Siza Kuphinda Sifunde Incwadi Ethi Incopho YeSityhilelo
1 Iphepha elinomxholo lencwadi ethi Incopho YeSityhilelo licaphula ISityhilelo 1:3: “Unoyolo lowo uwalesayo, kwanabo bawevayo amazwi aso esi siprofeto.” Ulonwabo lwabantu bakaYehova namhlanje ngokuqinisekileyo lwandiswe kakhulu kukuzaliseka kweziprofeto ezikwincwadi yeBhayibhile yeSityhilelo zokwenzekayo namhlanje. Ukuqonda kwethu kwanamhlanje izinto ezenzekayo kweli xesha, “ngemini eyeyeNkosi,” kuchazwe kwincwadi ethi ISityhilelo—Incopho Yaso Ezukileyo Isondele! (ISityhi. 1:10) Ngokuyifundisisa, siye saqonda intsingiselo yeziganeko zehlabathi eziphawulekayo, ngokukodwa ezo zibandakanya ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki nongcelele oluqhubekayo lweentlanga zisinge eArmagedon kunye nendlela uYehova abeqhubana ngayo nabantu bakhe.
2 Kuninzi lwethu, ukufundisisa le mpapasho akuyi kusikhumbuza nje iingongoma ebesizihlolisise ngaphambili kodwa kwakhona kuya kuqaqambisa indlela esizibona ngayo ngokomoya izinto ezenzekayo ezikhokelela kwimini kaYehova yokoyisa iintshaba zakhe zonke. Amawaka aye asithelela kwiminyaka emibini ukuya kwemithathu edluleyo aya kungenelwa ngokwenene kule ncwadi ethi Incopho YeSityhilelo ifundisiswa okwesithathu kwiSifundo Sencwadi Sebandla.
3 Qinisekani ukuba nilungiselela kakuhle, nibakho, yaye niba nenxaxheba ngokunentsingiselo veki nganye, ukususela ngo-Oktobha 3, 1994. Niya kuvuzwa nize nisikelelwe kakhulu njengokuba niyiqonda ngokucace ngakumbi intsingiselo yeziganeko zehlabathi nincedwa ziziprofeto ezibhalwe kwincwadi yeSityhilelo. Ngokuqinisekileyo, kufuneka siwuhlolisise ngokunzulu lo mbandela, ekubeni usexesheni ngakumbi ngoku kunanini na ngaphambili. Ngamana singalunandipha olu lonwabo luthenjisiweyo njengoko sifunda, siphulaphula size sicamngce ngesi siprofeto sichulumancisayo singamaxesha ethu!