Bazi Abazalwana Bakho
1 IBhayibhile ichaza umhlobo wenene njengomntu osondela nangaphezu komnakwenu, osoloko ebonakalisa uthando yaye enomonde, nomncedayo umhlobo wakhe mhla ngengxaki. (IMize. 17:17; 18:24) Soze sibaswele abahlobo abanjalo ebandleni ukuba senza umgudu wokwazana nokuthandana.—Yoh. 13:35.
2 Sifumana amathuba amahle okwazana nabazalwana bethu ngaphambi nasemva kweentlanganiso. Kutheni ungafiki ngaphambi kwexesha uze ungakhawulezi uhambe emva kweentlanganiso ukuze unandiphe ubudlelane bothando nobufudumeleyo? Ncokola nabazalwana abahlukahlukeneyo, kuquka abakhulileyo, abanamava nabaselula okanye abaneentloni.
3 Qalisa Incoko: Khawenze bhetele kunokubabulisa nje udlula abazalwana bakho. Usenokuqalisa incoko ngokubalisa amava enkonzo yasentsimini, into ethile ebangel’ umdla oyifunde kwiphephancwadi lakutshanje, okanye ugqabaze ngentlanganiso esandul’ ukuqukunjelwa. Unokufunda okuninzi ngabazalwana bakho ngokuphulaphula kakuhle, ubakhuthaze ukuba bakubalisele amava abo nezinto abazifundayo. Ukubuza nje indlela ubani aye wamazi ngayo uYehova kunokutyhila lukhulu. Abanye baye bafumana amava aqinisa ukholo ebomini babo, ngoxa abanye sithetha nje banyamezela iimeko ekunzima kwaukuzicinga kwabaninzi. Ukuqonda oku kuya kusinceda ukuba sizibone msinya size sisabele kwiintswelo zabanye njengabahlobo bokwenene.
4 Yibani Ngabahlobo: Emva kokufelwa ngumntwana wakhe, omnye udade wakufumanisa kunzima ukuvuma iingoma zoBukumkani ezikhankanya uvuko. Ukhumbula oku: “Ngeny’ imini, udade owayehleli kuluhlu olungqamene nendandihleli kulo wandibona ndilila. Weza kum, wandigona, waza wavuma loo ngoma kunye nam de yaya kuphela. Ndaziva ndibathanda gqitha abazalwana noodade yaye ndivuya kakhulu ngenxa yokuba sineentlanganiso, ndiqonda ukuba kulapho sifumana uncedo khona, kwiHolo yoBukumkani.” Sifanele sibe ngabahlobo babazalwana bethu ngokubathuthuzela xa kuyimfuneko size sibakhuthaze ngalo lonke ixesha.—Heb. 10:24, 25.
5 Njengoko eli hlabathi liya lisicinezela ngakumbi, masizimisele ukubazi abazalwana bethu. Oku kukhuthazana ngokusuka entliziyweni kuya kungqineka kuyintsikelelo kubo bonke.—Roma 1:11, 12.