Ngaba Uyaluxabisa Uncwadi Lwethu?
1 Iidayimani namanye amatye anqabileyo ezo zinto azixabisekanga nje kuphela ngenxa yobuhle bazo kodwa nangenxa yeendleko eziphakamileyo zokuzifumana nezokuzomba emgodini. Ukuba nolwazi ngoYehova noYesu Kristu kuxabiseke ngakumbi kunoko, yaye ehlabathini ziimpapasho zethu kuphela ezicacisa obu butyebi bokomoya ngokunzulu nangobulumko bukaThixo. (Roma 11:33; Fil. 3:8) Sinokulubonakalisa njani uxabiso lokwenyaniso ngoncwadi lwethu?
2 Enye indlela yokubonakalisa uxabiso kungokunikela ngokukhululekileyo uncwadi lwethu kubantu esidibana nabo kwinkonzo yasentsimini. Abantu abaninzi bebeya kuvuya gqitha xa ubani enokubapha idayimani okanye ilitye elinqabileyo. Kuyinyaniso ukuba ekuqaleni basenokungalujongi uncwadi lwethu ngendlela abayijonga ngayo idayimani, kodwa abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya kungekudala baya kulufumanisa luxabiseke ngokwenene. Xa siqhuba izifundo sisebenzisa iimpapasho zethu, abantu bayancedwa ukuba bafunde oko iBhayibhile ikufundisayo yaye banikwa ithuba lokwakha ulwalamano noYehova. Ingenelo yokwenene enokufunyanwa kuncwadi lwethu ixhomekeka kwindlela olusetyenziswa ngayo.
3 Kwakhona sifanele siphaphele amathuba amaninzi esinokuba nawo okunikela uncwadi kubungqina obungacwangciswanga. Cinga ngeendlela zokunikela ubungqina kwiindwendwe, kwizalamane, kosebenza nabo, kofunda nabo, kubantu esidibana nabo xa sisiya kuthenga nakwabo sidibana nabo phakathi kwemizi okanye ezindlwini xa sikwinkonzo yasentsimini. Ceba kwangaphambili ukuba ube noncwadi oya kulunikela ngamathuba anjalo. Ngokufuthi akunzima ukuphatha impapasho enye okanye ezingakumbi kwezincinane. Sinokufeza okuninzi ngakumbi ngokunikela ubungqina obungacwangciswanga.—1 Pet. 3:15.
4 Kwanaxa ngokuyintloko sijolise ekuhambiseni umnikelo wangoku, maxa wambi sinokugqiba kwelokuba sisebenzise impapasho eyahlukileyo. Ekuphumezeni ubulungiseleli bethu, sifanele sincede ababumvu beze endleleni esa ebomini. Uncwadi lunokusinceda ukuba senjenjalo. Xa sixubusha iZibhalo nomntu onomdla, sisenokufumanisa ukuba unomdla gqitha kumbandela othile. Ukuba siqhelene kakuhle nenkcazelo eluncedo ekwiimpapasho ezahlukahlukeneyo, siya kukwazi ukuguqula intshumayelo yethu size sinikele impapasho ethetha ngokukhethekileyo ngezinto umntu esithetha naye anomdla kuzo. Oku kusenokufuna ukuba sibuyele nempapasho efanelekileyo.
5 Uncwadi olushiywe kwithala leencwadi kwiHolo yoBukumkani okanye ekhaya aluyifezi injongo yalo, yaye ayinakubonakala indlela oluluncedo ngayo. Kwaneenkupho ezindala zamaphephancwadi, iincwadana ezinemifanekiso, iincwadi ezinoqweqwe olulukhuni namaphecana zifanele zisetyenziswe kakuhle. Sigqibele nini ukuhlola isixa soncwadi esinalo? Sisenokumangaliswa kukufumanisa indlela oluye lwafumba ngayo. Ngaba uncwadi esinalo lusekwimeko entle—ibala lalo alijikanga ngenxa yobudala, alukrazukanga, okanye alungcolanga? Ukuba kunjalo, sifanele senze konke okusemandleni ukuluhambisa kubulungiseleli basentsimini. Uncwadi olonakeleyo lunokulondolozwa ukuze ubani alusebenzise ngokobuqu okanye lulahlwe ngendlela efanelekileyo.
6 Ngamaxesha onke cingisisa ngenyameko ngoncwadi oya kulufuna entsimini. Maxa wambi sisenokukutyeshela ukuzifumanela umnikelo ohanjiswayo kuselithuba. Kufuneka ukulungiselela nokuceba okuhle ukuba sifuna ukuqinisekisa ukuba sinesixa esaneleyo somnikelo ohanjiswayo nolunye uhlobo loncwadi olufunekayo kwintsimi yethu. Oku kunjalo ngokukodwa ukuba ukhonza njengovulindlela ongumncedani okanye othe ngxi ebandleni.
7 Iimpapasho zethu ziluncedo gqitha xa zifikelela kwizandla zabantu abalixabisayo iLizwi likaThixo lenyaniso. Ngoko ke ngamana sonke singabonakalisa ukuba sinegugu ngoncwadi lwethu.