IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 12/92 iphe. 1
  • Khuthaza Abanye Ukuba Bamondele UYesu

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Khuthaza Abanye Ukuba Bamondele UYesu
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Amanqaku Afanayo
  • Mema Abanye Balandele Oyena Mntu Ubalaseleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Nceda Abanye Bafunde Ngoyena Mntu Ubalaseleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
  • Yabelana Nabanye Ngolwazi Oluchanileyo OlungoYesu Kristu
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
  • Sebenzisa Amaphecana Ukutshayelela Incwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1992
km 12/92 iphe. 1

Khuthaza Abanye Ukuba Bamondele UYesu

1 Incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila yincwadi ebalaseleyo. Izahluko zayo ezili-133 zinokukhuthaza abantu abayifundayo ukuba bondele kuYesu baze bashukunyiselwe ukuba baxelise umzekelo wakhe. Kuye kwatshiwo ngokuchanileyo ukuba bonke ookumkani abakhe balawula, behlanganisiwe, abakhange babuchaphezele ubomi babantu kulo mhlaba ngendlela awenza ngayo uYesu. Abo bondele kuYesu ngokuqinisekileyo baya kungenelwa.

2 UYesu wafundisa abafundi bakhe ngoYise ibe wabonakalisa iimpawu ezixabisekileyo zikaThixo. Iintliziyo zethu ziyachukumiseka xa siqwalasela ubuchule bukaYesu obubalaseleyo njengomfundisi, ukukhokela kwakhe ngokungenaloyiko nemfesane yakhe. Xa sikhumbula ukubandezeleka kwakhe njengoko wayenikezela ngobomi bakhe ukuze asihlawulele, sishukunyiselwa ukuba sibe noxabiso! Incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila inokunceda abantu bambone ngale ndlela uYesu.

3 Lungiselela Kakuhle: Lungiselela kakuhle ukuze uqalise ingxubusho yeBhayibhile eya kukhuthaza abanye ukuba bondele kuYesu. Amaqela eentsapho nabanye banokuqhelisela kunye. Zabalazela ukuvuselela umdla uze ukhuthaze abantu ukuba bayifunde incwadi ethi Umntu Obalaseleyo. Kusenokufuneka uncokole izihlandlo eziliqela nomntu ukuze ufeze oku. Xa umntu engakwazi ukuyihlawulela okanye engayamkeli le ncwadi, usenokunikela amaphephancwadi akutshanje okanye usenokushiya iphecana. Ukuba uqala ngokungabonakalisi mdla ungako, sinokushiya iphecana okanye mhlawumbi incwadana enemifanekiso nokuba liphephancwadi.

4 Iingxubusho zethu kwindlu ngendlu ebudeni bukaDisemba ziya kusekelwa kuYesu zize zikhuthaze abantu ukuba bamazi ngakumbi. Ngokubalaselisa iingongoma ezikwincwadi ethi Umntu Obalaseleyo, sinokunceda abantu ukuba bamgqale uYesu, kungekuphela njengomntu wasembalini, kodwa njengoNyana kaThixo noKumkani olawulayo worhulumente oya kucombulula zonke iingxaki zoluntu.

5 Njengokuba kuye kwabethelelwa kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani benyanga edluleyo, sifanele silusebenzise ngobulumko uncwadi lwethu. Ebudeni bukaDisemba, xa abantu abaninzi becinga ngoYesu, siya kuba namathuba amaninzi okunikela incwadi ethi Umntu Obalaseleyo. Kwakhona sifanele sikuphaphele ukunikela le ncwadi kubungqina obungacwangciswanga. Cinga ngeendlela zokunikela ubungqina kwiindwendwe, kwizalamane, kwesisebenza nabo nakubantu esidibana nabo xa siye ezivenkileni. Ceba kusengaphambili, uze ube neencwadi ezaneleyo ezithi Umntu Obalaseleyo ukuze uzinikele kumsebenzi wendlu ngendlu nakubungqina obungacwangciswanga.

6 Omnye umntu ongasoloko ekunandipha ukufunda wavakalisa uxabiso ngencwadi ethi Umntu Obalaseleyo, esithi iye yamenza wakunandipha ukufunda xa ephetha usuku lwakhe. Masincede abanye bavakalelwe ngaloo ndlela, senze unako nako wokubakhuthaza ukuba bondele kuYesu ngokuyifunda ngomdla wokwenene incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share