Iintlanganiso Zenkonzo Ka-Agasti
Iveki Eqala NgoAgasti 1
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni neZaziso ezikhethiweyo kuBulungiseleli Bethu BoBukumkani. Yenza umboniso ngeengongoma ekunokuthethwa ngazo kumaphephancwadi akutshanje ezinokubalaseliswa kwinkonzo yasentsimini kule mpela-veki. Le yinyanga yokugqibela yonyaka wenkonzo, ngoko khuthaza bonke babe nesabelo ngakumbi kwinkonzo yasentsimini mpela-veki nganye.
15 imiz: “Hlala Unesimo Sengqondo Esakhayo.” Imibuzo neempendulo. Ngokufutshane dlan’ indlebe novulindlela okanye umvakalisi onethuba elide oza kubalisa indlela aye wakwazi ngayo ukuhlala enesimo sengqondo esakhayo phezu kwayo nje inkcaso okanye ukungafunwa entsimini.
15 imiz: “Iincwadana Ezinemifanekiso—Izixhobo Ezixabisekileyo Kubulungiseleli.” Yixubushe nabaphulaphuli. Lungiselela imiboniso emibini elungiselelwe kakuhle engeentshumayelo ezicetyisiweyo. Bonisa ezinye iincwadana ezinemifanekiso eziya kuhanjiswa ngoAgasti. Khumbuza abaphulaphuli bazifumanele imibhalo abaza kuyisebenzisa entsimini kule veki.
Ingoma 142 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 8
10 imiz: Izaziso zasekuhlaleni.
15 imiz: “Bazi Kakuhle Abazalwana Bakho.” Imibuzo neempendulo. Cela abaphulaphuli babalise amava amafutshane abonisa indlela abakwazi ngayo ukubazi kakuhle abanye besebenzisa amacebiso akwisiqendu 6.
20 imiz: Ukunikela Ubungqina Obungacwangciswanga Ngokuthe Chatha. Iqela labavakalisi abathathu okanye abane lixubusha indlela yokwandisa isabelo salo kulo msebenzi. Besebenzisa amacebiso akwiMboniselo kaOktobha 15, 1987, iphepha 22-7, bahlolisisa okwenziwe ngabanye, yaye bathetha ngendlela abaceba ukwenza okungakumbi ngayo kulo msebenzi. Usihlalo ukhuthaza abaphulaphuli bacinge ngendlela abanokuba nesabelo ngayo kule nkonzo.
Ingoma 182 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 15
5 imiz: Izaziso zasekuhlaleni, kuquka nengxelo yemali nezaziso zokufunyanwa komnikelo.
15 imiz: “Ukuhlakulela Umdla Kumabuyelo.” Yixubushe nabaphulaphuli. Quka imiboniso emibini yemizuzu emithathu ebonisa indlela ezinokusetyenziswa ngayo iintshumayelo ezilapha xa kubuyelwa. Khuthaza ukwenziwa kwemigudu yokuqalisa izifundo zeBhayibhile.
25 imiz: “Qhubekani Nihamba Ngokunenkqubela Kumzila Olungeleleneyo.” Imibuzo neempendulo.
Ingoma 96 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 22
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni nenxalenye ethi “Ucwangciso Olutsha Lwendibano Ekhethekileyo Yosuku Olunye.” Ukuba sele uwazi, yazisa umhla wendibano ekhethekileyo yosuku olunye, uze ukhuthaze bonke bacebe ukubakho.
15 imiz: Ndinokusondelelana Njani NoThixo? Umboniso wesifundo sentsapho. Abazali baxubusha umbandela okwisahluko 39 sencwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula nabantwana abakwishumi elivisayo. Bagubungela umxholwana othi “Ukubuvakalisa Ekuhleni Ubuhlobo Bakho NoThixo,” kwiphepha 315-18. Abantwana bakhalaza ngelokuba baba neentloni xa besiya kwindlu ngendlu baze bachaze ukuba iintlanganiso ziphinda into enye yaye zibakho rhoqo. Abazali baqiqa nabo ngobubele, bebabonisa imigaqo yeZibhalo ebonisa ukuba ezi zinto zibalulekile ukuze balondoloze ulwalamano oluhle noYehova.
15 imiz: Iimfuno zasekuhlaleni. Okanye nikela intetho kwinqaku elithi “Ukuxakeka Ziindaba Ezilungileyo” kwiMboniselo, kaJulayi 1, 1991, iphepha 28-30.
Ingoma 184 nomthandazo wokuqukumbela.
Iveki Eqala NgoAgasti 29
15 imiz: Izaziso zasekuhlaleni. Chaza ngenkqubela kumhlaba ongabelwanga bani. Yazisa ibandla ngamalungiselelo kaSeptemba uze ukhuthaze bonke bawaxhase. Dlan’ indlebe nomvakalisi omnye okanye ababini abanamava abanokuwabalisa. Amabandla angakwaziyo ukusebenza umhlaba wawo ongabelwanga bani anokukhuthaza ukugutyungelwa ngokucokisekileyo kwentsimi yasekuhlaleni. Kwakhona anokuxubusha amagqabaza omveleli wesiphaluka kutyelelo oludluleyo. Unobhala nabaqhubi bezifundo zencwadi bafanele bahlole ukuba zonke iingxelo ezingekafakwa zenkonzo yasentsimini zowe-1994 zifakiwe. Khumbuza abavakalisi bafake ingxelo ka-Agasti yenkonzo yasentsimini ngokukhawuleza.
15 imiz: “Ngaba Ungaphinda Ungenele Izintlu Zoovulindlela?” Yixubushe nabaphulaphuli. Quka amava asekuhlaleni abonisa indlela ubani aye wakwazi ngayo ukuphinda angenele inkonzo yobuvulindlela okanye indlela intsapho esebenzisene ngayo ukunceda elinye ilungu lixhakamfule eli lungelo.
15 imiz: Hambisa Incwadi Unokuphila Ngonaphakade Ebudeni BukaSeptemba. Khuthaza ukwenziwa komgudu ngenzondelelo wokuhambisa le ncwadi kuze kuqaliswe izifundo ebudeni bukaSeptemba. Yakhutshwa ngowe-1982 ibe ukususela ngoko ibisetyenziswa njengesona sixhobo sokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Imibhalo eyakhutshwa endibanweni yesithili yayinesi sigidimi: “Le ncwadi intsha yofundisiso iqulethe oko kufunekayo ukunceda abanye babe nethemba esinalo. . . . Iqulethe zonke iinyaniso zeBhayibhile ezibalulekileyo abasebatsha abafanele baziqonde ukuze bahlulele ubomi babo kuYehova baze bamkhonze ngokwamkelekileyo.” Imiphumo yayo yabonakala kulwando lwabavakalisi besusela kwizi-2 652 323 ngowe-1983 basa kwizi-4 709 889 ngowe-1993. Cela abathile babalise indlela abayifunda ngayo inyaniso ngokufundisisa le ncwadi okanye indlela ababanceda ngayo abanye ngokubafundela yona. Xa ixesha livuma, chaza ezinye iingongoma ezinokubalaseliswa xa ihanjiswa.
Ingoma 161 nomthandazo wokuqukumbela.