Wasebenzise Kakuhle Amaphephancwadi
1 Xa usiya kwindawo ekuthengiswa kuyo amaphephancwadi, ubona amaphephancwadi abekwe kakuhle ngokulandelelana kwawo nabalaselisa zonke izinto ukususela kumabali ahlekisayo ukusa kubugcisa benzululwazi. Akunakuze uwafunde onke. Ngoxa amanye amaphephancwadi enenkcazelo eluncedo, inkoliso yawo iyathandabuzeka. Amaninzi athetha ngokuziphatha okubi ibe amele aphetshwe.
2 Onjani wona umahluko xa ethelekiswa neMboniselo noVukani! La maphephancwadi enzelwe kuphela ukuphanda nokuvakalisa inyaniso enokusetyenziselwa ukusinda kwabo bonke abasabelayo kuthando lukaThixo.
3 UVukani! unokufikelela ngokuphumelelayo zonke iindidi zabantu ngenxa yamanqaku akhe amaninzi aphangaleleyo nawahlukahlukeneyo. Njengoko kuchazwe kwiphepha 4 lenkupho nganye, “ngowokukhanyisela intsapho iphela.” Ubalaselisa amanqaku angemibandela eyahlukahlukeneyo, equka abantu, unqulo nenzululwazi. Uphanda nzulu aze alathe kwintsingiselo yokwenene yeziganeko zangoku. Ngaphezu koko, ‘wakha intembelo kwidinga loMdali lehlabathi elitsha loxolo nonqabiseko.’
4 Inkupho kaVukani! kaOktobha 8 ibalaselisa umxholo othi “Unako Ukuzoyisa Iimvakalelo Ezidakumbisayo.” Ubomi babantu abaninzi buye bonakaliswa ziimvakalelo ezinjalo. Ukunikela eli phephancwadi ngokubalaselisa icebiso elithuthuzelayo leBhayibhile kusenokubangela intsabelo entle. Ngenkupho kaNovemba 8, sifanele sikwazi ukufumana umntu ophulaphulayo ngokutsalela ingqalelo kwiingongoma ezithuthuzelayo ezikungcelele lwamanqaku athi “Ihlabathi Elitsha Elanelisayo Kubo Bonke.”
5 IMboniselo iye yazenzela udumo ehlabathini lokumela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo neentsikelelo zeParadisi obuya kuzizisa. Inkupho kaOktobha 1 iya kuphendula umbuzo ogoca-gocayo othi “Ngaba UMesiya Ufuneka Ngokwenene Kuluntu?” Oku kuya kusinika ithuba elihle lokuthetha ngethemba lethu loBukumkani. Inkcazelo enomxholo othi “Ubomi Bentsapho Namhlanje—Ukuhlangabezana Nocelomngeni,” ebalaseliswe kwinkupho kaOktobha 15, iya kusinceda siqalise incoko namalungu eentsapho alangazelela ukukhululeka kwiingcinezelo ezininzi zobomi.
6 Sifuna ukuba abantu abanomdla ngokwenene babafumane rhoqo aba lindixesha. Xa uxubusha ngeengenelo ezininzi zala maphephancwadi, zabalazela ukumenza umninimzi abe nomdla kumaphephancwadi. Yiba nesimo sengqondo esihle xa unikela umrhumo kubantu bonke. Xa umrhumo ungamkelwa, nikela amaphephancwadi amabini, ukhankanya ukuba uza kubuya kwakhona emva kweeveki ezimbini usiza neenkupho ezintsha. Ngale ndlela unokuqalisa umzila othe rhoqo wamaphephancwadi. Xa abantu bengakwazi ukuhlawulela umrhumo wonyaka, kutheni unganikeli umrhumo weenyanga ezintandathu?
7 Oolindixesha bethu sinokubancomela kubo bonke abantu, ekubeni siqinisekile ngokuxabiseka kwabo. Sinento elungileyo, ibe kukuxelisa uKristu ukwabelana ngayo nabanye.—IMize. 3:27; Heb. 13:16.