Ukukhusela Abantwana Benu Ekusetyenzisweni Kakubi Kwegazi
1 “Uyabona, ilifa likaYehova ngoonyana.“ (INdu. 127:3) Ukuba ninelo lifa lixabiseke ngolo hlobo livela kuYehova, nina, njengabazali, ninembopheleleko eyonwabisayo, nangona inzulu, yokuqeqesha, ukunyamekela nokukhusela abantwana benu. Ngokomzekelo, ngaba nithabathe onke amanyathelo asengqiqweni okukhusela abantwana benu kutofelogazi? Abantwana benu baya kusabela njani xa bejamelene nemekoyokuba baza kutofelwa igazi? Ngaba nikhe nakuxubusha njengentsapho oko ninokukwenza ukuze nijamelane ngokuphumelelayo nemeko yongxamiseko enokuba nesisongelo sokutofelwa igazi?
2 Ukuyenza intsapho yenu iyilungele imeko enjalo akumele kunibangele nibe nexhala okanye nizive nicinezeleke ngokungeyomfuneko. Aninako ukulindela kusengaphambili nize nilungiselele zonke izinto ezisenokwenzeka kamva ebomini, kodwa kukho izinto ezininzi, nina njengabazali, eninokuzenza kusengaphambili ukuze nikhusele abantwana benu kutofelogazi. Ukuzityeshela ezi mbopheleleko kunokuphumela ekubeni umntwana wenu atofelwe igazi xa efumana unyango lwezamayeza. Yintoni enokwenziwa?
3 Ulweyiseko Oluqinileyo Lubalulekile: Nifanele ninikele ingqalelo enzulu kwindlela oluqine ngayo ulweyiseko lwenu ngokuphathelele umthetho kaThixo ngegazi. Ngaba niyabafundisa abantwana benu ukuba bathobele uYehova kulo mbandela, njengoko nibafundisa umthetho wakhe ongokunyaniseka, ukuziphatha okuhle, ubundilele nezinye iinkalozobomi? Ngaba ngokwenene sivakalelwa ngendlela owayalela ngayo umthetho kaThixo kwiDuteronomi 12:23: “Qina ungalidli igazi“? Indinyana 25 iyongezelela: “Uze ungalidli; ukuze kulunge kuwe, nakoonyana bakho emva kwakho, xa uthe wakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova.“ Ugqirha usenokuthi igazi liya ’kwenza kulunge’ kumntwana wenu ogulayo, kodwa nimele nibe nesigqibo esiqinileyo ngaphambi kokuba kufike nayiphi na imeko yongxamiseko efuna ukuba nina nabantwana benu ningalamkeli igazi, nibonakalisa uxabiso ngolwalamano lwenu noYehova njengolubalasele ngaphezu kwazo naziphi na izinto ezicingelwa zinokwandisa ubomi eziya kubandakanya ukwaphulwa komthetho wakhe wobuthixo. Oku kubandakanya inkoliseko kaThixo ngoku nobomi obungunaphakade kwixesha elizayo!
4 Ewe, amaNgqina kaYehova abuxabisile ubomi. Akanamnqweno wokufa. Afuna ukuphila ukuze adumise uYehova aze enze ukuthanda kwakhe. Eso sesinye isizathu esibangela ukuba aye ezibhedlele aze ase abantwana bawo apho ukuze banyangwe. Ayabacela oogqirha bawanyange, yaye xa exelelwa ukuba igazi liyeyona ndlela yonyango emiselweyo okanye ecetyiswayo ngokwezamayeza, acela ukuba kusetyenziswe ezinye iindlela zonyango ezingelogazi. Zininzi iindlela ezizezinye ezinokusetyenziswa endaweni yegazi. Oogqirha abanamava basebenzisa zona. Ukusetyenziswa kwezo ndlela zizezinye ezingelogazi asikokuzenza ngathi unolwazi lwezamayeza ungenalo kodwa kuneendlela zonyango neenkqubo ezisebenzayo ngokwezamayeza ezingqinwe ngoolindixesha abaphambili bezamayeza. Oogqirha abaninzi ehlabathini lonke bayasebenzisana nathi ekunikeleni unyango olulungileyo lwezamayeza ngaphandle kokusebenzisa igazi, nangona kuseyingxaki maxa wambi ukufumana oogqirha abanokunyanga abantwana bamaNgqina ngaphandle kokusebenzisa igazi.
5 Ukufumana Ugqirha Onentsebenziswano: Oogqirha banezinto ezininzi ezibaxhalabisayo xa benyanga abantu abagulayo, yaye xa nibacela ukuba banyange umntwana wenu ngaphandle kwegazi, oku kwandisa ucelomngeni. Bambi oogqirha baya kuvuma ukunyanga abantu abakhulu ngoxa behlonela iminqwenoyabo ngegazi logama nje kukho into eyamkelekileyo ebhaliweyo ebakhululayo. Bambi ngokufanayo basenokuvuma ukunyanga abantwana abaye bazibonakalisa bengabantwana abaqolileyo, ekubeni zimbi iinkundla ziye zaqonda ukuba abantwana abaqolileyo banelungelo lokuzenzela ukhetho ngezamayeza. (Bona IMboniselo kaJuni 15, 1991, iphepha 1617, ukuze ufumane ingxubusho engoko kwenza umntwana abe ngoqolileyo.) Noko ke, oogqirha basenokungavumi ukunyanga abantwana abancinane, ngokukodwa iintsana, ngaphandle kokuba banemvume yokubatofela igazi. Enyanisweni, bambalwa gqitha oogqirha abanokukuqinisekisa ngokupheleleyo ukuba phantsi kwazo naziphi na iimeko abayi kulisebenzisa igazi xa benyanga umntwana. Ngenxa yezizathu ezingokwezamayeza nezingokwasemthethweni, inkoliso yoogqirha ivakalelwa kukuba ayinako ukunikela isiqinisekiso esinjalo. Sekunjalo, inani elandayo liyafuna ukunyamekela abantwana bamaNgqina kaYehova ngoxa lisenza konke okusemandleni alo ukuhlonela iminqweno yethu ngegazi.
6 Ngenxa yoku, kuthekani ukuba, kwiphulo lenu lokufunela umntwana wenu ugqirha ofanelekileyo, niyamfumana onengxelo entle ngokusebenzisana namaNgqina kaYehova nowayekhe ngaphambili wasebenzisa inkqubo efanayo ngaphandle kwegazi kwamanye amaNgqina, kodwa abe evakalelwa kukuba umthetho awumvumeli ukuba aninike isiqinisekiso esipheleleyo sokuba akanakulisebenzisa igazi? Noko ke, uniqinisekisa ukuba uvakalelwa kukuba nangesi sihlandloakuyi kubakho ngxaki. Nisenokugqiba kwelokuba ngoyena ninokumkhetha. Phantsi kwezimeko nisenokugqiba kwelokuba ninokumnika imvume yokuqhubeka. Noko ke, kwenzeni kucace mhlophe ukuba xa nimnika imvume yokunyanga umntwanawenu animniki mvume yokuba amtofele igazi. Ukuthabatha eli khondo kuya kuba yimbopheleleko yenu ekuya kufuneka niyithwale yaye isigqibo senu asiyi kujongwa njengokulalanisa.
7 Kambe ke, ukuba ninokufumana omnye onenye indlela esengqiqweni yonyango anokuyisebenzisa oko bekuya kuyinciphisa ngakumbi okanye ngokunokwenzeka kuyiphelise ingxaki yokusetyenziswa kwegazi, ngoko nisenokuthabatha elona khondo lingenabungozi. Kuya kulindeleka ukuba nenze umgudu wenkuthalo wokuzama ukufumana ugqirha okanye ugqirha wotyando oya kuvuma ngokupheleleyo kunabanye ukuba akayi kulisebenzisa igazi. Eyona ndlela yokuzikhusela kukuzilindela kusengaphambili iingxaki. Yenzani unako nako wokufumana ugqirha onentsebenziswano kusengaphambili. Zamani ukubaphepha oogqirha nezibhedlele ezingenantsebenziswano xa kunokwenzeka.
8 Kwamanye amazwe enye inkalo enokwenza umahluko enoba kuza kufuneka kutofelwe igazi yindlela unyango lwesibhedlele oluza kuhlawulwa ngayo. Xa abazali beneinshorensi yempilo okanye olunye uhlobo lokhuseleko oluvumela ukuba bazifunele ugqirha abamfunayo, abantwana basenokukhuselwa ngakumbi koogqirha okanye abasebenzi basesibhedlele abangenantsebenziswano. Ukuba nemali eyaneleyo yokuhlawula ngokufuthi kuko okugqibayo ngohlobo loncedo nentsebenziswano intsapho eyifumana koogqirha nakwizibhedlele. Kwakhona, enoba isibhedlele okanye ugqirha uyavuma ukuba umntwana asiwe kwenye indawo ngokufuthi oko kuya kuxhomekeka kubazali ukuba bayakwazi kusini naukuhlawulelaolo nyango. Yaye nina boomama eniza kuba nabantwana, kubalulekile ukuba ninyamekele impilo yenu ebudeni bokukhulelwa! Oku kuya kunceda ukuthintela ukuzala ngaphambi kwexesha nezinye iingxaki ezinxulumene noko, ekubeni olona nyango lufunekayo lwabantwana abazelwe phambi kwexesha neengxaki zabo amaxesha amaninzi lubandakanya igazi.
9 Maxa wambi oogqirha bakhalazela ukuba amaNgqina kaYehova akawuxubushi nabo umbandela wokungalamkeli igazi de kube ngumzuzu wokugqibela. Oku akufanele kube njalo. Enye yezinto zokuqala abazali abangamaNgqina abafanelebayenzexa besiyaesibhedlele okanye xa besamkela uncedo lukagqirha kukuba baxubushe ukuma kwabo ngegazi. Ukuba kubandakanyeke utyando, cela ukuthetha kusengaphambili nengcali yokuphelisa iintlungu ebudeni botyando (anesthesiologist). Ugqirha wotyando usenokuba nako ukukunceda ekwenzeni oku. Iifomu zokuvuma ukunyangwa zifanele zihlolisiswe ngenyameko. Unelungelo lokuhlaba nayiphina into ongayifuniyo. Ukuze nishenxise nawaphina amathandabuzo, bhalani ngokucacileyo kwifomu yokuvuma ukunyangwa ukuba igazi, ngenxa yezizathu ezingokonqulo nezingokwezamayeza, anilifuniokanye aniyi kulamkela phantsi kwazo naziphi na iimeko.
10 Uncedo Oluvela Kwintlangano KaYehova: Ngawaphi amalungiselelo intlangano kaYehova eye yawenza ukuze inincede ekukhuseleni abantwana benu kwigazi? Maninzi. UMbutho uye wapapasha okuninzi ukuze usifundise ngegazi nangokusetyenziswa kwezinye iindlela ezingenagazi. Niye nafundisisa incwadana enemifanekiso ethi Igazi Linokubusindisa NjaniUbomiBakho? nezinye iimpapasho ezixubusha ngalo mbandela. Yaye ninabazalwana noodade kwibandla lasekuhlaleni abanokuninceda gqitha baze banixhase. Xa iimeko zimbi kakhulu, abadala basenokubona kucebiseka ukulungiselela ukuba kubekho abantu abaza kulinda kangangeeyure ezingama24 esibhedlele, kucebiseka ukuba ibe ngumdala nomzali womguli okanye elinye ilungu elisondeleyo lentsapho. Ngokufuthi utofelogazi lunikelwa ebusuku xa zonke izalamane nezihlobo zigodukile.
11 EMzantsi Afrika nakumazwe aselumelwaneni, kukho iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele ezili12 ezikwiidolophu ezinkulu. Onke amabandla abelwe kwikomiti ebunjwe ngabazalwana abaqeqeshiweyo abafumanekayo ukuze banikele uncedo. Cela uncedo lwabo, usebenzisa abadala bakho, xa befuneka. Abafanele babizelwe iingxaki ezincinane, kodwa musa ukulibazisa ukubacela xa uqonda ukuba kusenokuvela ingxaki enzulu. Banokusoloko bechaza amagama oogqirha abanentsebenziswano baze bacebise nangezinye iindlela zonyango. Apho kuyimfunekoyaye benako, aba bazalwana balungiselela ukuza ngokwabo baze bancede xa kukho ingxaki.
12 Ukulindela Kusengaphambili Nokuqhubana Nokubandakanyeka Enkundleni: Kuthekani ukuba ugqirha okanye isibhedlele sifuna ukufumana umyalelo wenkundla wokuba umntwana wenu atofelwe igazi? Ngaba eli lixesha lokuba nincame, nicinga ukuba akukho nto ingakumbi inokwenziwa? Akunjalo konke konke! Sekunjalo utofelogazi lusenokuthintelwa. Ukuze oko kwenzeke kufanele kulungiselelwe kusengaphambili. Yintoni enokwenziwa?
13 Ukuqonda eminye yemigaqo esemthethweni elawula okanye ephembelela izibhedlele nabagwebi kule mibandela kuya kuninceda kakhulu ekuzikhuseleni. Omnye waloo migaqo obaluleke ngokuyintloko yinkalo yokuba umthetho awubaniki abazali igunya elingasikelwanga mda lokwamkela okanye lokungalwamkeli unyango lwezamayeza kubantwana babo. Nangona ngokubanzi abantu abakhulu benelungelo lokwamkela okanye lokungalwamkeli unyango lwezamayeza xa befuna, abazali abanankululeko yokungalwamkeli unyango olugqalwa luyimfuneko ukuze umntwana wabo aphile kwanokuba ukungalwamkeli kwabo kusekelwe ngokunyanisekileyo kwiinkolelo zonqulo.
14 Lo mgaqo usisiseko wabonakalaliswa ngowe1944 kwisigqibo seNkundla Ephakamileyo yaseUnited States esasisithi: “Abazali basenokuba bakhululekile ukuba babe ngabafelinkolo. Kodwa oko akuthethi ukuba banenkululeko, kwiimeko ezifanayo, yokwenza abantwana babo babe ngabafelinkolo ngaphambi kokuba babe ngabaqolileyo nabafikelele iminyaka engokwasemthethweni xa benako ukuzenzela ukhetho.“ Le nkxalabo ikwanye isisiseko ngempilo nempilontle yabantwana ikwaqukiwe kwimithethoyanamhlanje engempilontle yabantwana. Le mithetho, ejoliswe ekuphathweni kakubi kwabantwana, kwakhona yenzelwe ukukhusela abantwana ekutyeshelweni ngokwezamayeza.
15 Abazali abangamaKristu ngokuqinisekileyo abakuchasanga ukukhuselwa kwabantwana ekuphathweni kakubi nasekutyeshelweni ngabazali. Kodwa imithetho engokutyeshelwa kwabantwana nengxelo yeNkundla Ephakamileyo ecatshulwe ngasentla ngokufuthi isetyenziswa ngokungafanelekanga kwiimeko ezibandakanya abantwana bamaNgqina kaYehova. Ngasiphi isizathu? Phakathi kwezinye izinto, abazali abangamaNgqina abanamnqweno wokwenza abantwana babo “abafelinkolo.” Ukuba bekunjalo, kutheni abantwana babo bebasa esibhedlele? Ngokuchasene noko, abazali abangamaNgqina ngokuvumayo bafunela abantwana babo unyango lwezamayeza. Bayabathanda abantwana baboyaye bafuna ukuba babe nempilo entle. Kodwa bakholelwa kukuba banomthwalo abawunikwe nguThixo wokukhetha ngokunembopheleleko uhlobo lonyango lwezamayeza olulolona lubalungeleyo abantwana babo. Bafuna ukuba iingxaki zempilo zabantwana babo zinyanyekelwe ngaphandle kwegazi. Asikuko nje ukuba unyango lwezinye iindlela ezingelogazi lulunge ngakumbi yaye lukhuselekile kunegazi kodwa, okubaluleke ngakumbi, lugcina abantwana babo benenkoliseko yoMnikiBomi omkhulu, uYehova uThixo.
16 Phezu kwazo nje iingenelo zokusetyenziswa kwezinye iindlela zonyango ezingelogazi, oogqirha abaninzi namagunya empilontle yabantwana unyango ngotofelogazi balujonga njengento emiselweyo esetyenziswayo kwezamayeza esenokubayimfuneko okanye ide ibe yesindisa ubomi kwiimeko ezithile. Ngaloo ndlela, xa abazali abangamaNgqina bengalwamkeli utofelogazi olunconyelwayo, kusenokuvela iingxaki. Ngokuqhelekileyo, oogqirha abanako ngokusemthethweni ukunyanga abantwana ngaphandle kwemvumeyabazali. Ukuze bahlangabezane nokungavunyelwa ngabazali ukuba basebenzise igazi, oogqirha okanye abanye abasebenzi basesibhedlele basenokufuna umyalelo wenkundla kumgwebi. Loo mvume igunyaziswe yinkundla isenokufunyanwa kumagunya empilontle yabantwana okanye koogqirha okanye kumagunya esibhedlele akhusela umntwana koko kucingelwa ukuba kukumtyeshela ngokwezamayezaa
17 Kumaxesha amaninzi imiyalelo yenkundla egunyazisa ukuba kusetyenziswe igazi ifunyanwa ngokukhawuleza baze abazali banikwe isaziso esingacacanga okanye bangachazelwa. Oogqirha, neentsumpa zezibhedlele, okanye amagunya empilontle yabantwana bazama ukuyingxengxezela imiyalelo eyenziwe ngokungxama ngolo hlobo ngokuthi kukho ungxamiseko olungokwezamayeza olungavumeli ixesha lokuba abazali baziswe ngokuzeleyo ngoko kwenzekayo. Phofu ke, ngokufuthi xa bebuzwa, oogqirha baye bavuma ukuba akukho kungxamiseka ngokwenene yaye baye bafune umyalelo wenkundla ukwenzela “xa kusenokwenzeka”, ngokokubona kwabo, kufuneke utofelogazi kamva. Njengabondli bokwemvelo bomntwana wenu, ninelungelo elisisiseko lokwazi oko oogqirha, iintsumpa zezibhedlele, okanye amagunya empilontle yabantwana akwenzayo ngokuphathelele umntwana wenu ngawo onke amaxesha. Umthetho ufuna ukuba, ukuba kunokwenzeka, naziswe ngemigudu yokufumana umyalelo wenkundla yaye nifanele nivunyelwe ukuba nizise izizathu zenu zokungavumi phambi kwenkundla.
18 Ezi zibakala zingokwasemthethweni zibalaselisa imbaluleka yokufumana ugqirha onentsebenziswano. Sebenzisanani naye, yaye ngoncedo oluvela kumalungu eKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele, mncedeni azame ukusebenzisa ezinye iindlela ezingelogazi kwingxaki yonyango yomntwana wenu okanye nizame ukuba umntwana wenu atshintshelwe kugqirha okanye kwisibhedlele esiya kukwazi ukunikela olo nyango. Kodwa ukuba kukho imiqondisoyokuba ugqirha, intsumpa yezonyango, okanye umsebenzi wezempilontle yabantwana uceba ukufumana umyalelo wenkundla, nifanele nikuphaphele ukubuza enoba oku koko baceba ukukwenza kusini na. Maxa wambi oku kwenzelwa ngasese ngomnxeba. Ukuba baceba ukuya enkundleni, yigxininiseni into yokuba niyafuna ukwazi ngoko ukuze nani nivakalise olwenu uluvo phambi komgwebi. (IMize. 18:17) Ukuba kukho ixesha, ngokufuthi kucebiseka ukuba nifune uncedo lwegqwetha. Kwezinye iimeko amagqwetha aye anyulweyinkundla. Ukuba ninegqwetha lenu okanye elinyulwe yinkundla, uMbutho unokwabelana nalo ngenkcazelo nto leyo eya kulinceda ukuba linikhusele kangangoko linako phantsi kwemeko enjalo.
19 Ukuba ngenxa yokungalamkeli kwenu igazi nisiwa enkundleni, imbono kagqirha yokuba igazi libalulekile ukuze kulondolozwe ubomi okanye impilo yomntwana wenu isenokuba yenamandla kakhulu. Umgwebi, kuba engeyongcali kwezamayeza, ngokuqhelekileyo uya kuhlonela into yokuba ugqirha eyingcali kwezamayeza. Oku kuyinyaniso ngokukodwa xa abazali benikwa ithuba elincinane lokuvakalisa izimvo zabo kulo mbandela okanye bangalinikwa kwaphela aze yena ugqirha, engaphikiswa mntu, avunyelwe ukuba achaze amabango akhe ngokuphathelele “ukungxamiseka“ kwemfuneko yegazi. Iinkqubo ezinjalo ezicalanye asizizo ezigqibayo ngobunyaniso balo mbandela. Inyaniso yile, ixesha nesizathu sokuba oogqirha bavakalelwe kukuba igazi liyafuneka ubukhulu becala oko ngumbandela wabo wobuqu yaye oko akuqinisekanga. Ngokufuthi, xa omnye ugqirha esithi igazi lifuneka ngokupheleleyo ukuze lisindise ubomi bomntwana, omnye ugqirha, onamava okunyamekela ingxaki yezonyango ekwanjalo ngaphandle kokusebenzisa igazi, unokuthi igazi aliyomfuneko ekunyangeni loo mguli.
20 Yintoni eniya kuyenza ukuba igqwetha okanye umgwebi linibuza isizathu sokuba ningalamkeli utofelogazi “olusindis’ ubomi“ bomntwana wenu? Nangona into yokuqala enisenokufuna ukuyenza ikukuchaza ukholo lwenu kuvuko nize nichaze ukholo lwenu olomeleleyo lokuba uThixo uya kumvusa umntwana wenu ukuba ufile, impendulo elolo hlobo isenokumeyisela umgwebi, oxhalabele ikakhulu impilontle engokwasemzimbeni yomntwana, kwelokuba ninempambanoengokonqulo yaye umele angenelele ukuze akhusele umntwana wenu.
21 Into efanele iyazi inkundla kukuba, nangona ningalamkeli igazi ngenxa yezizathu ezinzulu zonqulo, asikokuba anilwamkeli unyango lwezamayeza. Umgwebi ufuna ukubona ukuba aningobazali abangenankathalo okanye abanempatho embi kodwa, kunoko, ningabazali abanothando abafuna ukuba umntwana wabo anyangwe. Kuphela anivumelani noko kucingelwa kuziingenelo igazi elinazo ukuba kugqumelele iingozi ezibulalayo neengxaki elisenokuzenza, ngokukodwa xa ezinye iindlela zokunyanga ezingelogazi nezingenazo ezo ngozi zifumaneka.
22 Kuxhomekeka kuloo meko, nisenokumazisa umgwebi ukuba le mbono yokuba kufuneka igazi yeyogqirha omnye, kodwa oogqirha bayahluka ngeendlela ababona ngazo, yaye beniya kufuna ukuba ninikwe ithuba lokufumana ugqirha oya kumnyamekela umntwana wenu esebenzisa ezinye iindlela ezingelogazi ezifumaneka ngokubanzi. Ngoncedo lweKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele, nisenokuba niye namfumana ugqirha onjalo oya kunyamekela umntwana wenu ngaphandle kwegazi nosenokunikela ubungqina obuluncedo enkundleni, mhlawumbi ngomnxeba. Ngokunokwenzeka le komiti yokunxibelelana iya kukwazi ukwabelana nomgwebi—kwanogqirha ocela umyalelo wenkundla—ngenkcazelo yezamayeza ebonisa indlela ingxaki yonyangoyomntwanawenu enokunyanyekelwa ngayo ngokuphumelelayo ngaphandle kokusebenzisa igazi.
23 Xa abagwebi becelwa ukuba bakhuphe umyalelo wenkundla ngokukhawuleza, ngokufuthi abaye bawuqwalasele okanye bakhunjuzwe ngeengxaki ezininzi zegazi, kuquka uGawulayo, isifo sesibindi nezinye iingozi ezininzi. Nisenokuzikhankanya ezi zinto kumgwebi, yaye nisenokumazisa ukuba nina, njengabazali abangamaKristu, beniya kukujonga ukusetyenziswa kwegazi lomnye umntu ngomgudu wokulondoloza ubomi njengokuvukelwa okunzulu komthetho kaThixo yaye ukunyanzeliswa kwegazi kumntwanawenu beniya kukujonga njengokufana nokudlwengulwa. Nina nomntwana wenu (ukuba sele emdala ngokwaneleyo ukuba abe nezakhe iimbono) ninokukuchaza ukuyithiya kwenu loo ntlaselo ingokwasemzimbeni yaye ninokumcela umgwebi ukuba angawunikeli loo myalelo kodwa anivumele ukuba nifune ukusetyenziswa kwezinye iindlela zonyango kumntwana wenu.
24 Xa kusetyenziswe indlelaefanelekileyoyokuzikhusela, abagwebi banako ukulibona ngokucacileyo nelinye icala—elenu—njengabazali. Ngoko ke abakhawulezi ukugunyazisa utofelogazi. Kwiimeko ezithile abagwebi baye bayilinganisela ngokungqongqo inkululeko kagqirha yokusebenzisa igazi, bade bafune ukuba kuqale kuhlolisiswe ezinye iindlela, okanye banike abazali ithuba lokufumana oogqirha abaya kubanyanga ngaphandle kwegazi.
25 Xa niqhubana nabo bafuna ukunyanzelisa utofelogazi, kubalulekile ukuba ningaze nibonakalise ukuxengaxenga kulweyiseko lwenu. Maxa wambi abagwebi (noogqirha) baye babuze abazali enoba bebeya kuba nengxaki kusini na “ekuyidluliseleni“ kubo imbopheleleko yesigqibo sokutofelwa igazi, bevakalelwa kukuba oku kuya kubenzela lula abazali ukuba yonke into bayiyekele kwisazela sabo. Kodwa nifanele nikwenze kucace kubo bonke ababandakanyekileyo ukuba nina, njengabazali, niziva nibophelelekile ukuqhubeka nisenza konke okusemandleni enu ukuphepha utofelogazi. Le yimbopheleleko yenu eniyinikwe nguThixo. Ayinakudluliselwa komnye umntu.
26 Ngenxa yoko, xa nithetha noogqirha nabagwebi, kufuneka nizilungiselele ukuze nikucacise ukuma kwenu ngendlela ecacileyo neyeyisayo. Ukuba kukhutshwa umyalelo wenkundla phezu kwayo nje imigudu esemandleni enu, qhubekani nimbongoza ugqirha ukuba angalusebenzisi utofelogazi nize nicele ezinye iindlela zonyango ezingelogazi. Qhubekani nizama ukumenza avume ukuqwalasela inkcazeloyezamayeza namacebiso abo nabaphi na oogqirha abavumayo ukuba kuyiwe kubo ngengxaki yezonyango ukuze kuphetshwe igazi. Izihlandlo ezininzi, ugqirha obebonakala enganikezeli uye aphume kwigumbi lokutyanda evakalisa ngelunda ukuba akalisebenzisanga igazi. Ngoko, nasemva kokuba inkundla iye yakhupha umyalelo, ungaze unikezele, kungakhathaliseki ukuba imeko injani na!—Bona inkupho yeMboniselo kaJuni 15, 1991, “Imibuzo Evela Kubafundi.”
27 Khumbula ukuba, uYesu wathi: “Balumkeleni ke abantu; kuba baya kuninikela ezintlanganisweni zamatyala . . . Naye ke niya kusiwa phambi kwabalawuli nookumkani ngenxa yam, ze kube bubungqina kubo, nakuzo iintlanga.“ Okuyintuthuzelo kuthi phantsi kweemeko ezinjalo kukuba, uYesu wongezelela wathi umoya oyingcwele uya kusinceda sikhumbule oko kufanelekileyo noko kuyingenelo siya kukuthetha kwiimeko ezinjalo.—Mat. 10:16-20.
28 “Oliqiqayo ilizwi uya kufumana okulungileyo; okholose ngoYehova, hayi, uyolo lwakhe.“ (IMize. 16:20) Bazali, yenzani amalungiselelo ayimfuneko okukhusela umntwana wenu kutofelogazi olungcolisayo ngokomoya kusengaphambili. (IMize. 22:3) Nina bantwana, lwamkeleni uqeqesho lwabazali benu ekwenzeni la malungiselelo nize niwafake ezintliziyweni zenu. Njengentsapho, ’qinani ningalidli igazi... ukuze kulunge kuni’ kuba niya kufumana intsikelelo kaYehova nenkoliseko yakhe.—Dut. 12:23-25.
[Footnote]
a Kuphela kuxa kanye ngelo xesha, kukho imekoyongxamiseko, ngokokubona kukagqirha, efuna ingqalelo ekhawulezileyo ekunokubonwa kubalulekile ukuba ngokusemthethweni unyango lunikelwe (kuquka utofelo-gazi) ngaphandle kwemvume yabazali oka-nyeyomgwebi ngenxa yobomi okanye impilo yomntwana. Kambe ke, ugqirha umele aphendule xa esebenzisa eli gunya lingokwa-semthethweni ngenxa yongxamiseko.