INdibano YeSithili “Yokoyika UThixo” Yowe-1994
1 Amadoda okholo aye abonakalisa ‘ukoyika uThixo’ ukususela kwixesha lika-Abheli nelikaNowa ukuza kutsho kweli lethu. (Heb. 11:4, 7) Ukuqhelisela ukoyika uThixo kuthetha ukubonakalisa “ukoyika nokuhlonela uMdali ngokunzulu kunye nokoyika ngokufanelekileyo ukungamkholisi.” (it-1 iphe. 818) Ebudeni bukaDisemba siya kubonakalisa le ntlonelo inzulu ngokubakho kwiNdibano YeSithili “Yokoyika UThixo.” Ngaba uya kubakho ukuze unandiphe lonke ucwangciso, ukususela kwingoma yokuvula kuse kumthandazo wokuqukumbela?
2 Nyaka ngamnye siyilindela ngolangazelelo indibano yesithili. Nangona kusenokufuneka umgudu omkhulu wobuqu neendleko, zininzi iintsikelelo esiza kuzifumana. Sibuyela emakhaya sivuya, sanelisekile yaye sakhekile ngokomoya. (Thelekisa eyoku-1 yooKumkani 8:66.) Unxulumano olulapho luyakhuthaza, yaye indibano isinika ithuba lokubethwa ngumoya. Kodwa khumbula, sihlanganisana ngenjongo yokunqula uYehova. Usiyalela ukuba senjenjalo. Usifundisa indlela esinokungenelwa ngayo.—Dut. 31:12, 13; INdu. 122:1.
3 Indibano Yeentsuku Ezintathu: Ucwangciso luya kunikelwa kwiindibano ezingama-22 eMzantsi Afrika nakumazwe aselumelwaneni. Ukongezelela kwisiNgesi, lonke ucwangciso luya kuqhutywa ngesiBhulu, isiPedi, isiPhuthukezi, isiSuthu, isiTsonga, isiTswana, isiXhosa nesiZulu nezinye iinxalenye zesiGrike nesiVenda. Kwiindawo ezimbini kuya kuguqulelwa kwintetho yezandla, ezizezi eKapa naseRhawutini.
4 Ucwangciso luya kuqalisa ngoLwesihlanu nge-10:20 a.m. yaye luya kuqukunjelwa ngeCawa malunga ne-4:15 p.m. NgoMgqibelo nangeCawa, ucwangciso luya kuqalisa nge-9:30 a.m. Iingcango ziya kuvulwa nge-7:30 a.m. Kuphela ngabo banemisebenzi ekhethekileyo abaya kuvunyelwa bangene ngaphambili kunoko.
5 Intlonelo Enzulu NgoYehova Isishukumisela Ukuba Sibekho: UPawulos waluleka amaKristu angamaHebhere ukuba ‘amkhonze uThixo ngokukholekileyo, enokumhlonela nokoyika.’ (Heb. 12:28) Kulo nyaka indibano yethu yesithili ilungiselelwe ukusinceda senze kanye oko. Kusenokubakho imiqobo ethile ecel’ umngeni uzimiselo lwethu lokubakho ekusenokufuneka siyoyise. Isenokubonakala injengeentaba, kodwa ngoncedo lukaYehova sinokuyoyisa. (Mat. 17:20) Ukuba akukwazi ukucwangcisa ixesha lakho lekhefu lingqamane nelendibano yonke, kusasa ngoLwesihlanu kuse emva kwemini ngeCawa, ngaba ukhe wathandaza waza wacela ukungasebenzi ngezo ntsuku kumqeshi wakho?—Yak. 1:6-8.
6 Lisebenzise Kakuhle Eli Thuba Lokuziqwebela Ubutyebi: Kukuphi oko kuziqwebela ubutyebi? Lixesha nomgudu owenzayo ukuze ubekho endibanweni. Akuyi kuba bubulumko ukuceba ngenyameko ukubakho endibanweni yesithili uze ubuyele ekhaya ngorhatya ngeCawa uphoswe yinxalenye enkulu yocwangciso. Ngaba ubungathi uphakathi esidlweni uphume kuba ufuna ukunyamekela eminye imicimbi? Kunyaka ophelileyo kuphawulwe ukuba abanye bebeye bahambe emva kocwangciso lwasekuseni. Noko ke, ukukhula kwethu ngokomoya nokoyika kwethu uThixo akufanele kusivumele ukuba siphoswe kuko nakuphi na koko uYehova asilungiselele kona.—Thelekisa eyoku-1 kwabaseKorinte 2:9, 10.
7 Mhlawumbi inkoliso yethu isenokungacingi ngokuphuma kungekagqitywa. Sekunjalo, sisenokuphoswa yinxalenye enkulu yocwangciso. Kunokwenzeka njani oku? Ngokungacebi kwethu kwangaphambili ukuze siqiniseke ukuba singenelwa ngokwaneleyo kwiintetho ezinikelwayo. Kufuneka sivuke kwangethuba ukuze sitye isidlo sakusasa esaneleyo size sinyamekele neminye imicimbi ukuze sibe sezihlalweni ngaphambi kokuqalisa kocwangciso. Ukulala ngokwaneleyo nako kubalulekile ukuze sihlaziyeke size sikwazi ukunikela ingqalelo kucwangciso lwemini yonke.
8 Indlela eye yafunyaniswa isebenza ekungenelweni ngakumbi kucwangciso ikukubhala amanqaku afanelekileyo. Kubaluleke njengakubantu abakhulu ukuba abaselula babhale amanqaku. Umvakalisi oneminyaka eli-16 ubudala uthi: “Ndibhala izibhalo ezikhankanywe entethweni. Ndize ndikwazi ukuhlolisisa intetho leyo xa ndifika ekhaya.” Omnye oselula oneminyaka eli-16 ubudala wongezelela athi: “Ndibhala iingongoma eziziintloko. Oku kundigcina ndinikele ingqalelo.” Ngokuqhelekileyo kucwangciso kudla ngokufuneka ube neBhayibhile, iculo, incwadi yamanqaku encinane nosiba okanye ipensile yokubhala. Kakade ke, abazali abanabantwana abancinane bamele banyamekele iintswelo zabo, kodwa kuhle ukungazisokolisi size sisokolise nabanye ngezipholisi ezikhulu okanye ngeempahla zobuqu ezininzi.
9 Abanye abazalwana bayalurekhoda ucwangciso, besebenzisa iteyiphu yokurekhoda okanye ikhamera yevideo, ukuze baphinde bazidlale emakhaya kamva. Ukwenza oku ngumbandela wobuqu, kodwa amava abanye ngawokuba xa bebuyela kwimisebenzi yabo yesiqhelo, ababi naxesha lingako lokuphinda badlale abebekurekhodile. Ukongezelela, ezinye iingongoma eziziintloko zentetho zisenokusiphosa ngoxa sisalungisa isixhobo esirekhoda ngaso.
10 Sifanele senze umgudu wokunyaniseka wokuhlala phantsi ngaphambi kokuqalisa kocwangciso. Nangona sisenokuba sisabaliselana amava avuyisayo nabahlobo bethu esibagqibele kudala xa usihlalo esazisa ukuba ucwangciso sele luza kuqalisa, ukuyiyeka ngokukhawuleza loo ncoko size sihlale phantsi kukubonakalisa intlonelo ngocwangciso nangabazalwana bethu bonke.
11 Iindibano zesithili zisoloko zizizihlandlo zovuyo ngenxa yentsikelelo kaYehova eyintabalala. Singenelwa ngokomoya nangokwenyama. Simele sikhumbule ukuba kuchithwa imali eninzi ekuqesheni indawo yendibano. Ezi ndleko nezinye zihlawulwa njani? Ngeminikelo yethu yokuzithandela, eyimali okanye itsheke ethunyelwa kwi-“Watch Tower Convention.” Oku kuvisisana neNdumiso 96:8, esikhuthaza ukuba ‘sinike uYehova uzuko, sithwale umnikelo size ezintendelezweni zakhe.’
12 Ngaba Ihambo Yakho Iya Kuzisa Indumiso? Nyaka ngamnye sikhunjuzwa ngokubaluleka kwehambo entle xa sikwindibano yesithili. Kakade ke, ihambo yethu ifanele ngamaxesha onke ihlale ingumzekelo, kodwa xa sihlanganisene sibaninzi, abo bangekho nyanisweni badla ngokusakhel’ umkhanya. Ihambo yethu, embi okanye entle, isenokukugqumelela ukushumayela kwethu. Sifuna ukuba uYehova adunyiswe ngoko sikwenzayo nesikuthethayo.—IMize. 27:2; 1 Pet. 2:12.
13 Emva kweNdibano Yesithili “Yemfundiso Yobuthixo” yonyaka ophelileyo, omnye umantshingilane waphawula oku: “Ndagqibela kudala ukubona abantwana abalunge njengaba.” Wandula ke, emva kokuba egqabaze ngesimilo esibi nokonakalisa izinto okwenziwa ngamanye amaqela abantu abaselula, wongezelela esithi ngabantwana abangamaNgqina: “Banesimilo yaye kumnandi ukuba kunye nabo. Akwaba nezinye iindibano eziqhutyelwe apha bezinjengale.”
14 Umbhali wemihlathi kwiphephancwadi wenza la magqabaza ngendibano: “Abafazi neentombi bebenxibe iilokhwe ezintle, ibe amadoda namakhwenkwe enxibe iibhatyi namaqhina. Bebebhala amanqaku ngokunyaniseka njengokuba bebephulaphule izithethi kangangeentsuku ezine. Ibe ukuba ukucoceka kusondele ebuthixweni, ngoko, makube amaNgqina kaYehova akuhlaziyile oko.” Phofu ke asizizo zonke iingxelo eziye zamnandi ngolo hlobo.
15 Kwezinye iindibano kunikelwe ingxelo yokuba kwakukho abaninzi ababesihla besenyuka ebudeni bocwangciso, inkoliso yabo ilulutsha, nto leyo ebonisa ukuba kuya kufuneka abazali baqinise ekubaqeqesheni nasekubekeni iliso kubo. Abantu abasoloko besihla besenyuka babangela ingxolo egqithiseleyo ephazamisa abo bazama ukuphulaphula. Bambalwa ekufuneka banyamekele imicimbi enzulu ebudeni bocwangciso, kodwa ngaba abanye bethu abafanele bahlale phantsi, baphulaphule ngenyameko?
16 Abazali abaninzi bangqongqo kwelokuba abantwana babo babekho kwiintlanganiso zebandla veki nganye. Ngaba abafanele babe ngqongqo ngokufanayo xa kufuneka abantwana babo behleli ecaleni kwabo bangehli besenyuka ebudeni bocwangciso? Indawo ekuyo indibano iyajika ibe yiHolo yoBukumkani enkulu, kodwa le iseyinkqubo kaSathana, ibe kuya kuba lula ukuba abantu abangaqondakaliyo bangene kweso sakhiwo bengazelanga njongo zintle. NGAMAXESHA ONKE KUFUNEKA UYAZI INDAWO ABAKUYO ABANTWANA BAKHO NOKO BAKWENZAYO.
17 Isinxibo Nokuzilungisa: Siphila kwisizukulwana apho impahla yokuphola nengandilisekanga, ijongwa njengeyamkelekileyo. Abantu abaninzi baya ecaweni nasezikonsathini okanye bahlala kwiindawo zokutyela benxibe impahla yokuphola egabadeleyo. Amagqabaza akwisiqendu 14 abonisa ukuba basekho abo basasibukelayo isinxibo esindilisekileyo, ngokukodwa kwizinto zonqulo. Impahla engandilisekanga, neyokuphola nokuzilungisa ngokungafanelekanga kuthetha okuninzi ngathi. Masingaze silibale ukuba indawo enendibano ayiselobala lemidlalo. IyiHolo yoBukumkani eyandisiweyo. Abanye banxiba ngokunesidima endibanweni kodwa emva kocwangciso baya kwiindawo zokutyela zasekuhlaleni nakwezinye iindawo benxibe ngokungafanelekanga okanye ngokungandilisekanga.
18 Abaza kubhaptizwa kufuneka bakhunjuzwe ukuba ezinye iimpahla zokuqubha azisifanelekelanga eso sihlandlo. Impahla yabo ifanele indiliseke ize ifaneleke. Ngubani omele aqinisekise ukuba oku kuyenzeka? Abadala banembopheleleko yokuqinisekisa ukuba wonke ubani obhaptizwayo osuka ebandleni labo akakhubekisi nabani. (2 Kor. 6:3, 4) Oku kuya kuthetha ukuba akuyi kubakho mpahla yokuqubha eveza umzimba nezikipa ezinezibhengezo zehlabathi okanye ezentengiso. Kuya kuba kokufanelekileyo ngabadala ukuwuxubusha lo mbandela nalowo uza kubhaptizwa ngoxa behlolisisa imibuzo ekwincwadi ethi Ubulungiseleli Bethu.
19 Iihotele: Kufuneka sibonakalise isiqhamo somoya ngamaxesha onke ngokukodwa xa siqhubana nabaqeshwa basezihotele nakwiindawo zokutyela.
20 Izixhobo Zokurekhoda: Njengokuba sekuchaziwe ngaphambilana, ukusebenzisa izixhobo zokurekhoda, ibe ngokukodwa ezevideo, kusisigqibo sobuqu. Ukuba ugqiba kwelokuba urekhode, nceda ubonakalise ulwazelelelo ngabanye abakungqongileyo. Ukurekhoda kusenokuphazamisa enoba ubani ukwenza esesihlalweni sakhe. Akakho nabani na ofanele asithe abanye abeze endibanweni ngoxa erekhoda. Ngokubhekele phaya, akukho zixhobo zokurekhoda ezifanele zixokonyezelwe kumbane okanye kumatshini wesandisi-lizwi, yaye azimele zivale indlela ephakathi kwezihlalo okanye iindawo ekuhanjwa kuzo.
21 Izihlalo: Iingxaki ezinokuthanani nokugcina izihlalo zisafuna ingqalelo. Sithanda ukuphinda sikhumbuze wonk’ ubani: IZIHLALO ZISENOKUGCINELWA KUPHELA AMALUNGU ENTSAPHO YAKHO NABASENOKUBA BAHAMBA NAWE KWINQWELO-MAFUTHA YAKHO. Kwezinye iindibano xa kuvulwa iingcango nge-7:30 ntsasa nganye, abazalwana noodade abaninzi bakhawulezela ukuya kugcina izihlalo ezininzi zize ezininzi kwezo zihlalo bazigcinileyo zingahlali bantu. Olu qheliselo lokungabi nalwazelelelo lubonakala luqhubeka nangona sikhunjuzwa rhoqo ngalo. Ngaba asifanele sihlole iintliziyo zethu kulo mbandela size sicamngce ngomgaqo okumaFilipi 2:3, 4?
22 Ndibano nganye inamalungiselelo abo baneentswelo ezikhethekileyo, njengabalupheleyo nabaneziphene. Nceda uqiniseke ukuba akuhlali kwizihlalo ezikule ndawo ukuba akufaneleki. Kwakhona, kuphaphele ukunceda abaneentswelo xa befuna indawo yokuhlala ukuba akukho mntu ubanyamekelayo.
23 ISebe Lokutya: Kwakhona kuya kubakho isebe lokutya kuzo zonke iindibano. Sikhuthaza bonke abakhoyo endibanweni balixhase eli lungiselelo.
24 Inkoliso yeeNdibano ZeSithili “Zokoyika UThixo” ziya kuqhutywa ngoDisemba. Ngaba sele ugqibile ukulungiselela, yaye ngaba ukulungele ukunandipha iintsuku ezintathu zonxulumano oluvuyisayo nezinto ezintle zokomoya? Sithandaza ngokunyanisekileyo ukuba uYehova ayisikelele imigudu yenu yokuhlanganisana kweli hlobo nize nondliwe kwitafile kaYehova yezinto ezilungileyo kwiNdibano YeSithili “Yokoyika UThixo.”
[Box on page 10]
Emasikukhumbule NgeNdibano YeSithili
Ubhaptizo: Abo baza kubhaptizwa bafanele babe sebehleli kwindawo yabo abayibekelweyo ngaphambi kokuqalisa kocwangciso ngentsasa yangoMgqibelo. Kuphawulwe ukuba abanye banxiba impahla engandilisekanga nengasifanelanga eso sihlandlo. Ngamnye oceba ukubhaptizwa ufanele eze nempahla yokuqubha endilisekileyo netawuli. Emva kokuba isithethi sinikele intetho yobhaptizo saza sathandaza, usihlalo wocwangciso uya kunikela ulwalathiso olufutshane kwabaza kubhaptizwa aze abize ingoma. Emva komgca wokugqibela, abalindi baya kwalathisela abaza kubhaptizwa kwindawo yontywiliselo. Ekubeni ubhaptizo lokufuzisela ukuzahlulela kukabani lungumcimbi wolwalamano olusondeleyo nolobuqu phakathi komntu lowo noYehova, alikho ilungiselelo loko kubizwa ngokuba lubhaptizo lwamaqabane ekuthi kulo ababini okanye abangakumbi abaza kubhaptizwa bagonane okanye babambane ngezandla ngoxa bebhaptizwa.
Amaqweqwe Eebheji: Ncedani nifake iqweqwe lebheji lowe-1994 endibanweni nasendleleni eya nebuya kwindawo enendibano. Ngokufuthi oku kusenza sikwazi ukunikela ubungqina obuhle ngoxa siseluhambeni. Oku kwakuyinyaniso ngokukhethekileyo kunyaka ophelileyo kwiindibano ezaziqhutyelwa eMoscow naseKiev. Nifanele nifumane amaqweqwe eebheji ngebandla lenu, ekubeni engasayi kufumaneka endibanweni. Ningalibali ukuphatha iqweqwe lenu eliyiMedical Directive. Amalungu entsapho yaseBheteli noovulindlela bafanele baphathe amaqweqwe abo ofaniso.
Amagumbi: Siyaphinda sicela intsebenziswano yakhe wonk’ ubani ekusebenziseni indawo elungiselelweyo endibanweni. Oonobhala bamabandla bafanele baqinisekise ukuba iiFomu zeZicelo Zamagumbi zithunyelwa ngokukhawuleza kwikhelingi efanelekileyo yendibano kungekhona kuMbutho. Ukuba akuzi kuphumelela ukuya kwindawo obuyilungiselelwe, ufanele ngokukhawuleza wazise umninimzi okanye ihotele neSebe Lamagumbi lendibano ukuze elo gumbi linikwe omnye umntu. Kwezinye iindibano kuya kusiba nzima ukufumanela abaninzi abeze endibanweni indawo yokulala. Ukuze koyiswe obu bunzima iikomiti zendibano ziya kulungiselela ukuqesha izikolo zasekuhlaleni namagumbi okulalisa amaqela abantu njengokuba bekusenziwa kwixa elidluleyo. Noko ke ngenxa yokwanda kwenani labo bafuna iindawo zokulala ezilolu hlobo siza kuqhubeka sisebenzisa oko kubizwa ngokuba “yinkqubo yokulala ngokwamaqela.” Ngamanye amazwi, abazalwana noodade baza kwahlulwa. Ngoko, iintsapho aziyi kukwazi ukulala kunye kwigumbi elinye. (Ncedani nibone umfanekiso kuVukani! kaJanuwari 8, 1992, iphepha 29.) Oku kusenokubaphazamisa abanye kodwa seyisekile lelokuba nonke niya kusiqonda isizathu soku. Eli lungiselelo belisele lisetyenziswa ngokuphumelelayo gqitha kwiindibano ezithile.
Iinqwelana Zabantwana (Iiprem): ISebe Lomlilo lincomela ukuba kungaziwa nezi nqwelana kumabala endibano zize zimiswe ezipasejini naphakathi kwezihlalo. Ekubeni ubukho bezihlwele busenokubangela ukuxinana, ezi nqwelana zabantwana zisenokuba yingozi kungekuphela nje kusana kodwa nakumntu onokukhubeka kuzo. Ngoko ncedani ningezi nazo kumabala endibano. Noko ke, izihlalo zeentsana okanye ezo zilungiselelwe iinqwelo-mafutha zamkelekile, ekubeni zisenokubotshelelwa ezihlalweni ecaleni kwabazali. Intsebenziswano yenu kulo mbandela iyaxatyiswa.
Inkonzo Yamatsha-ntliziyo: Ngaba unokubekela ecaleni ixesha elithile endibanweni ukuze uncede kwelinye lamasebe? Ukukhonza abazalwana bethu, nokuba ziiyure nje ezimbalwa, kunokuba luncedo gqitha kuze kuzise ulwaneliseko olukhulu. Ukuba unokunceda, nceda ubhalise kwiSebe Lenkonzo Yamatsha-ntliziyo endibanweni. Abantwana abaneminyaka engaphantsi kweli-16 ubudala nabo banokuba negalelo elihle ngokusebenza phantsi kolwalathiso lomzali okanye omnye umntu omdala onenkathalo.
Iingoma: Njengoko ukucula kuyinxalenye yonqulo lwethu sinikhuthaza nonke ukuba niqhelisele ezi ngoma zilandelayo eziya kuba yinxalenye yocwangciso: 53, 175, 85, 79, 187, 155, 19, 13, 47, 180, 177, 113, 143, 191, 33, 114, neyama-222. (Sincomela ukuba amabandla aqalise ukuqhelisela ubuncinane ingoma ibe nye emva kwentlanganiso nganye.)
Intlanganiso YaseBheteli: Kusuku lwesibini kuya kuqhutywa intlanganiso yabo nabaphi na abavakalisi ababhaptiziweyo abaphakathi kweminyaka eli-19 nengama-35 ubudala abangathanda ukungenela inkonzo yaseBheteli. Kuya kwenziwa izaziso endibanweni ngokuphathelele ixesha nendawo eya kuqhutyelwa kuyo le ntlanganiso.
Izilumkiso: Ngokuhlala siphaphele iingxaki ezisenokuvela, sinokuzisindisa kubunzima obungeyomfuneko. Amasela nabantu abangaqondakaliyo badla ngokubaxhaphaza abantu abasuka kude namakhaya abo. Qiniseka ukuba inqwelo-mafutha yakho itshixiwe ngamaxesha onke, ibe ungaze ushiye nantoni na ibonakala emehlweni abantu eya kutsala ubani ukuba aqhekeze. Amasela nabakhuthuzi bakhuthuza kakuhle kwindawo enabantu abaninzi. Akuyi kuba bubulumko ukushiya nayiphi na into esihlalweni sakho. Akunakuqiniseka ukuba wonk’ ubani okhoyo ngumKristu. Kutheni ubahenda? Kuye kwakho ingxelo zokuba abathile bangaphandle bazama ukumka nabantwana. BAGCINE PHAMBI KWAKHO ABANTWANA BAKHO NGAMAXESHA ONKE.
Kuye kwanikelwa ingxelo yokuba ezinye iihotele zenza kube lula ukufumana imifanekiso eshukumayo kamabonwakude enezinto zokuziphatha okubi okanye ezibonisa amanyala. Oku kubalaselisa imfuneko yokuthintela abantwana bangabukeli umabonwakude bodwa kwezi ndawo zokuhlala ziqeshiweyo.
Ncedani ningatsaleli umnxeba abaphathi bendawo eza kuba nendibano nifuna inkcazelo ngayo nayiphi na imicimbi yendibano. Ukuba loo nkcazelo ayifumaneki kubadala, ngoko bhalelani iKomiti yeNdibano emva kokuba nifumene ikhelingi yayo kunobhala webandla.