Yabelana Nabanye Ngolwazi Oluchanileyo OlungoYesu Kristu
1 Kubulungiseleli bethu basentsimini ebudeni bukaDisemba, siya kubalaselisa incwadi ethi Oyena Mntu Ubalaseleyo Wakha Waphila. Yintoni oya kuyithetha ukuze uqalise ingxubusho yeBhayibhile esexesheni, yaye uya kuyitshayelela njani le mpapasho ibalaseleyo?
2 Ukuyinikela Kwabanye: Ziintoni ezibangel’ umdla kule mpapasho esinokuzibalaselisa? Isahluko 5 sibuza umbuzo ofanelekileyo ngeli xesha lonyaka othi “Ukuzalwa KukaYesu—Phi Yaye Nini?” Usenokuwutsala umdla womntu oselula ngokumbonisa ingxelo ebangel’ umdla ekwisahluko 44 esithi “Uzolisa Uqhwithela Oloyikekayo.” Ngokuqinisekileyo umntu ogulayo okanye onesiphene uya kuthuthuzelwa sisahluko 57 esithi “Ukubonakalisa Imfesane Kwabalusizana.” Isahluko 90, esinomxholo othi “Ithemba Lovuko,” sifanele sibe nomtsalane kuye nabani na okhe waba buhlungu ngenxa yokulahlekelwa ngothandekayo. Ingxubusho ngeemeko zehlabathi ezidandathekisayo isenokukhokelela kwisahluko 111 esithi “Umqondiso Wemihla Yokugqibela.”
3 Emva kokubulisa ngokufanelekileyo, usenokuthi:
◼ “Sibuza abantu enoba banokuvuma ukuba uYesu Kristu wayengoyena umntu ubalaseleyo wakha waphila. [Vumela ixesha lokuphendula.] Kakade ke, baninzi abantu abaye banempembelelo kwimicimbi yabantu yaye bambi baye bafak’ isandla kwinkqubela yoluntu, kodwa phawula okwenza ukuba uYesu Kristu ahluke kubo bonke abanye. [Funda uYohane 17:3.] Akakho omnye umntu onamandla okunikela ubomi obungunaphakade kuluntu. [Tyhila kwisahluko 111 sencwadi ethi Umntu Obalaseleyo.] Xa uYesu wayelapha emhlabeni, wachaza iziganeko ezaziya kubakho ngaphambi kwesiphelo sehlabathi. Kodwa kwakhona wakhuthaza abafundi bakhe ukuba bavuye kuba ezi ziganeko zaziya kuthetha ukuba inkululeko yabo iyasondela.” Emva kokuxubusha ngokufutshane ngezinto ezithile ezingomqondiso wobukho bukaKristu, mbonise ezinye iimbalasane zale ncwadi. Nikela le ncwadi ngomnikelo wee-R8,00.
4 Enye into osenokuyithetha, emva kokuba ubulise ngendlela yasekuhlaleni, isenokuba yile:
◼ “Ebudeni bukaDisemba abantu bacinga yaye bathetha kakhulu ngoYesu. Ziziphi iindlela esinokuwuxelisa ngazo umzekelo owamiselwa nguYesu, oyena umntu ubalaseleyo ehlabathini? [Vumela impendulo, wandule walathisele ingqalelo kweyoku-1 kaPetros 2:21.] Wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathande abamelwane babo, bahlale becocekile ngokokuziphatha yaye bathandazele ukufika koBukumkani bukaThixo. Usindiso lwethu luxhomekeke ekumamkeleni nasekumthobeleni uYesu njengoMsindisi wethu. [Funda uYohane 14:6.] UYesu wayengengomntu uqhelekileyo. Le ncwadi imchaza njengoyena mntu ubalaseleyo wakha waphila. Isahluko 59 siyakungqina oku, simchaza ‘njengoKristu, uNyana kaThixo ophilileyo.’ Ekubeni sixhomekeke kuye ngosindiso, ngaba akuvakalelwa kukuba sifanele sifunde ngakumbi kangangoko kunokwenzeka ngemisebenzi yakhe nangoko wakufundisayo? Le ncwadi iye yalungiselelwa ngokukhethekileyo loo njongo, yaye ndingakuvuyela ukukunika yona ngomnikelo wee-R8,00.”
5 Yandlala Isiseko Sotyelelo Olulandelayo: Kambe ke, enoba siye sanikela incwadi ethi Umntu Obalaseleyo, amaphephancwadi amabini, iphecana, okanye siye sanengxubusho ebangel’ umdla, sisenokuthi: “Xa ndiphinda ndibuya, ndingathanda ukwabelana nawe ngesibakala esibangel’ umdla esiphathelele isixeko awazalelwa kuso uYesu.” Qinisekisa ukuluphawula ngenyameko olo tyelelo nomdla obonakalisiweyo.
6 BuBukumkani kuphela obunikela ithemba lokwenene kuluntu. Masibonakalise umnqweno wethu onyanisekileyo wokwabelana nabo bonke esidibana nabo ‘ngolwazi oluchanileyo lwemfihlelo engcwele kaThixo oko kukuthi, uKristu.’—Kol. 2:2, NW.