Sebenzisa Amaphecana Ukutshayelela Incwadi Ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo
1 Ebudeni benyanga kaJuni siza kuhambisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Abavakalisi abaninzi baya kuyihambisa ngokungqalileyo le ncwadi kubaninimzi, mhlawumbi besebenzisa enye yeentshumayelo ezikwiphepha elingasemva loBulungiseleli Bethu BoBukumkani buka-Agasti 1992. Intshayelelo eyahlukileyo isenokusetyenziswa ngokusebenzisa elinye lamaphecana ethu ukutshayelela umnikelo. Kutheni ungazami elinye kula macebiso alandelayo?
2 Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? Amaphecana aluncedo kakhulu ekuqaliseni incoko. Ayanceda ekuzuzeni ingqalelo yabaninimzi kuba amaphecana axubusha ngemibandela enentsingiselo ebachaphazelayo ngokobuqu.
Ngokomzekelo, usenokuthetha okufana noku:
◼ “Njengoko sithetha nabantu, siphawula ukuba abaninzi bakhankanya ukuba baxhalatyiswe . . . [khetha isiganeko ekuthethwa ngaso ezindabeni]. Kubonakala ngathi iimeko zehlabathi ziya zisonakala. Bambi bade bazibuze enoba eli hlabathi linokusinda. Wena uvakalelwa njani ngako oko? [Vumela umninimzi aphendule. Inkoliso yabantu inethemba.] Ndifunde into ekhuthazayo endithanda ukwabelana nawe ngayo. Ikweli phecana. [Nika umninimzi iphecana elithi Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda? njengoko nawe uphethe iphecana elifanayo.] Phawula indlela uYesu awaprofeta ngayo ukuba . . . ” Funda isiqendu esikwiphepha 4 okanye elesi-5 esidibanayo nesiganeko ekuthethwa ngaso obusikhankanyile kwintshayelelo yakho. Mbonise incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo. Ukuba kubonakala kufanelekile, tyhila kwinkcazelo eyongezelelekileyo engesiprofeto sikaYesu esibalaseliswe kwisahluko 111. Qiniseka ukuba uphakamisa umbuzo ngombandela eniya kuwuxubusha xa ubuyela.
3 Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo: Kuthetha ntoni ukuphila kwihlabathi elitsha elinoxolo kuwe? Ngokuqhelekileyo, abantu bacinga ngeendawo ezithandekayo ezinemilambo emikhulu neentlambo ezicwengileyo, apho kukho izilwanyana ezihle ezihlelisene ngoxolo. Abo babandezelwe ziimeko zehlabathi ezikhoyo basenokufumanisa ukuba ithemba lehlabathi elitsha elinoxolo lilelona lihlaziyayo.
4 Ngaba ukulungele ukunikela into ehlaziyayo nechwayitisayo kubamelwane bakho, kwabo usebenza nabo nakwabo udibana nabo kwindlu ngendlu?
Xa usebenzisa iphecana elithi “Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo,” usenokuthetha okufana noku:
◼ “Ucinga ukuba kungaze kwenzeke ukuba abantu bahlale ngoxolo njengokuba kubonisiwe ngaphandle kweli phecana? [Vumela umninimzi aphendule.] Khawujonge isivakalisi sokugqibela kwisiqendu sokuqala kwiphepha 2. Sinalo mbuzo: ‘Kodwa ngaba ukukholelwa ukuba ezi meko ziya kuze zibekho kulo mhlaba kuliphupha nje, okanye kuyintelekelelo?’ [Yandula ufunde isiqendu esilandelayo kweli phecana.] Eso sicatshulwa singezulu elitsha nomhlaba omtsha sivela eBhayibhileni, kweyesi-2 kaPetros 3:13. Ukuba unganako ukuza neBhayibhile yakho, singafunda INdumiso 104:5 ukuze sifunde okungakumbi ngekamva lomhlaba.” Okanye usenokuyifunda le ndinyana kwiBhayibhile yakho. Ngoku unako ukwalathisela ingxubusho kwincwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo, kwisahluko 133.
5 Kuya kufuneka kwenziwe amanye amatyelelo okubuyela ukuze ‘kunkcenkceshelwe’ imbewu etyaliweyo. (1 Kor. 3:6, 7) Inqaku elingezantsi libonisa indlela esinokuqaliswa ngayo isifundo kwincwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo, enoba kukutyelelo lwakho lokuqala okanye kukwibuyelo.