Iintsikelelo Ezifumaneka Ngokusebenza Nabanye
1 Ngaba uvakalelwa kukuba zikho iingenelo onokuzinandipha ngokusebenza nabanye kubulungiseleli? UYesu wavakalelwa njalo. Nangona ukuvuna kwakukuninzi yaye abasebenzi bembalwa, wathuma abafundi bakhe abangama-70 entsimini “ngababini.” Elinjani lona ukuvuza ixesha ababa nalo bonke ekushumayeleni ‘kuyo yonke imizi neendawo abeza kuya kuzo yena’!—Luka 10:1, 17; Mat. 9:37.
2 Kuyakhuthaza ukusebenza nabanye. Abanye bethu baneentloni yaye bakufumanisa kunzima ukuthetha nabantu abangabaziyo. Ukuba nomntu esihamba naye kusenokusenza sibe nentembelo yokuthetha iLizwi likaThixo ngenkalipho. Xa kukho ubani okunye nathi, kusenokuba lula ukuphumeza umsebenzi ngendlela esiqeqeshwe ngayo. (IMize. 27:17) Indoda esisilumko yathi: “Kulungile ukuba babe ngababini kunokuba abe mnye.”—INtshu. 4:9.
3 Kuhle ukusebenza nabavakalisi noovulindlela abahlukahlukeneyo. Abanye abantu umpostile uPawulos awayesebenza nabo enkonzweni yayinguBharnabhas, uSilas, uTimoti noYohane ekuthiwa nguMarko, yaye banandipha iintsikelelo ezininzi ngoxa babeshumayela kunye. Nanamhlanje kusenokuba njalo. Ngaba ukhe wasebenza nothile obesenyanisweni kangangexesha elide? Wakuba uphawule ubuchule bakhe ekunikeleni ubungqina, mhlawumbi ufumene iingcamango ezintle ezikuncedileyo waphucula. Ngaba ukhe wahamba nabavakalisi abasebatsha kunawe? Ngoko usenokuba uye wakwazi ukwabelana nabo ngoko ukufundileyo waza ngaloo ndlela wabanceda baphumelela ngakumbi baza bavuyiswa ngakumbi bubulungiseleli babo.
4 Ngaba sikho isifundo seBhayibhile osiqhubayo ngoku? Ukuba kunjalo, kutheni ungamemi omnye wabadala okanye umveleli wesiphaluka ukuba ahambe nawe? Kuyingenelo kwizifundo zethu zeBhayibhile ukuqhelana nabaveleli. Ukuba umadolw’ anzima ukuqhuba isifundo seBhayibhile kukho umdala, mhlawumbi angakulungela ukusiqhuba uze wena ubukele. Emva koko, zive ukhululekile ukucela amacebiso angendlela onokumnceda ngayo umfundi enze inkqubela ngokukhawuleza ngakumbi.
5 Xa usebenza nabanye yiba liqabane elikhuthazayo. Amagqabaza akho ngentsimi makabe ngawakhayo. Ungaze uhlebe abanye okanye ukhalazele amalungiselelo ebandla. Gcina ingqondo yakho icinga ngobulungiseleli nangeentsikelelo ezivela kuYehova. Ukuba wenza oko, wena namaqabane akho niya kubuyela ekhaya nihlaziyekile ngokomoya.
6 Iimeko zakho zisenokwenza kube nzima ngawe ukusebenza rhoqo nabanye abazalwana noodade. Noko ke, ukuba kunokwenzeka, kutheni ungalungiseleli ukuba nexesha lokusebenza nomnye umvakalisi? Nobabini niya kusikelelwa!—Roma 1:11, 12.