Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaMeyi 4 kuse kweka-Agasti 24, 1992. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.
[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]
Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:
1. Kuleso lwasekuhleni, unqumamo olwenziwa kwindawo efanelekileyo luyinxalenye ebalulekileyo yocinezelo. [sgXO iphe. 30 isiqe. 6]
2. Sifanele sifundisise sinembono yokuwukhumbula umbandela ukuze siwusebenzise kwithuba elizayo, enoba kukubomi bethu okanye kubulungiseleli basentsimini. [sgXO iphe. 36 isiqe. 10]
3. Injongo yesigama esandisiweyo kukubonisa abantu behlabathi ukuba amaNgqina kaYehova afunde kakhulu yaye angamaciko. [sgXO iphe. 56 isiqe. 7]
4. Obona bungqina bunamandla bokuxhasa ubunyaniso beDuteronomi yinzululwazi yokumbiwa kwezinto zakudala. [siXO iphe. 37 isiqe. 8]
5. Xa iNumeri 35:16 isithi, “Ukuba ubani uthe wambetha umntu ngentsimbi,” ithetha ukuba eso sixhobo besisetyenziswa ngabom njengento yokuvisa ubuhlungu. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona g78 12/22 iphe. 27.]
6. Ngokucacileyo ‘omkhulu’ ekuthethwe ngaye kwiDuteronomi 1:17 ebengamkhulu ngenxa yezinto zakhe eziphathekayo, imfundo, okanye izinto ezinkulu azenzileyo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO77 9/1 iphe. 394.]
7. NgokweDuteronomi 19:21 simele sigqibe kwelokuba isigwebo sokufa ngenxa yokubulala ngabom sasiyinxalenye yomthetho kaThixo. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona g74 7/22 iphe. 28.]
8. “Izinto ezityhilekileyo“ kwiDuteronomi 29:29 zathi zaquka yonke inkcazelo ebha-lwe eBhayibhileni. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO87 5/15 iphe. 31.]
9. UYehova walungiselela ukuba isizwe sakwaYuda ‘siyale uYakobi ngamasiko kaThixo, siyale uSirayeli ngomyalelo kaThixo.’ (Dut. 33:10) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO88 8/15 iphe. 11 isiqe. 7.]
10. AmaGibheyoni ayefanekisela kwangaphambili intsalela. (Yosh. 10:1-11) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO86 12/15 iphe. 22 isiqe. 8.]
Phendula le mibuzo ilandelayo:
11. Bubuphi ubunzima obuyintloko obufanele boyiswe kuleso lombhalo-ngqangi? [sgXO iphe. 31 isiqe. 9]
12. Umxholo wentetho unokumiselwa njani? [sgXO iphe. 44 isiqe. 2]
13. Iyintoni intsingiselo yegama elithi Duteronomi, yaye le ncwadi yayibongoza ntoni? [siXO iphe. 36 isiqe. 4]
14. Yayiyintoni injongo yeUrim neTumim ezi-chazwe kwiDuteronomi 33:8? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO86 1/15 iphe. 8.]
15. UMthetho kaThixo wawungasebenza njani ’njengesikhumbuzo phakathi kwamehlo akho’ kumaSirayeli? (Dut. 6:8) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO73 8/1 iphe. 360.]
16. Amazwi athethwe nguYehova anokuso-ndla njani? (Dut. 8:2, 3) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO85 6/15 iphe. 17 isiqe. 15.]
17. Kutheni umthetho kaThixo kwiDuteronomi 22:28, 29 wawusithi indoda engumSirayeli eye yaneentlobano zesini nentombi enyulu engaganiweyo yayifanele itshate nayo yaye yayingenakuze iyale? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO89 11/15 iphe. 31.]
18. Xa siqwalasela umanyano olwalujongene namaSirayeli, yiyiphi imeko efana naleyo esiyibonayo namhlanje? (Yosh. 9:1, 2) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO86 12/15 iphe. 22 isiqe. 5.]
19. Kunokunikela ingxelo engokwenzululwazi mayela nentshukumo yezijikelezi-langa kuYoshuwa 10:13, yintoni uYoshuwa awayezimisele ukuyinikela? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO82 3/15 iphe. 5.]
20. Izivakalisi ezivulayo zentetho zifanele ziphumeze ziphi iinjongo ezimbini? [sgXO iphe. 46 isiqe. 9]
Fakela igama okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kvoezi zilandelayo:
21. Xa ulugqibile ufundo lweBhayibhile, kuya kuba kuhle ukuchitha ixesha elithile ․․․․․․․ ukuba iingongoma azicacanga. [sgXO iphe. 35 isiqe. 7]
22. Xa ulungiselela intetho, ufanele uzishiye iingongoma ezingafaki sandla ngokwenene ․․․․․․․ wakho. [sgXO iphe. 41 isiqe. 10]
23. Ngokwenza umsebenzi omhle wokulungi-selela sabelo ngasinye kwiSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo, siziyekela ngokwethu ․․․․․․․ lolu cwangciso lwemfundo olulungiselelwe nguYehova. [sgXO iphe. 43 isiqe. 18]
24. “Ukubambisa ngomphefumlo“ bekungafana nokubambisa kukabani ․․․․․․․ . (Dut. 24:6) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO84 9/1 iphe. 30.]
25. IBhayibhile ichaza igama elithi ․․․․․․․ kwiNumeri 35:20, 21. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona g74 5/8 p. 27.]
Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:
26. Kuhle ukubabuza imibuzo abaninimzi kuba oku (kubenza batyekele ngakumbi ekuphulaphuleni; kubabangela babone ukuba abayazi impendulo; kuyabanceda baqonde ukuba unqulo lobuxoki alubafundisanga kakuhle). [sgXO iphe. 52 isi-qe. 12]
27. Inyoka yobhedu yayisalatha (kuSathana; kuKumkani uDavide; kuYesu). (Num. 21: 8, 9) [siXO iphe. 35 isiqe. 34]
28. UPetros ucaphula (kwiLevitikus; kwiNumeri; kwiDuteronomi) xa ebethelela intetho yakhe enamandla yokuba uYesu ungu-Kristu noMprofeti omkhulu kunoMoses. [siXO iphe. 40 isiqe. 31]
29. Incwadi kaYoshuwa igubungela ithuba elisusela (ngowe-1513 kuse kowe-1473; ngo we-1473 kuse malunga nowe-1450; ngowe-1473 kuse malunga nowe-1100) B.C.E. [siXO iphe. 42 isiqe. 5]
30. ’Ukwenza ngengqiqo’ bekungathetha ukwenza (ngokuvisisana nalo lonke ulwazi alufumene eYiputa; ngokuqonda; ngokuphapha). (Yosh. 1:8) [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO89 3/15 iphe. 13 isiqe. 10.]
Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkca-zelo ezidweliswe ngezantsi:
Num. 21:5, 6; 23:23; 32:23; Dut. 12:24; Mat 28:19, 20
31. Ngenxa yale miyalelo, umKristu ngamnye ufanele aphucule ubuchule bakhe bokufundisa. [sgXO iphe. 49 isiqe. 2]
32. Elumkisa nxamnye nokukrokra, uPawulos wabhekisela kwesi sibhalo. [siXO iphe. 35 isiqe. 36]
33. Ngenxa yesi salelo, amaNgqina kaYehova akayamkeli inkqubo yokugcinwa kwegazi lawo lize libuyiselwe kuwo kamva. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona wXO89 3/1 iphe. 30.]
34. Umgaqo olapha uyafana nalowo ukweya-baseGalati 6:7: “Kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona.“ [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w72 iphe. 392.]
35. AmaNgqina kaYehova awaboyiki ubugqwirha okanye oomabophe ukuba awanakuthanani nayo nayiphi na into enxibelelene nobugqwirha, kuquka amakhubalo okanye “iyeza” elikhandwe ligqirha. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona g70 8/22 iphe. 7.]