IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 3/94 iphe. 8
  • Nikela Incwadi Ethi Imibuzo Yabantu Abaselula

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Nikela Incwadi Ethi Imibuzo Yabantu Abaselula
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • Umfundi Usabela Kwincwadi Ethi Abantu Abaselula
    Vukani!—1990
  • Ulutsha Lwanamhlanje—Luhlangabezana Nocelomngeni Lweminyaka Yee-1990
    Vukani!—1990
  • Incwadi Yokunceda Ulutsha Lukhumbule UMdali Walo
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2010
  • Lutsha—Vuyisani Intliziyo KaYehova
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1993
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 3/94 iphe. 8

Nikela Incwadi Ethi Imibuzo Yabantu Abaselula

1 Eli xesha sikulo lingqineke ilixesha elinzima gqitha kubantu abaselula ngokubanzi. Kukho abazali nolutsha oluninzi oluxhalabileyo ngeengxaki ezixake abantu abaselula. Ukuze sibancede, siya kuhambisa incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula entsimini ngoMatshi. Mhlawumbi sele unentshumayelo ozenzele yona oya kuthanda ukuyisebenzisa. Okanye usenokuthanda ukusebenzisa enye yezi ntshayelelo zilandelayo:

2 Emva kokuba ubulise ngokufanelekileyo, usenokuthetha okufana noku:

◼ “Ukukhula kula maxesha aneenkathazo akulula. Ulutsha lujamelana neemeko ezintsha ezifuna ukuba lwenze izigqibo ezibalulekileyo. ‘Ngaba ndifanele ndisele? Ngaba ndifanele ndisebenzise iziyobisi? Yiyiphi ihambo efanelekileyo xa ndikunye nomntu wesini esahlukileyo?’ Xa abantu abaselula bebuza ngale mibandela isisiseko, ngokufuthi bafumana iimpendulo ezininzi ezingqubanayo. Ucinga ukuba uninzi lwabo lulifumana phi icebiso? [Vumela amagqabaza.] Le ncwadi, Imibuzo Yabantu Abaselula​—⁠Iimpendulo Eziluncedo, inikela inkcazelo eluncedo. [Mbonise iziqulatho, ezibonisa imibandela eyahlukahlukeneyo exutyushwayo.] Ulutsha lufuna iimpendulo ezingqalileyo neziyinyaniso. Iimpendulo ezikule ncwadi zixhaswa koko kuthethwa yiBhayibhile. Unokuzifumanela le ncwadi iluncedo nenemifanekiso emihle ngomnikelo wee-R4,50.”

3 Nantsi enye intshumayelo osenokuyisebenzisa:

◼ “Abantu abaselula namhlanje bajamelana neengcinezelo ezininzi. Bafuna uncedo ukuze bahlangabezane nazo ngokuphumelelayo. Xa sisenza unako nako ukuze sibancede, ngaba asifuni into enikela ukhokelo olusebenzisekayo? [Vumela amagqabaza.] Ezinye zezona ngcinezelo ziqatha zivela kolunye ulutsha, oontanga babo. Khawuphawule le mifanekiso ikwiphepha 76 nelama-77 kule ncwadi. [Mbonise inkcazelo yemifanekiso nesiqendu esibhalwe ngamagama akekeleyo kwiphepha 77.] Amaphepha alandelayo kwesi sahluko anikela iimpendulo ezinyanisekileyo nezisebenzisekayo. [Mnike incwadi.] Ungazifumanela yona ngomnikelo wee-R4,50.” Ukuba ayamkelwanga incwadi, usenokukhetha ukuqwalasela iingongoma ezifanelekileyo kwiphecana elithi Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda?

4 Qiniseka ukuba umema nabani na obonisa umdla ukuba abekho eSikhumbuzweni ngoMatshi 26. Kwakhona bamemele kwintetho ekhethekileyo ethi “Unqulo Lokwenyaniso Luyazanelisa Iintswelo Zebutho Labantu” eya kunikelwa ehlabathini lonke ngoAprili 10.

5 Ngokwenene la ‘ngamaxesha anomngcipheko ekunzima ukuhlangabezana nawo,’ ngokukodwa kubantu abaselula. (2 Tim. 3:⁠1, NW) Incwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula inokumnceda ngokwenene umntu oselula ahlangabezane ngokuphumelelayo nocelomngeni lwanamhlanje. Izahluko zayo ezingama-39 zinemifanekiso emininzi, yaye amanqaku ayo angqalile ibe ayasebenziseka. Ngoko nanini na kuvela ithuba, kuphaphele ukusebenzisa le mpapasho intle.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share