Ukuxabiseka KweBhayibhile Kwihlabathi Lanamhlanje
1 Abaninzi namhlanje bayijonga iBhayibhile njengephelelwe lixesha nengasebenzisekiyo. Nangona iyeyona ncwadi isasazwe gqitha neyona iguqulelweyo kuyo yonke imbali, ngokwentelekiso bambalwa abayifundayo, yaye bambalwa ngakumbi abalandela ulwalathiso lwayo.
2 Ngokwahlukileyo koko, siyayixabisa iBhayibhile njengeLizwi likaThixo. Izibakala zibonisa ukuba ichanile ngokwembali. Ngaphezu koko, ukuvisisana kwayo okuphawulekayo, iziprofeto zayo, ubulumko bayo namandla ayo okuzisa iingenelo ebomini babantu konke oku kubonisa ukuba iBhayibhile “iphefumlelwe nguThixo.” (2 Tim. 3:16) Amava ethu obuqu noxabiso lwethu ngesi sipho simangalisayo afanele asishukumisele ekukhuthazeni abanye baphande ngokuxabiseka kwayo kokwenyaniso.
3 Enye intshayelelo isenokuba yile:
◼ “Ngenxa yeengxaki ezinzulu uluntu olujamelene nazo, abantu abaninzi bakufumanisa kunzima ukukholelwa kuThixo, okanye bathandabuza amandla kaThixo okucombulula iingxaki esijamelene nazo. Wena uvakalelwa njani? [Vumela impendulo.] Phawula umxholo weli phecana, Isizathu Sokuba Unokukholosa NgeBhayibhile.” Tsalela ingqalelo kumfanekiso ongaphandle, wandule ufunde isiqendu sokuqala nesesibini kwiphepha 2. Ukuba umninimzi ubonakalisa umdla, usenokufunda uze uxubushe izibhalo ezibonisiweyo kwisiqendu sesibini. Yenza amalungiselelo okubuyela ukuze nihlolisise eli phecana ngokubhekele phaya—mhlawumbi usebenzisa omnye wemixholwana, njengombuzo, ukuze uvuse umdla.
4 Enye intshayelelo isenokuba yenjengale:
◼ “Ngaba akuvumelani nelokuba uluntu lufuna ulwalathiso ukuze luhlangabezane neengxaki zobomi? [Vumela impendulo.] Mandulo, abantu babesoloko belufuna eBhayibhileni ukhokelo, kodwa amaxesha aguqukile. Ngaba ucinga ukuba iBhayibhile ixabisekile namhlanje? [Vumela impendulo.] Phawula oko kuchazwe kweyesi-2 kuTimoti 3:16. [Yifunde.] ILizwi likaThixo elibhaliweyo alaneli nje ukusinceda senze izigqibo zobulumko kodwa likwanikela ithemba eliqinisekileyo ngekamva.” Funda uYohane 17:3. Thetha ngengongoma engqalileyo ibe nye okanye zibe mbini obuzikhethe kusengaphambili kwincwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ukuze ubonise ukuxabiseka kweBhayibhile.
5 Usenokukufumanisa kuluncedo ukusebenzisa ezinye iintshayelelo ezandlalwe kwiphepha 10 lencwadi Ukuqiqa phantsi komxholwana othi “IBhayibhile/UThixo.” Kwiphepha 70-80 kunikelwe inkcazelo eyongezelelekileyo esenokuba luncedo ekuphenduleni imibuzo yabaninimzi okanye amazwi abo enkcaso.
6 Ukuhambisa iNew World Translation: Abantu abaninzi banomdla ekufumaneni inguqulelo yeBhayibhile yesiNgesi yala maxesha. Kutheni ungabahambiseli umbhalo weNew World Translation? Ukuba unawo umbhalo wakho wobuqu, unokubabonisa eminye imibandela eluncedo yeNew World Translation. Usenokubalaselisa ingongoma enye okanye ezimbini kwiphepha 218-21 kwincwadi Ukuqiqa. Yazisa umninimzi ukuba ubungathanda ukumshiyela iNew World Translation nencwadi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ngomnikelo we-R15, 00. Kwakhona usenokufumana abafundi abakwizikolo zemfundo ephakamileyo abanokuthanda ukuba nombhalo weNew World Translation.
7 Waphaphele amathuba okukhuthaza abantu bafunde iBhayibhile. Nceda abantu abanomdla babe nentlonelo nothando ngeLizwi likaThixo elibhaliweyo. Ngokusebenzisa imigaqo yayo kubomi babo bobuqu baze bazi inyaniso, baya kuzuza iingenelo ezininzi ngoku nakwixesha elizayo.—INdu. 119:105.