IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 10/92 iphe. 12
  • Bonakalisa Inkxalabo Ngabanomdla

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bonakalisa Inkxalabo Ngabanomdla
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Ukwenza Amabuyelo Ngendlela Elula Nephumelelayo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Ukusebenzisa Incwadi Umntu Obalaseleyo Kumabuyelo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Nceda Abantu Ababumvu Bakhele Phezu Kwesiseko Esomeleleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Buyela Kwabanomdla Obafumeneyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1995
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 10/92 iphe. 12

Bonakalisa Inkxalabo Ngabanomdla

1 UYehova ngoyena ulungileyo kunaye nabani na ongomnye ekubonakaliseni inkxalabo ngabantu. Akasilungiselelanga intabalala yezinto eziphathekayo kuphela kodwa usinike izinto zokomoya esizifunayo nesizinandiphayo. Unenkxalabo gqitha ngathi kangangokuba ugocagoca oko kusezintliziyweni zethu.—INdu. 139:23.

2 Xa uYesu wayesemhlabeni, walandela ngokugqibeleleyo ekhondweni likaYise ngokubonakalisa inkxalabo ngabanye. Ngaba uyayikhumbula indoda eyathi kuYesu, “Nkosi, ukuba uyathanda, unako ukundihlambulula”? UYesu waphendula ngokuthi, “Ndiyathanda.” (Mat. 8:1-3) Xa uYesu wabona umhlolokazi esentlungwini, yintoni awayenzayo? Wema ukuze amncede. (Luka 7:11-15) Ngaba unokukuphaphela ngakumbi ukubonakalisa inkxalabo ngabanomdla?

3 Sixelisa uBawo wethu, uYehova, noNyana wakhe, uKristu Yesu, nathi sifanele sibonakalise umdla wobuqu kwabanye. Oku sikwenza ngokugcina ingxelo echanileyo yendlu ngendlu. Oku kuquka ukubhala phantsi igama nekhelingi echanileyo yomntu onomdla kunye nombandela ebenixubusha ngawo kutyelelo lokuqala. Ngoko, ngaphambi kokubuyela, lungiselela kakuhle. Ukuba sashiya amaphephancwadi kutyelelo lwangaphambili, mhlawumbi utyelelo lwethu lokubuyela lusenokusekelwa kwingcamango ethile echazwe kwelinye lamanqaku. Phawula indlela okusenokwenziwa ngayo oku.

4 Ukuba wawushiye IMboniselo kaOktobha 1, 1992, waza walathisel’ ingqalelo kwinqaku elithi “Ngaba UMesiya Ufuneka Ngokwenene Kuluntu?,” usenokulungiselela ukubalaselisa ISityhilelo 21:4 noYohane 17:3 xa ubuyela.

Ngokomzekelo, emva kokufunda ISityhilelo 21:4, usenokubuza:

■“Thina sinokuba yiyo njani inxalenye yehlabathi elinjalo? [Vumela impendulo.] Phulaphula oko uMesiya awathi kuyafuneka ukuze kuzuzwe ubomi kwihlabathi elinjengeli.” Ngoko funda uYohane 17:3, ubalaselisa ukuba ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha loxolo bunokuzuzwa ngokungenisa ulwazi ngoThixo noKristu. Ukuba kubonakaliswa umdla othile, zama ukuqalisa isifundo ngephecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Loxolo.

5 Usenokufumana intsabelo entle ngokuxubusha ingongoma ethile ekhethwe kwinkupho kaVukani! kaOktobha 8, 1992, enomxholo othi “Unako Ukuzoyisa Iimvakalelo Ezidakumbisayo.” Xa ubuyela, ingxubusho yakho usenokuyisekela kweyabaseFilipi 4:6, 7.

Usenokubuza:

■“Yintoni okholelwa ukuba isisicombululo ekoyiseni iimvakalelo ezidakumbisayo namhlanje?” Vumelana nempendulo yakhe uze uthi: “Okubangel’ umdla kukuba iBhayibhile yandlala imigaqo ethi xa isetyenziswa, ibe negalelo kuxolo lwengqondo nolwentliziyo. [Tsalel’ ingqalelo kwiingongoma ezifanelekileyo ezikweyabaseFilipi 4:6, 7.] IBhayibhile yalatha kwixesha laxa bonke abantu beya kuphila ngemigaqo yeBhayibhile zingekho iimeko ezizisa iimvakalelo ezidakumbisayo.” Yandula ubalaselise ezinye iingenelo zekamva ngokuqwalasela iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Loxolo, uze ukhokelele kwisifundo.

6 Kuthekani ukuba umninimzi sele enayo enye yeempapasho zethu? Kutheni ungazami ukuyisebenzisa ukuze uqalise isifundo? Ukuba unencwadi ethi Unokuphila Ngonaphakade, tyhila kwiziqulatho uze umcele umninimzi ukuba akhethe umbandela aya kuthanda ukuba niwuxubushe. Ngoko usenokuqalisa isifundo ngokuqwalasela isiqendu esinye okanye ezibini.

7 Ukubonakalisa inkxalabo ngabanomdla ngokulungiselela kakuhle nokwenza amabuyelo ngokuphumelelayo kubonakalisa ukuba sixelisa uThixo noKristu, sifuna ukuba abaninzi kangangoko kunokwenzeka basinde.—2 Pet. 3:9.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share