Bancede Benze Ngokuvisisana Nesigidimi SoBukumkani
1 Umsebenzi wethu wokushumayela unika abantu ithuba lokuva ‘iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo.’ (Mat. 24:14) Kodwa ukuze basinde ‘kwimbandezelo enkulu,’ bamele benze ngokuvisisana nazo baze babe ngabafundi bakaYesu Kristu. (ISityhi. 7:14; Mat. 28:19, 20) Kubandakanyeke ubomi! Ngoko qiniseka ukuba uyabuyela kwabo babonise umdla ngaphambili kwenye yeentshumayelo obuzisebenzisa kule nyanga.
2 Ukuba ubushiye incwadi ethi “Imibuzo Yabantu Abaselula,” usenokuthi:
◼ “Ndivuya gqitha ukukubona kwakhona. Ukugqibela kwethu ukuthetha, sithethe ngeengxaki abanazo abantu abaselula. Ndikushiyele incwadi enikela iimpendulo kwimibuzo emininzi abanayo abantu abaselula. Ukuba uye wanalo ixesha lokuyifunda le ncwadi intle kangaka, usenokuba uliphawulile icebiso layo elisebenzisekayo nelisexesheni. Ndithanda ukusebenzisa imizuzu embalwa ukuze ndikubonise ikamva elimangalisayo elithenjiswe nguThixo.” Yandula ke utyhile kwiphepha 306 nelama-307, ubalaselise iingongoma nezibhalo ezifanelekileyo ngokuvuma kwexesha. Lungiselela ukubuyela ukuze uqhubeke nengxubusho.
3 Ukuba ubushiye iphecana elithi “Ngaba Eli Hlabathi Liya Kusinda?” kutyelelo lokuqala, usenokuthetha okufana noku:
◼ “Ndiyavuya ukukufumana usekhaya namhlanje. Xa bendikutyelele kutshanje, sithethe ngeziganeko ezenza umqondiso oya kubakho ngaphambi nje kwesiphelo sehlabathi. [Hlolisisa iinkalo ezifanelekileyo zomqondiso kuMateyu 24:3-14.] Ngaba uye waphawula nasiphi na isiganeko esiye senzeka kutshanje ehlabathini okanye apha ekuhlaleni ocinga ukuba sikukuzaliseka kwenxalenye yaloo mqondiso?” Mbonise inqaku elikwelinye lamaphephancwadi akutshanje, ubalaselisa ukuzaliseka kwezinye zezi ziprofeto zeBhayibhile. Nikela amaphephancwadi amabini ngomnikelo we-R1,60. Xa uqukumbela utyelelo, khankanya umxholo wentetho yesidlangalala yaloo veki, uze ummeme ukuba abe kunye nawe kwiHolo yoBukumkani.
4 Ukuba ubumemele umninimzi eSikhumbuzweni, yithi:
◼ “Ukugqibela kwam ukukutyelela, sithethe ngendlela okubaluleke ngayo kuluntu ukufa kukaYesu. Kwakhona ndiye ndakumema ukuba ubekho kwiSikhumbuzo sokufa kwakhe, esiya kwenziwa ngamaKristu ehlabathini lonke ngoMatshi 26. Namhlanje ndizele ukukukhumbuza ukuba uyamenywa kweso siganeko sibalulekileyo. [Chaza ixesha nendawo esiya kwenzelwa kuyo.] Ukuhlolisisa kunye ezinye zeentsikelelo esizinandiphayo ngoku ngenxa yoko uYesu wakwenzela uluntu, kunye neentsikelelo eziseza kufumaneka kusenokukunceda uqonde intsingiselo yesi siganeko.” Ukuba kunokwenzeka, yenza amalungiselelo okunceda umntu onomdla abekho eSikhumbuzweni.
5 Ukuba ngumntu obephulaphule ngomdla, oku kusenokusebenza:
◼ “Ndiyinandiphe kakhulu incoko yethu yakutshanje ngeBhayibhile. Ndibuyile kuba ndithanda ukukubona unandipha oko uThixo akuthembise abo bafuna ukufunda okungakumbi ngaye.” Funda uYohane 17:3, uze umbonise iphecana elithi Ubomi Kwihlabathi Elitsha Elinoxolo.
6 Kwanga uthando lwakho ngobomi noxabiso lwakho ngentlawulelo lungakushukumisela ukuba ubuyele kubantu abanomdla. Bancede benze ngokuvisisana nesigidimi soBukumkani esichwayitisayo. Khumbula, “ixesha likufuphi”!—ISityhi. 1:3.