IWatchtower LAYBRARI EKWI-INTANETHI
IWatchtower
LAYIBRARI EKWI-INTANETHI
IsiXhosa
  • IBHAYIBHILE
  • IINCWADI
  • MEETINGS
  • km 8/94 iphe. 5-6
  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

No video available for this selection.

Sorry, there was an error loading the video.

  • Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo
  • Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
Ubulungiseleli Bethu BoBukumkani—1994
km 8/94 iphe. 5-6

Impinda Yesikolo Sobulungiseleli Sobuthixo

Impinda zivaliwe iincwadi kumbandela ogutyungelwe kwizabelo zeSikolo Sobulungiseleli Sobuthixo ngeveki kaMeyi 2 kuse kweka-Agasti 22, 1994. Sebenzisa iphepha elahlukileyo ukuphendula imibuzo emininzi kangangoko unako ngexesha elimiselweyo.

[Phawula: Ebudeni bexesha lempinda ebhalwayo, kunokusetyenziswa iBhayibhile kuphela ekuphenduleni nawuphi na umbuzo. Iimbekiselo ezilandela imibuzo zilungiselelwe ukuba wenze uphando lobuqu. Iinombolo zamaphepha nezeziqendu zisenokungabonakali kuzo zonke iimbekiselo zeMboniselo.]

Phendula nganye kwezi nkcazelo zilandelayo ngokuthi Yinyaniso okanye Bubuxoki:

1. Igama elithi “Se’lah,” elibonakala izihlandlo ezingama-71 kwincwadi yeeNdumiso, akuyomfuneko ukuba libizwe xa kufundwa. [si-XO iphe. 101 isiqe. 5]

2. Ngokutsho kweNdumiso 15:4, ukuba umKristu ufumanisa ukuba into ebethembise ukuyenza inxamnye nezibhalo, sekunjalo ufanele ayenze. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 9/15 iphe. 28-9.]

3. Incwadi kaYobhi ingqina ukuba asingoThixo obangela ukuba uluntu lubandezeleke, lugule luze lufe. [si-XO iphe. 100 isiqe. 42]

4. Ikhondo lobomi bukaYesu langqina ukuba uAdam ngewayeyilondolozile ingqibelelo efezekileyo ukuba wayefuna ukwenjenjalo kwanokuba ukusilela kwakhe kwakungabangelwanga ngumsebenzi kaThixo wokudala. [uw-XO iphe. 52 isiqe. 11]

5. Umkhonzi ochazwe kuLuka 19:20-24, owafumana imina enye waza wayibeka eqhiyeni, wagwetyelwa isono sokungakhathali. [gt-XO isahl. 100]

6. Ngokuzibhokoxa nangokuzinikela kuThixo ngokupheleleyo, umKristu wokwenyaniso unokufanelekela ilungelo lokufumana ubomi obungunaphakade. [uw-XO iphe. 36 isiqe. 13]

7. Eyokuqala kwabaseKorinte 2:9 ibhekisela kwiParadisi esemhlabeni ezayo. [uw-XO iphe. 26 isiqe. 12 (3); bona w85-XO 9/15 iphe. 30.]

8. Asinako ukujonga ihambo yokunganyaniseki njengento engenamsebenzi, nakubeni iqhelekile ehlabathini. [uw-XO iphe. 53 isiqe. 13]

9. INdumiso 49:15 ikukuvakaliswa kokholo kwithemba lovuko. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w89-XO 3/1 iphe. 22 isiqe. 13.]

10. Maxa wambi isihendo sokubandakanyeka kwihambo yehlabathi sivela komnye umntu othi ukhonza uYehova. [uw-XO iphe. 43 isiqe. 11]

Phendula le mibuzo ilandelayo:

11. Iyintoni indumiso? [si-XO iphe. 101 isiqe.2]

12. Sisiphi isiqinisekiso esimangalisayo esisinikwa yiNdumiso 27:10? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w92-XO 3/15 iphe. 22 isiqe. 17.]

13. INdumiso 10:13 ityhila yiphi imbono ephosakeleyo abenzi bobubi abangaguqukiyo abanayo? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w91-XO 11/1 iphe. 6.]

14. Ngokutsho kwe-Eksodus 9:15,16, yintoni eyafezwa yindlela uYehova awaqhubana ngayo noFaro? [uw-XO iphe. 57 isiqe. 6,7]

15. Bonisa iimbono ezimbini ezinokusinceda sihlolisise oko sikufunda eBhayibhileni. [uw-XO iphe. 27]

16. Uthetha ntoni umyalelo othi “mangeni uNyana,” njengokuba unikelwe kwiNdumiso 2:12? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w86-XO 8/15 iphe. 20.]

17. UYesu wayexubusha ngohlobo olunjani lwenkululeko kuYohane 8:32? [uw-XO iphe. 40 isiqe. 6]

18. Ngubani ofanekiselwa “ngumfazi” okwiGenesis 3:15? [uw-XO iphe. 30 isiqe. 3]

19. Kutheni uDavide wayenokuthi kuYehova kwiNdumiso 51:4, “Ndonile kuwe, kuwe wedwa,” ngoxa wayesazi ukuba izenzo zakhe zokona zazikukona abanye abantu? [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w93-XO 3/15 iphe. 11 isiqe. 13.]

20. Ngenkulungwane yokuqala laliyintoni “isikizi lesiphanziso“ yaye namhlanje liyintoni? (Mat. 24:15) [gt-XO isahl. 111]

.Fakela igama okanye ibinzana elifunekayo ukuze ugqibezele inkcazelo nganye kwezi zilandelayo:

21. Ngokutsho kweAppleyard Version kuYobhi 40:15, i-“behemote” kubonakala ibhekisela kwi․․․․․․․, nakuYobhi 41:1, i-“leviyatane” ngokufanelekileyo yi․․․․․․․. [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona it-1 iphe. 280 kunye it-2 iphe. 240.]

22. Ilizwi likaYehova leviwa xa uYesu waye․․․․․․․, ngexesha lokwenziwa․․․․․․․ kwakhe nangoNisan 10, 33 C.E., xa wayethandaza kuYise e․․․․․․․ eYerusalem. [gt-XO isahl. 104]

23. AbaFarisi babehluza․․․․․․․ kwiwayini yabo kuba iyinqambi, ukanti babekutyeshela okusesikweni, inceba nokuthembeka, nto leyo efana nokuginya․․․․․․․ nayo ekwasisilwanyana esiyinqambi. [gt-XO isahl. 109]

24. Ekubeni uSathana waxokayo ukuze akhokelele abazali bethu bokuqala esonweni, uYesu wambiza ngokuthi ‘․․․․․․․.’ [uw-XO iphe. 53 isiqe. 13 (1)]

25. UYesu ukuphela koNyana․․․․․․․ nguThixo kuba nguye owadalwa nguYehova eyedwa. [uw-XO iphe. 29 isiqe. 1]

Khetha impendulo echanileyo kwinkcazelo nganye kwezi zilandelayo:

26. Njengokuba kubhalwe kuYobhi 42:5, uYobhi wambona uThixo, kuba (waba nombono kaThixo kumoya ovuthuzayo; wabona isithunywa; wamazi ngokusondele ngakumbi uYehova). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w88-XO 8/15 iphe. 12 isiqe. 11.]

27. Umfazi uYesu awayethetha ngaye kuMateyu 26:13 yayingu (Mariya, udadeboLazaro; uMariya, umkaKleyopa; uMariya waseMagadala). [gt-XO isahl. 101]

28. Iziseko ezigungxuliweyo, njengoko kubhalwe kwiNdumiso 11:3, zibhekisela (kwiziseko zetempile yaseYerusalem; kuYesu Kristu njengeLitye Lembombo; kwiziseko ibutho labantu elimi phezu kwazo, ezikokusesikweni, umthetho nocwangco). [Ufundo lweBhayibhile lweeveki ngeeveki; bona w86-XO 8/15 iphe. 20.]

29. UYesu wabiza umpostile (uPetros noAndreya; uFilipu noBhartolomeyu; uYakobi noYohane) ngokuthi “[ngooNyana, NW] Beendudumo” ngenxa yesimo sabo sengqondo sokungxama. [gt-XO isahl. 98]

30. Imbambano enkulu eyaphakanyiswa nguSathana xa wacel’ umngeni ilungelo likaThixo lokulawula nendlela Yakhe yokulawula ngokwenene yayibandakanya (amalungelo abantu; imbambano yokuba ngubani owayenamandla kunomnye; ulongamo lukaThixo lwendalo iphela). [uw-XO iphe. 46 isiqe. 1]

Ngqinelanisa ezi zibhalo zilandelayo neenkcazelo ezidweliswe ngezantsi:

Gen. 3:1-5; INdu. 24:1; IZe. 8:32-38; Heb. 10:26, 27; 1 Pet. 4:3, 4

31. Ukuqonda ukuba umntu nomhlaba udalwe nguThixo yaye yonke into yekaYehova kufanele kusenze sithobeke size sithobele. [uw-XO iphe. 39 isiqe. 4]

32. Sifanele silumke gqitha sikuphephe ukungena kumkhwa wokwenza nantoni na esaziyo ukuba ayimkholisi uYehova. [uw-XO iphe. 33 isiqe. 8 (3) kunye 8 (4)]

33. Ulwazi oluchanileyo lweBhayibhile nokuqonda isigidimi sayo kushukumisela abantu ababumvu ukuba babhaptizwe. [uw-XO iphe. 32 isiqe. 7]

34. Nangona usenokusebenza nabangakholwayo okanye uhambe isikolo nabo, ubonisa ukuba akubanyuli njengezinxulumani ngokuphepha nakuphi na ukunxulumana nabo okungeyomfuneko. [uw-XO iphe. 44 isiqe. 13]

35. Kubalulekile ukuba siphephe indlela ihla-bathi elicinga ngayo ephembelela abantu bacinge ukuba xa bengenako ukuzimisela eyabo imilinganiselo ebomini babandezwa okuthile. [uw-XO iphe. 46 isiqe. 1]

    Iimpapasho ZesiXhosa (1986-2025)
    Log Out
    Log In
    • IsiXhosa
    • Share
    • Zikhethele
    • Copyright © 2025 Watch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
    • Imiqathango
    • Umthetho Wezinto Eziyimfihlo
    • Privacy Settings
    • JW.ORG
    • Log In
    Share