Iintlanganiso Zenkonzo KaDisemba
PHAWULA: UBulungiseleli Bethu BoBukumkani buya kucwangcisela iNtlanganiso Yenkonzo yeveki nganye ebudeni beenyanga zendibano. Amabandla asenokwenza uhlengahlengiso oluthile njengoko kuza kufuneka aye kwindibano yesithili aze emva koko enze impinda yemizuzu engama-30 yeembalasane zocwangciso kwiNtlanganiso yeNkonzo yeveki elandelayo. Impinda yosuku nosuku inokwabelwa kwangaphambili abazalwana ababini okanye abathathu abafanelekayo abaya kukwazi ukugxininisa kwiingongoma eziziintloko. Le mpinda elungiselelwe kakuhle iya kubanceda abazalwana ukuba bakhumbule iingongoma eziziintloko abasenokuzisebenzisa ngokobuqu nasentsimini. Amagqabaza kunye namava abaliswa ngabaphulaphuli afanele abe mafutshane yaye angqale.
Iveki Eqala NgoDisemba 7
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Cebisa iindlela zokuvuselela umdla kumaphephancwadi aza kuhanjiswa kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki. Yazisa amalungiselelo enziwe ngabadala ukunceda abo baselula ukuba babe nesabelo kubulungiseleli ebudeni bexesha lekhefu lesikolo. Ukuba bakho, dlan’ iindlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abahamba isikolo abanesabelo kwinkonzo yobuvulindlela bobuncedani ebudeni bukaDisemba. Bakhuthaze bonke ebandleni ukuba baxhase baze basebenze kunye naba baselula. Ekubeni abaninzi besenokuba kwikhefu okanye kwindibano ekupheleni kukaDisemba, bakhuthaze bonke abavakalisi ukuba bafake iingxelo zabo kwibhokisi yengxelo ngaphambi kokuba baye kwiholide.
15 imiz: “Khuthaza Abanye Ukuba Bamondele UYesu.” Intetho ekhuthazayo, ebalaselisa indlela incwadi ethi Umntu Obalaseleyo esebenziseka ngayo ekuncedeni abantu babone unqulo olufanelekileyo.
15 imiz: Ngaba Sele Ugqibile Ukwenza Amalungiselelo Okubakho Kwindibano Yesithili? Ingxubusho enehlombe phakathi komdala nesicaka solungiselelo. (Sebenzisa abazalwana abaza kuya kwindibano ibandla lasekuhlaleni eliza kuya kuyo.) Xubushani ngesizathu sokuya kwethu kwiindibano. (Dut. 31:12, 13) Bonke bafanele baphulaphule ngenyameko ngenjongo yokubona indlela abanokuyisebenzisa ngayo le nkcazelo ngokobuqu nakwinkonzo yasentsimini. Kufuneka kuhlolisiswe okokugqibela ukuba bonke bawenzile amalungiselelo ezinto zokuhamba. Kukho izilumkiso ezithile sonke esifanele sizikhumbule. Akukho bani ufanele acebe ukuzonwabisa kude kube sebusuku gqitha ebudeni bendibano, ekubeni sonke simele siphumle ngokwaneleyo. Sifanele sicebe ukunikela ubungqina. Koobani? Kubantu esidibana nabo kwizithuthi zikawonke wonke nakwiindawo zokutha ipetroli, kwiivenkile zokutyela, kwiihotele, njalo njalo. Lungiselela kusengaphambili ukuba ube noncwadi olwaneleyo onokulunikela kubantu esiya kuthetha nabo ngoxa sikwikhefu naxa siye kwindibano. (Kwakhona usenokuquka izinto esimele sizikhumbule ezifanelekileyo ezikwisihlomelo soBulungiseleli Bethu BoBukumkani bukaOktobha 1992.)
Ingoma 205 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 14
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Quka ingxelo yemali nesaziso sokufunyanwa kweminikelo. Lincome ibandla ngokuxhasa ngobubele iimfuno zasekuhlaleni nangokuxhasa iNgxowa-mali yoMbutho yeeHolo zoBukumkani nomsebenzi woMbutho wehlabathi lonke. Ngokuvuma kwexesha, balisa amava athile ekusebenziseni incwadi ethi Umntu Obalaseleyo ukunceda abantu bafune unqulo olufanelekileyo. Yazisa amalungiselelo akhethekileyo okunikela ubungqina ngoDisemba 25.
20 imiz: “Yabelana Nabanye Ngolwazi Oluchanileyo OlungoYesu Kristu.” Imibuzo neempendulo. Yenza umboniso ngendlela yokusebenzisa incwadi ethi Umntu Obalaseleyo njengoko kucetyisiwe kwisiqendu 2.
15 imiz: “Hlala Uthetha Ngezinto Ozibonileyo Nozivileyo.” Intetho. Quka amava athile asekuhlaleni abantu abaselula abakhonza njengoovulindlela abangabancedani okanye abo baye balisebenzisa kakuhle ikhefu labo lesikolo ukuba babe nesabelo esingakumbi kubulungiseleli.
Ingoma 71 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 21
8 imiz: Izaziso zasekuhlaleni; quka nesaziso sokunikela ubungqina ngokukhethekileyo ngoJanuwari 1. Nikela icebiso ngengongoma enye okanye ezimbini esinokuthetha ngazo kwintshayelelo yethu ngale mpela-veki kwinkonzo yasentsimini.
15 imiz: “Sebenzisa Ingqiqo Xa Ubuyela Kwabanomdla Ebudeni Beholide.” Ingxubusho nabaphulaphuli. Yenza umboniso ngeengongoma ezikwisiqendu 3 nesesi-4.
10 imiz: Isingxobo Semibuzo. Intetho enikelwa ngumdala.
12 imiz: Izimvo Zabavakalisi Abaselula. Yitshayelele ngokuchaza inani labahamba isikolo ebandleni. Bangaphi ababhaptiziweyo kubo? Bangaphi abakhonza njengabavakalisi abangabhaptizwanga? Usenokuchaza isimbuku somsebenzi wasentsimini ukubonisa oko kufezwa ngabantu abaselula. Bancome xa kufanelekile. Yandula ke ubize abanye abaselula abalungiseleleyo ukuze bachaze indlela abaye bafanelekela ngayo ukuba ngabavakalisi abangabhaptizwanga nesizathu sokuba bayinandiphe inkonzo yasentsimini nokuba bafune ukuba nesabelo esingakumbi kuyo. Luyintoni usukelo lwabo lwekamva? Abo kudliwan’ iindlebe kunye nabo bafanele bachaze amava abo bangaphindi amazwi abacelwe ukuba bawacengceleze.
Ingoma 128 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoDisemba 28
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. IiNdaba Ezingokobuthixo. Yenza umboniso ngendlela yokuhambisa uncwadi oluya kuhanjiswa ekuhlaleni ngoJanuwari.
10 imiz: “Kwenze Usukelo Lwakho Ukuziqeqeshela Ukuhlonela UThixo.” Intetho ekhuthazayo enikelwa ngumveleli weSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo. Chaza ngokucacileyo indlela iNtetho Yesi-2 eya kunikelwa ngayo uze ukhumbuze abo babelwe ukunikela iimbalasane zeBhayibhile ukuba abafanele banabe kakhulu ngamagqabaza kwiindinyana zeBhayibhile ezabelwe iNtetho Yesi-2.
13 imiz: “Unokufumana Intuthuzelo Ngamaxesha Okubandezeleka.” (wXO92 7/15 iphe. 19-22) Intetho ekhuthazayo enikelwa ngumdala.
12 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni.
Ingoma 103 nomthandazo wokuqukumbela.