Amandla ELizwi LikaThixo
1 ILizwi likaThixo linamandla. (Heb. 4:12, NW) Namhlanje, ubungqina boku bunokubonwa kwizigidi zabantu obuye ubomi babo baguqulelwa ekubeni yinto elunge ngakumbi njengoko beye bazisebenzisa ngokobuqu izinto abazifunde eBhayibhileni. Kwakunjalo nangenkulungwane yokuqala xa abafundi bakaYesu babelana nabanye ngolwazi ababenalo ngeLizwi likaThixo.—Roma 12:2.
2 Ukuze abantu bangenelwe kwiimfundiso zeBhayibhile, bafanele bayamkele iBhayibhile njengeLizwi likaThixo. (1 Tes. 2:13) Ebudeni bukaNovemba siza kunika abantu ithuba lokufunda okungakumbi ngokuxabiseka kweBhayibhile njengoko sihambisa incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?
3 Kutheni ungenzi impinda yeengongoma ezithile ezibalaseliswe kwincwadi ethi Ililizwi LikaThixo? Iziqulatho zayo ziya kukukhokelela kwizahluko ezixubusha ngemimangaliso, izinto ekucingelwa ukuba ziyaphikisana, ukuvumelana kwayo nenzululwazi, iziprofeto neminye imibandela. Inemifanekiso emininzi. Ekupheleni kwale ncwadi kudweliswe iimbekiselo zophando. Ezi mbalasene ziya kusinceda ukuba sinikele le ncwadi ngehlombe lokwenene, seyiseke ngokupheleleyo kwelokuba abantu abakwintsimi yethu bafuna ukuva iindaba ezilungileyo eziquletheyo.
4 Sinokuyisebenzisa njani le ncwadi xa sidibana nomninimzi osele ekholelwa ukuba iBhayibhile iliLizwi likaThixo? Usenokuhlakulela umdla ngokubalaselisa isahluko 2, esibalisa ngengxelo engokwembali yokulwela kweBhayibhile ukusinda, okanye isahluko 14, esikhuthaza umfundi ukuba amkele uncedo ukuze ayiqonde ngakumbi intsingiselo yeBhayibhile kuthi namhlanje. Ukufunda izibhalo ezikwisahluko 14 kuya kumqinisekisa umninimzi ukuba ingxubusho yakho isekelwe eBhayibileni.
5 Abaninzi abayamkeli iBhayibhile njengelizwi likaThixo ngenxa yehambo yeNgqobhoko. Kule meko kunokusetyenziswa ngokuphumelelayo isahluko 3, esinomxholo othi “Isihlobo Senkohliso SeBhayibhile.”
6 Xa sifunda kwiBhayibhile yethu, sisenokufumanisa ukuba umninimzi ubonakalisa umdla kwisigidimi sethu kodwa akanayo iBhayibhile. Ukuba bayasazi isiNgesi sisenokubazisa ukuba singabaphathela umbhalo weNew World Translation of the Holy Scriptures. Okanye usenokubafumanela kuMbutho umbhalo weBhayibhile ngolwimi lwabo, njengoko uMbutho usiba nazo esitokhweni iiBhayibhile ngenkoliso yeelwimi zasekuhlaleni.
7 NgeBhayibhile, uYehova uye wenza iinkqubano zakhe nabantu zaziwa ibe ngaloo ndlela uye wasiqhelanisa nobuntu bakhe obumangalisayo. Ngamana singayisebenzisa ngokuphumelelayo incwadi Ililizwi LikaThixo ekuncedeni abanye bafunde ngoYehova nangamandla eLizwi lakhe!—2 Kor. 10:4.