Iindaba Ezingokobuthixo
EAlbania: Ukususela ngoDisemba 1991 ukusa kuDisemba 1992, inani labavakalisi liye landa ukusuka kwabangama-24 ukusa kwabali-107. Kwakwelo thuba linye inani lezifundo zeBhayibhile lintinge lisuka kwezi-4 ukusa kwezingama-221.
ECentral African Republic: NgoJanuwari 20, 1993, urhulumente walapho upapashe umthetho ovumela ukuba amaNgqina kaYehova aphinde asebenze ngokupheleleyo. Ngoku apho abazalwana bavuyiswa kukukwazi ukusebenzisa iiHolo zabo zoBukumkani nokuqhuba iNdibano yeSithili “Yabathwali Bokukhanya” ngokukhululekileyo. Kwiindibano ezintandathu eziqhutyiweyo bekukho abangama-4739, yaye kubhaptizwe abali-121.
EMzantsi Afrika: Amanye amabandla amathathu avuyiswe kukunikezela iiHolo zoBukumkani zawo ezintsha. LelaseMolweni (kumntla wasePinetown) elaseSweetwaters (kufutshane naseMgungundlovu) nelaseLydenburg.
Ukuza kuthi ga ngoku kulo nyaka kunikezelwe iiHolo zoBukumkani ezili-12. Sithetha nje amabandla angama-27 axakekile nomsebenzi wokwakha iiHolo zoBukumkani zawo. Sikhuthaza bonke ababandakanyekileyo kulo msebenzi ukuba babhinqele phezulu. Sibamba ngazibini kubo bonke abazalwana noodade abanentumekelelo abasebenza nzima kule nkonzo.