IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/94 iphe. 1
  • Bazi Kakuhle Abazalwana Bakho

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Bazi Kakuhle Abazalwana Bakho
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
  • Amanqaku Afanayo
  • “Yibani Nothando Olunzulu Omnye Ngomnye”
    Nqula Okuphela KoThixo Oyinyaniso
  • Qhubeka Ubathanda Abazalwana Bakho
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova—2009
  • Bazi Abazalwana Bakho
    Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1998
  • Bakhuthaze Uze Ubancede Oodade
    IMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova (Efundwayo)—2020
Khangela Okunye
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 8/94 iphe. 1

Bazi Kakuhle Abazalwana Bakho

1 Ulwalamano lwethu nabo sinqula nabo lubandakanya okungakumbi kunokuba kunye nabo kwiintlanganiso eHolweni yoBukumkani. Singabenzi bokuthanda kukaThixo, ibe oko kusizisa kulwalamano lokomoya noYesu. (Mar. 3:​34, 35) Ngokomphumo, oko kusenza sibe yintsapho yokomoya nabanye abasebandleni lamaKristu, abazalwana noodade wethu bokomoya, esiyalelwa ukuba sibathande. (Yoh. 13:35) Ngaloo ndlela, abo banxulumana ‘nabendlu kaThixo’ bafanele bazabalazele ukwazana kakuhle.​—⁠Efe. 2:⁠19.

2 Wazi Amagama Abazalwana Bakho: Ngaba uwazi onke amagama abazalwana noodade abakwiSifundo Sencwadi Sebandla sakho? Ngokuqhelekileyo eli qela liba lincinane, nto leyo eyenza kube lula ukwazi amagama enkoliso, okanye abo bonke, abezayo kuso. Ukuba awazi namagama la abo, ngaba unokuthi ubazi kakuhle?

3 Kuthekani ngokwazi abanye, kuquka abantwana, abezayo kwiintlanganiso eHolweni yoBukumkani? Sisenokutyekela ekunxulumaneni neqela elithile labahlobo. Ngoxa kungaphosakalanga ukusoloko sinxulumana nabathile, besingasayi kubulisa ngobubele size sincokole ngokwakhayo nabambalwa kuphela. Sifanele sibe “banzi,” senze umgudu wokwazi kakuhle bonke abazalwana noodade wethu. (2 Kor. 6:​11-13) Ngokucacileyo oko bekuya kuquka ukwazi amagama abo.

4 Abazalwana abaqhuba iintlanganiso zebandla bafanele bazame ukwazi amagama abo bonke abakhoyo. Xa oseqongeni ebiza ngamnye ngegama ubenza bavakalelwe kukuba amagqabaza abo ayaxatyiswa, ibe kwangaxeshanye, kunceda abanye bazi amagama abo. Kakade ke, kubaphulaphuli kuya kusoloko kukho abasebatsha okanye abatyeleleyo, nto leyo eya kwenza kube nzima ukwazi amagama abo bonke. Sekunjalo, umgudu wokunyaniseka oqhubekayo uyabakhuthaza abanye ibe ubonisa umdla wokwenene wobuqu.​—⁠Roma 1:​11, 12.

5 Yiba Ngowokuqala Ukwazi Abanye Kakuhle: Abaveleli abahambahambayo badla ngokubazi kakuhle abazalwana noodade abaninzi. Bakwenza njani oko? Ngeendlela ezintathu eziziintloko: (1) Basebenza nabo kwinkonzo yasentsimini rhoqo; (2) xa iimeko zabo zivuma, bayavuma xa bebamemela emakhayeni abo; yaye (3) bababulisa kuqala abakhulu nabantwana kwiintlanganiso.

6 Ngaba zikho iindlela ozicingayo zokuba banzi kunxulumano lwakho nezokwazi abazalwana bakho ngakumbi? Ngokuqinisekileyo sinokumema abanye bahambe nathi kwinkonzo yasentsimini. Ukuya kwindlu ngendlu, ukubuyela, ukuya kwizifundo zeBhayibhile, okanye ukunikela ubungqina esitratweni ngamaphephancwadi zonke ezi ziindlela ezibalaseleyo zokwazana kakuhle. Kwakhona kuhle ukumemela abanye ekhayeni lakho, mhlawumbi nidle kunye isidlo okanye izimuncumuncu ngamathuba athile. Ukuya kuqala kwabasebatsha okanye abaneentloni akwaneli nje ukubakha ngokomoya kodwa kukwazisa imivuzo eyintabalala.​—⁠IZe. 20:35; 1 Tes. 5:⁠11.

7 UPawulos wayebazi kakuhle abazalwana bakhe. Ukubonisa ukuba wayenomdla wokungazingci kubo yaye wayebathanda ngokwenene wayeyibiza ngamagama inkoliso yabo kwiincwadi zakhe. (1 Tes. 2:17; 2 Tim. 4:​19, 20) Imigudu yethu yokwazi abazalwana bethu ngamagama iya kusizisela iintsikelelo sonke.

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share