Qhubekani Nihamba Ngokunenkqubela Kumzila Olungeleleneyo
1 Umpostile uPawulos wayenothando olukhethekileyo ngebandla laseFilipi, awasetyenziselwa ukuliseka. Wayenombulelo ngokumxhasa kwalo ngobubele ngezinto eziphathekayo ibe wathi lalingumzekelo omhle.—2 Kor. 8:1-6.
2 UPawulos washukunyiswa luthando olunzulu ukuze ababhalele incwadi abaseFilipi. Incwadi i-Insight, uMqulu 2, iphepha 631, inikela le ngxelo: “Kuyo yonke le ncwadi ukhuthaza ibandla laseFilipi ukuba liqhubeke nekhondo lalo elihle—lizuze ukuqonda okungakumbi lize libambelele ngokuqinileyo kwiLizwi lobomi, libe nokholo olomelele ngakumbi nethemba lomvuzo ozayo.” Basabela ngobubele, besomeleza amaqhina othando phakathi kwabo nalo mpostile. Amazwi kaPawulos anentsingiselo ekhethekileyo kuthi namhlanje, asinika isizathu esivakalayo sokusicingisisa ngenyameko isibongozo sakhe, ngokukodwa eso sichazwe kweyabaseFilipi 3:15-17.
3 Kubalulekile Ukuba Nesimo Sengqondo Sokuqola: KweyabaseFilipi 3:15, uPawulos wabhala njengendoda eligqala. Wayivuma inkqubela yokomoya yabaseFilipi, ebabongoza njengamaKristu aqolileyo anesimo sengqondo esifanelekileyo. Logama nje isimo sabo sengqondo sasibonisa ukuthobeka noxabiso olwaboniswa nguYesu, babeya kuqhubeka ‘bengenakusoleka, bengenabuqhinga; bengabantwana bakaThixo abangenakubekwa bala . . . , bebambelele elizwini lobomi.’ (Fil. 2:15, 16) Xa sifunda amazwi kaPawulos, sifanele sivakalelwe kukuba uthetha nathi. Ngaloo ndlela siya kuba sinqwenela ngokunyanisekileyo ukuba nesimo sengqondo esifana nesikaYesu nokubonakalisa uxabiso lokuthobeka ngamalungelo ethu. Siqhubeka simbongoza uYehova ngomthandazo, simcela asincede koku nakwezinye izinto.—Fil. 4:6, 7.
4 Njengokuba eyabaseFilipi 3:16 ibonisa, sonke sifanele sizabalazele ukwenza inkqubela. Igama elithi “inkqubela” lithetha “ukuhambela phambili.” Abantu abanenkqubela “banomdla kwiimbono ezintsha, kwizinto ezifunyanisiweyo okanye kumathuba.” UPawulos wayefuna abaseFilipi baqonde ukuba ubuKristu abumanga ndawonye ibe abo babesithi bakubo babemele baqhubeke behambela phambili. Umoya wabo wenkqubela wawuya kubonakaliswa kukuvuma kwabo ukuzihlolisisa, ukuvuma ubuthathaka babo nokuzabalazela amathuba okwenza okuthe chatha okanye ukuphucula umgangatho woko babekwenza. Namhlanje intlangano kaYehova yasemhlabeni iqhubeka ihambela phambili ngokunenkqubela, ihlala isandisa umsebenzi wayo nokuqonda kwayo iLizwi likaThixo. Ngamnye wethu umele ahambisane nayo, asebenzise onke amalungiselelo ayo aze abe nesabelo ngokupheleleyo kumsebenzi wayo.
5 Inkqubela Ifuna Umzila Olungeleleneyo: UPawulos waqhubeka ebongoza abazalwana bakhe ukuba ‘bahambe ngolungelelwano kumzila omnye.’ (Fil. 3:16, NW) Ukulungelelana kufuna ukuba abantu okanye izinto sizibeke kwindawo yazo efanelekileyo size sibe nehambo entle. AmaKristu aseFilipi azigcina kwindawo yawo, ehlala esondele kwintlangano kaYehova nawo esondelelene. Ubomi bawo babulawulwa ngumthetho wothando. (Yoh. 15:17; Fil. 2:1, 2) UPawulos wawabongoza ukuba ‘ahlale ngokuzifaneleyo iindaba ezilungileyo.’ (Fil. 1:27) Nanamhlanje ukulungelelana nehambo entle kusabalulekile kumaKristu.
6 Umzila kukwenza inkqubo emiselweyo ibe ngumkhwa wakho. Ngaloo ndlela uhlobene kakhulu nesiko lokwenza izinto. Ukuba nomzila kunokuba yingenelo kuthi kuba asisayi kuxakwa size sifunisele xa sisenza izigqibo ngesiza kukwenza—sele sinendlela emiselweyo esiyilandelayo enjengomkhwa.
7 Umzila olungeleleneyo wobuthixo uquka imikhwa namasiko akhayo, ayingenelo nawokuhlonela uThixo—injongo yawo ekukusakha ngokomoya, ukunceda abanye, ukuba kunokwenzeka, kunye nokwenza okungakumbi enkonzweni kaYehova. Ukuze siphumelele ekufikeleleni olu sukelo kufuneka simisele size sihlale sinomzila oquka ufundisiso lobuqu, ukubakho rhoqo kwiintlanganiso nokuba nenxaxheba kumsebenzi wokushumayela.
8 Umzila Olungeleleneyo Uquka Izinto Ezibalulekileyo: Enye into ebalulekileyo “lulwazi oluchanileyo nokuqonda okupheleleyo.” (Fil. 1:9, NW) Ufundisiso lobuqu lulwenza nzulu ukholo lwethu, lomeleza uxabiso lwethu ngenyaniso, ibe lusishukumisela emisebenzini emihle. Noko ke, abanye bakufumanise kunzima ukufundisisa rhoqo. Enye ingxaki ephambili abayichazayo kukunqongophala kwexesha.
9 Asinakubek’ umnwe kwiingenelo zokufundisisa iBhayibhile imihla ngemihla. Umyalelo wayo ‘uyingenelo’ ngeendlela zonke. (2 Tim. 3:16, 17) Sinokulifumana njani ixesha lokufundisisa iBhayibhile kumzila wethu wemihla ngemihla? Bambi bafumanise ukuba banokuvuka kwangethuba ntsasa nganye, xa ingqondo yabo isahlaziyekile. Abanye bafumanisa ukuba bafunda kakuhle ngaphambi kokuba balale ebusuku. Amakhosikazi abasekhaya ebudeni bemini asenokuzibekela ixeshana ngeemva kwemini ngaphambi kokuba abanye babuye emsebenzini okanye esikolweni. Ukongezelela kufundisiso lweBhayibhile oluthe rhoqo, abanye baye bafunda nencwadi ethi Abavakalisi kumzila wabo wofundisiso weeveki ngeeveki.
10 Xa simisela imikhwa emitsha, kunokwenzeka ngokwenene ukuba ingqubane nemidala. Kwixa elidluleyo sisenokuba besivumela izinto ezingabalulekanga zitye ixesha lethu. Akulula ukukuyeka oko. Akukho mntu uza kusiqhuba ngasemva kwimikhwa yethu yofundisiso; ibe akuyi kufuneka siphenduliswe ngento esiyenzayo kule nkalo. Ukufundisisa kwethu rhoqo ubukhulu becala kuxhomekeke ekuxabiseni kwethu “izinto eziziincamisa” nasekuvumeni kwethu ukuzongela ‘ixesha’ lokungenelwa kuko.—Fil. 1:10; Efe. 5:16.
11 Iintlanganiso zamaKristu zinendima ebalulekileyo kwinkqubela yethu yokomoya, ekusinikeni imiyalelo nokhuthazo esilufunayo. Ngenxa yoko, ukubakho kwiintlanganiso kuyenye inxalenye ebalulekileyo yomzila wethu olungeleleneyo. UPawulos wayigxininisa imbaluleka yoku. Akuyonto siyenza xa sithanda.—Heb. 10:24, 25.
12 Sinokukubonisa njani ukulungelelana xa siceba ucwangciso lwethu lwemisebenzi yeeveki ngeeveki? Abanye balungiselela ukwenza izinto zobuqu ngamaxesha abawabekileyo baze bazame ukunyakathisa iintlanganiso kweliseleyo, kodwa akumele kube njalo. Iintlanganiso zethu zeeveki ngeeveki zifanele zibe kwindawo yokuqala, ezinye izinto zize emva kwazo.
13 Ukubakho rhoqo kwiintlanganiso kufuna ukuceba kakuhle nentsebenziswano yentsapho. Phakathi evekini inkoliso yethu inomsebenzi omninzi nto leyo ngokufuthi esishiyela ixesha elincinane. Oku kuthetha ukuthi, ukuba kunokwenzeka, isidlo sangokuhlwa simele silungiselelwe kwangethuba ukuze intsapho ibe nexesha elaneleyo lokutya, lokulungisa ize ifike ngaphambi kokuba iintlanganiso ziqalise. Kuloo mba amalungu entsapho anokusebenzisana ngeendlela ezahlukeneyo.
14 Asinakukutyeshela ukuya kwinkonzo yasentsimini ukuba siza kuhamba kumzila olungeleleneyo. Sonke siyiqonda kakuhle imbopheleleko yethu enzima yokushumayela isigidimi soBukumkani. Kuko okusenza amaNgqina kaYehova. (Isa. 43:10) Ekubeni kungowona msebenzi ungxamisekileyo noyingenelo owenziwayo namhlanje, asinakuze siwujonge njengento engena xa inendawo kumzila wethu. UPawulos wanikela esi siluleko: ‘Masinyuse ngamaxesha onke kuye uThixo umbingelelo wendumiso, oko kukuthi, isiqhamo somlomo olivumayo igama lakhe.’—Heb. 13:15.
15 Xa siceba umsebenzi wethu weveki nganye, simele sibekele ecaleni amaxesha enkonzo yasentsimini. Mhlawumbi ibandla linelungiselelo lentlanganiso yenkonzo yasentsimini elungiselelwe ngamaxesha ahlukeneyo veki nganye, yaye ngumbandela wokuzikhethela emasiyixhase. Kungakuhle ukuzabalazela ukuba nesabelo kuhlobo ngalunye lwenkonzo yasentsimini, njengokwenza umsebenzi wendlu ngendlu ngamaphephancwadi nangolunye uncwadi, ukubuyela nokuqhuba izifundo zeBhayibhile. Sinokude sicebe kusengaphambili ukunikela ubungqina obungacwangciswanga ngokuphatha uncwadi nokuphaphela amathuba okuqalisa incoko. Ekubeni sidla ngokuphuma nabanye, kufuneka sibabuze ngocwangciso lwabo ukuze sikwazi ukuvisisanisa olwethu nolwabo.
16 Sifanele sihlale sinomzila wokushumayela enoba akukho mdla kwintsimi yethu. Sazi kusengaphambili ukuba bambalwa abantu abaya kuphulaphula. (Mat. 13:15; 24:9) UHezekile wathunywa ukuba ashumayele kubantu ‘abangabagwiliki, abaziingwanyalala ubuso nabaneentliziyo ezilukhuni.’ UYehova wathembisa ukumnceda uHezekile ngokwenza ‘ibunzi lakhe libe lukhuni, njengebunzi labo,’ oko kukuthi, ‘libe njengedayimani, elukhuni ngaphezu kweqhwitha.’ (Hez. 2:3, 4; 3:7-9) Ngoko umzila othe rhoqo kwinkonzo yasentsimini ufuna ukuzingisa.
17 Imizekelo Emihle Esinokuyixelisa: Inkoliso yethu ishumayela kakuhle kwinkonzo yasentsimini xa kukho ubani okhokelayo. UPawulos namaqabane akhe bamisela umzekelo omhle, yaye wabongoza abanye bamxelise. (Fil. 3:17) Umzila wakhe wawuquka zonke izinto ezazifuneka ukuze azigcine omelele ngokomoya.
18 Nanamhlanje, sisikelelwe ngemizekelo emihle. KumaHebhere 13:7, uPawulos wabongoza wathi: “Bakhumbuleleni abakhokeli benu, . . . nisingasinga impumelelo yehambo yabo, nixelise bona elukholweni lwabo.” Kakade ke, uKristu unguMzekelo wethu, kodwa sinokuxelisa ukholo lwabo basikhokelayo. NjengoPawulos, abadala bamele baphaphele imfuneko yokuba yimizekelo emihle kwabanye. Ngoxa iimeko zabo zisenokungafani, ngamnye ufanele abonise ukuba uhlala enomzila olungeleleneyo ekubekeni izilangazelelo zoBukumkani tanci. Kwanaxa beneembopheleleko zomsebenzi wempangelo nezentsapho, abadala bafanele babe nemikhwa abayimiselayo yofundisiso lobuqu, yokubakho kwiintlanganiso neyokukhokela kwinkonzo yasentsimini. Xa abadala bebonisa ukuba ‘bazongamela kakuhle ezabo izindlu,’ ibandla lonke liyakukhuthazelwa ukuqhubeka lihamba kumzila olungeleleneyo.—1 Tim. 3:4, 5.
19 Usukelo Lonyaka Omtsha Wenkonzo: Ukuqalisa konyaka omtsha wenkonzo kulixesha elihle lokucinga ngomzila wethu wobuqu. Yintoni esiyifumanisayo xa sihlola umsebenzi wethu wonyaka odluleyo? Ngaba besiqhubeka singahlehli kumsebenzi wethu, okanye mhlawumbi siwuphucula? Mhlawumbi besiqhuba kakuhle ngakumbi kufundisiso lwethu lobuqu. Mhlawumbi besibakho rhoqo kwiintlanganiso okanye siye sandisa inkonzo yethu yasentsimini ngokungenela ubuvulindlela bobuncedani. Mhlawumbi sinokwalatha izenzo ezithile zobubele bobuKristu esizenzele abanye kwibandla okanye kwiintsapho zethu. Ukuba kunjalo, sinokuvuyiswa kukuba sihambe ngendlela evuyisa uThixo, ibe sinesizathu esivakalayo ‘sokwenza okungakumbi.’—1 Tes. 4:1.
20 Kuthekani ukuba umzila wethu ubutshintshatshintsha okanye ungathanga rhoqo? Bebuchaphazeleka njani ubumoya bethu? Ngaba besingenzi nkqubela ngenxa yesizathu esithile? Ukuze siphucule kufuneka sicele uncedo lukaYehova kuqala. (Fil. 4:6, 13) Xubusha iintswelo zakho nentsapho iphela, ucela uncedo lwayo ekuhlengahlengiseni izinto ezithile ezinokuthanani nomzila wakho. Ukuba uneengxaki, cela uncedo kubadala. Ukuba senza umgudu ngenyameko size sisabele kulwalathiso lukaYehova, sinokuqiniseka ukuba siya kukuphepha ‘ukunqena okanye ukuswela isiqhamo.’—2 Pet. 1:5-8.
21 Ukuhamba kumzila olungeleleneyo kukhokelela kwiintsikelelo ezenza imigudu yenu ifaneleke. Njengokuba nizimisele ukuhamba ngokunenkqubela kumzila olungeleleneyo, “musani ukunqena; mayela nomoya lo, vuthani. Mayela neNkosi le, khonzani.” (Roma 12:11)—Ukuze ufumane ingxubusho engakumbi engokweenkcukacha ngalo mbandela, bona IMboniselo kaMeyi 1, 1985, iphepha 13-17.