela abaye bafunda ubugcisa bokushumayela ngamava nangokuya kwiSikolo Senkonzo Soovulindlela. Umqhubi wesifundo senu sencwadi okanye umveleli wenu wenkonzo usenganako ukusebenza nawe kwindlu ngendlu aze akubonise ngokungakumbi indlela yokuthetha nokuqiqa nabantu.

UKUBUYELA KWABO BABONAKALISE UMDLA

5 Sinomdla wokunikela uncedo olungakumbi lokomoya kubantu abamkela uncwadi lwethu. Oko kuthetha ukuba simele sibuyele ukuze sihlakulele umdla ongakumbi. Ngaphambi kokubuyela, yenza impinda yoko uthethe ngako kutyelelo lokuqala ukuze ukwazi ukuyikhulisa ngokuphumelelayo incoko eyababangela banomdla. Kwakhona, khumbula ukuba, ngoxa sityala size sinkcenkceshe, nguYehova ohlumisayo. Cela ukhokelo lwakhe ngaphambi kokuba utyelele. (1 Kor. 3:6; 2 Kor. 9:10) Ngoxa sinceda abanye ukuze bafunde, nathi ngokwethu senza inkqubela.

6 Inyathelo elilandelayo elibalulekileyo kukuqalisa nokuqhuba isifundo seBhayibhile. Ukuba akukafikeleli kwelo nqanaba kwinkqubela yakho kubulungiseleli, qhubeka usondela kuYehova ngomthandazo uze umcele ukuba akuncede ukuze ufumane umntu obumvu uze umondle. Usenokukufumanisa kuluncedo ukubukela xa umfundisi ophumelelayo eqhuba isifundo seBhayibhile wandule ke uxelise iindlela afundisa ngazo. Kwakhona, yenza impinda yenkcazelo engokufundisa njengaleyo ifumaneka kwiMboniselo kaMatshi 15, 1985, iphepha 22-31. Ngokuzilungiselela ngaloo ndlela, uya kukulungela ukuqhuba isifundo xa imithandazo yakho iphendulwe.

UKUZIBEKELA USUKELO NOKULUFIKELELA

7 Ukufikelela usukelo lokufundisa ngokunempumelelo ngakumbi, lokubuyela nokuqhuba izifundo kufuna ixesha. Ngaba unokuzibekela olunye usukelo, olo lokuba nguvulindlela ongumncedani okanye othe ngxi? Njengoko usenza inkqubela kubulungiseleli, unokuba ngumthombo wokhuthazo kwabanye. UYehova unokukuthululela iintsikelelo ezininzi ukuba awumanga ndawo-nye kodwa wenza inkqubela ngokuthe ngcembe.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share