Incwadi Enikela Ukhokelo Lokwenyaniso
1 Ebudeni benkulungwane edluleyo ihlabathi liguquke ngendlela engummangaliso. Nangona belihambela phambili kwezonxibelelwano, kwezonyango nezothutho, ixabiso lobomi bentsapho liye lawohloka ngokuthe ngcembe. Izigidi ziyazivumela ukuba zikhokelwe yintanda-bulumko yomntu eguquguqukayo.
2 Kweli hlabathi liguquguqukayo, abantu bakaYehova bangenelwe kakhulu ngokubambelela kwiLizwi lakhe. IBhayibhile ayiguqukanga kangangamawaka eminyaka, yaye isiluleko sayo sisesesona sisebenzisekayo ukuze sihlangabezane neengxaki esijamelene nazo namhlanje. Sinokubanceda njani abantu abanomdla baqonde ukuba iBhayibhile inikela ulwalathiso lokwenyaniso kumhla wethu?
3 Ukuba kutyelelo lwakho lokuqala ubushiye iphecana elithi “Isizathu Sokuba Unokukholosa NgeBhayibhile,” usenokubuyela uze uthi:
◼ “Ekubeni iBhayibhile ichaza ngokucacileyo ukuba isisigidimi esivela kuThixo yaye yena usithembisa ngobomi obungunaphakade ukuba siyakukholelwa size sikwenze oko ikuthethayo, ngaba ucinga ukuba kungayinto efanelekileyo ukuphanda ngakumbi ngobunyaniso bale ngxelo? [Vumela amagqabaza.] Phawula oko iBhayibhile ikuchaza kusengaphambili ngale nkqubo yezinto ikhoyo yeli hlabathi. [Funda ngokungqalileyo eyesi-2 kuTimoti 3:1-5 kwiphepha 5 leli phecana.] Ngaba ucinga ukuba le nkcazelo ilifanele ihlabathi lanamhlanje? [Vumela amagqabaza.] Ngaba sikho isizathu esisengqiqweni sokulindela iimeko ezilunge ngakumbi kwikamva?” Usenokwandula ke wandlale isiseko sokuba ubuyele ngokuxubusha iziqendu zokugqibela zeli phecana okanye ngokusebenzisa iphepha 161 lencwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi likaThixo Okanye Lomntu?, ubalaselisa ithemba elimangalisayo iBhayibhile elithembisa uluntu.
4 Ukuba umninimzi ubenomdla ekuxabisekeni kweBhayibhile yaye ububalaselise imigaqo engqalileyo ekwisahluko 12 sencwadi ethi “IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?,” usenokuthi:
◼ “Sinomdla kwizinto ezisengqiqweni kuthi namhlanje, akunjalo na? Ngaba uyavumelana nelokuba iimfazwe ziya kupheliswa? [Vumela amagqabaza.] Ukuba abantu bebefunde ukuhlalisana ngoxolo nabantu bezinye iintlanga, oku bekuya kuba sisiqalo esihle, ngaba bekungasayi kuba njalo? [Vumela impendulo.] IBhayibhile ikuxele kwangaphambili oko. [Funda uIsaya 2:2, 3.] Ngaba wakha wazibuza ukuba koze kubekho njani yaye nini oku?” Chaza ukuba ungakuthanda ukuwuxubusha ngokubhekele phaya lo mbuzo ngelinye ixesha elimlungeleyo umninimzi.
5 Ukuba ubushiye i-“New World Translation,” usenokubuyela uze uthi:
◼ “Xa ubufunda iBhayibhile ebendikushiyele yona, usenokuba uphawule ukuba kuyo yonke isebenzisa igama lobuqu likaThixo. Le yeyona nto ibalulekileyo ephuculwe ngayo kunezinye iinguqulelo zeBhayibhile. Nangona abanye abantu besenokuthandabuza ukusebenzisa igama elithi Yehova, simele sikhumbule ukuba walityhila eli gama mandulo yaye wakhuthaza abakhonzi bakhe ukuba balisebenzise ukumahlula njengoThixo oyinyaniso nophilayo. Phawula oko umdumisi wakubhalayo kwiNdumiso 83:18.” Sifunde esi sibhalo, uze uvumele umninimzi agqabaze. Ngokuvisisana nomdla awubonisayo, usenokusebenzisa inkcazelo eyongezelelekileyo efumaneka phantsi komxholo othi “UYehova,” oqala kwiphepha 387 lencwadi Ukuqiqa.
6 YiBhayibhile kuphela enikela ukhokelo olufunwa luluntu. (Yer. 10:23) Ukufundisisa iLizwi likaThixo kuphela kwendlela yokufunda ngeenjongo Zakhe neyokuzuza inkoliseko Yakhe. Ngoko ke, ngenyameko masimeme abanye ukuze bangenelwe kwisiluleko sobulumko necebiso layo elisengqiqweni.