Qiniseka Ukuba Uyabuyela
1 “Ndakhuliswa ndingumKatolika, ndahamba icawa eWisile ngoxa ndandikwanokholeji, ndenza idinga nomfana oliJuda, ndaza ndatshata nomfana ongumLuthere. Akukho nanye yezi nkonzo ezazisoloko ‘ziguquguquka ngokuhamba kwamaxesha’ eyathi yandonwabisa. Ndaqalisa ukufunda incwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade KwiParadisi Esemhlabeni, ndandithandabuza ekuqaleni ndibuka imifanekiso emihle. Ndathabatheka ndaza ndafunda isiqingatha sayo sokugqibela ngeeyure ezine. [Ndiyambulela uThixo] ngolwazi lwam olutsha nangoxolo lwengqondo.” Labhala lisitsho ibhinqa eliselula laseUnited States, njengoko kubhalwe kwiMboniselo kaFebruwari 1, 1988, iphepha 32.
2 Ekubeni kuthethwa kakuhle kangaka ngale mpapasho, ngaba asifanele sonke sifune ukunikela inkxaso ngentliziyo iphela ukuze sinikele incwadi Unokuphila Ngonaphakade kubantu abanomdla abaninzi kangangoko kunokwenzeka? Ngoko simele siqiniseke ukuba senza amabuyelo ukuze sivuselele umdla oqhubekayo kule mpapasho ibalaseleyo.
3 Ekubeni incwadi Unokuphila Ngonaphakade ilungiselelwe ukuqhuba izifundo zeBhayibhile, sinokuwenza lo msebenzi ngentshiseko nangentembelo. Musa ukulibazisa ukubuyela kubantu abanomdla. Nangona basenokuba baye bayamkela le ncwadi, iingcinezelo zobomi bemihla ngemihla namaxhala eziwabangelayo zinokubangela umdla uphele ngokukhawuleza, kwananjengoko kwaboniswa kumzekeliso kaYesu womhlwayeli. (Mat. 13:18-23) Kusenokufuneka ubuyele izihlandlo eziliqela ukuze uqalise isifundo.
4 Ukusebenzisa Incwadi Unokuphila Ngonaphakade Ukuqalisa Isifundo SeBhayibhile: Xa ubuyela kubantu aba- nomdla usenokuzama ukusebenzisa le ntshayelelo: “Le ncwadi iphendula imibuzo emininzi esisiseko abantu abadla ngokuyibuza ngoThixo nangeBhayibhile. Ngokomzekelo, iinkonzo ezininzi zifundisa ukuba isihogo yindawo yentuthumbo kanaphakade yokutshisa abangendawo. Wena ukholelwa enini kule nkalo? [Vumela impendulo.] Ngaba unganomdla ekufundeni impendulo eyinyaniso yeBhayibhile kuloo mbuzo?” Mcele atyhile kwiphepha 81 kweyakhe incwadi Unokuphila Ngonaphakade uze ufunde umxholo wesahluko 9. Mmeme umninimzi ukuba aqwalasele kunye nawe iziqendu zokuqala ezithathu. Nisenokubolekisana ngokufunda iziqendu. Funda imibuzo eshicilelweyo uze uncede umninimzi ukuba afumane iimpendulo kwiziqendu enisandul’ ukuzifunda. Emva kokuba niqwalasele iziqendu ezithathu zokuqala, mbuze umninimzi enoba unokubuya kusini na kwiveki elandelayo ukuze niqhubeke nale ngxubusho. Mbonise indlela anokulungiselela ngayo ngokukrwela ngaphantsi iimpendulo zemibuzo eshicilelweyo nangokufunda izibhalo kweyakhe iBhayibhile.
5 Okanye usenokuthi:
■“Ekufikeni kwam kuwe kwiintsuku ezimbalwa ezidluleyo siye saxubusha ngedinga leBhayibhile lokuba ukufa akusayi kuphinda kubekho. Ngaba wakha wacinga ngokuphila ngonaphakade? [Vumela impendulo.] Kakade ke, abaninzi abanakukunqwenela ukwenjenjalo ngenxa yokubandezeleka, ugonyamelo nendlala, zinto ezo esele zigqugqisa phakathi kwethu.” Ngoxa utyhila kwiphepha 11-13 usenokuthi: “Kodwa masithi ubunokuphila phantsi kweemeko ezilolu hlobo—ngaba bekungayi kuba mnandi oko? [Vumela impendulo.] Noko ke, ukuze senjenjalo, sifanele senze okuthile. Phawula oko kuthethwa kwisiqendu 19. [Funda.] Makhe ndikubonise indlela le ncwadi elungiselelwe ngayo ukukunceda ukuba wenze kanye oko.”
6 Le mpapasho intle iye yanceda amawakawaka abantu ukuba bafumane indlela esa ebomini. Musa ukusilela ukubuyela nasekulandeleni umdla oye wawufumana. Cela uYehova ukuba akuncede, wandule wenze indima yakho ekusebenziseni kakuhle esi sixhobo sihle sokunceda ukufundisisa iBhayibhile ekuncedeni abanye bafunde ngethemba lokuphila ngonaphakade kwiparadisi esemhlabeni.