Imfundiso Yobuthixo Inempembelelo Enamandla
1 Hayi indlela esinelungelo ngayo ukufumana imfundiso yaLowo ungokobuThixo, uMdali wethu, uYehova uThixo! (INdu. 50:1; Isa. 30:20b) Ziphuma kwiintlanga zonke namhlanje, izihlwele ziyathontelana ukuya entabeni yakhe yonqulo olunyulu ukuze zifundiswe nguye. (Mika 4:2) Izigidi zabanye zibhalisa kwizikolo ezikhuthaza ukucinga kwabantu nobulumko behlabathi. Kodwa ubulumko obutyeshela uYehova neLizwi lakhe elibhaliweyo bubuyatha emehlweni kaThixo, yaye abo bakhokelwa bubo baba zizidenge.—INdu. 14:1; 1 Kor. 1:25.
2 Umxholo othi “Imfundiso Yobuthixo” uya kubalaseliswa kulo lonke ucwangciso kwindibano yethu yesithili kulo nyaka. Siya kufunda ukuba iLizwi likaThixo nomoya wakhe liyasimanyanisa kubuzalwana bazwenibanzi, lixonxa ubuntu bethu, liyasikhusela kwiimfundiso zeedemon, yaye liyasiqeqesha sibe ngabalungiseleli abalunge ngakumbi. Ngaba uya kubakho kwenye yezi ndibano ukuze ungenelwe ngokobuqu kwimfundiso yobuthixo?
3 Impembelelo Yayo Kubomi BobuKristu: Imfundiso yobuthixo iluncedo ekuxonxeni izazela zethu. Wonk’ ubani uzalwa enesazela, kodwa ukuze sisikhokelele kwindlela yobulungisa nakwinkonzo emkholisayo uYehova, simele siqeqeshwe. (INdu. 19:7, 8; Roma 2:15) Abantu behlabathi abacingi ngokuvisisana neLizwi likaThixo, yaye ngenxa yoko abaqinisekanga ngokulungileyo nokubi. Baxambulisana ngemibandela yokuziphatha kuba ingulowo ufuna ukuhamba ngayibonayo. Abaninzi bafuna inkululeko epheleleyo yokuzigqibela ngekhondo labo lobomi. Abafuni kuzithoba kokuphela komthombo wobulumko bokwenyaniso. (INdu. 111:10; Yer. 8:9; Dan. 2:21) Kodwa imfundiso yobuthixo isicombululele imibandela enjalo, yaye sihlala simanyene njengabendlu kaThixo kuba sifundiswa nguye. Sikhangele kwikamva ngentembelo sinesazela esilungileyo, yaye sihlala sixakekile kubulungiseleli bethu.
4 Imfundiso yobuthixo isinceda sichase ‘wonke umoya wemfundiso.’ (Efe. 4:14) Asithanga phithi kukufunda intanda-bulumko, eyenza abantu bagxibhe baze bangakholelwa kunqulo, ekhuthaza inkululeko yokuzenzela izigqibo, ize ikhokelele ekuwohlokeni kokuziphatha. Siyavuyiswa kukufundiswa nguYehova, yaye ngaloo ndlela siyayiphepha intlungu nosizi oluthwaxa abantu abaninzi. Imithetho kaYehova namazwi akhe asikhumbuzayo afana ‘nelizwi ngasemva,’ elithi: “Nantsi indlela; hambani ngayo.”—Isa. 30:21.
5 Iintlanganiso Nobulungiseleli Bethu: AmaHebhere 10:23-25 siwajonga njengomyalelo ovela kuThixo. Kwiintlanganiso zebandla, sifundiswa nguYehova. Ngaba lisiko lethu ukubakho rhoqo kwiintlanganiso, okanye ngaba ukuya kwiintlanganiso sikujonga njengento engabalulekanga? Khumbula, ukuhlanganisana yinxalenye yonqulo lwethu. Akufanele kujongwe njengombandela wokhetho. Asinako ukuphoswa yiyo nayiphi na inxalenye yocwangciso lokondliwa ngokomoya uYehova asilungiselele lona.
6 UMoses wathandaza kuThixo wathi: “Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.” (INdu. 90:12) Ngaba nathi sithandazela oku? Ngaba siyaluxabisa suku ngalunye oluxabisekileyo? Ukuba siyakwenza oko, ngoko siya ‘kuzuza intliziyo elumkileyo’ ngokuchitha suku ngalunye ngendlela efanelekileyo, ukuze kuzukiswe uMyaleli wethu Ozukileyo, uYehova uThixo. Imfundiso yobuthixo iya kusinceda senjenjalo.