IBhayibhile—Umthombo Wentuthuzelo Nethemba Kwihlabathi Elineenkathazo
1 Eli hlabathi lenza abantu bahlale becinezeleke kakhulu yaye befuna intuthuzelo nethemba. IBhayibhile kuphela komthombo wentuthuzelo yokwenene. Inikela ithemba lehlabathi elitsha lobulungisa. (Roma 15:4; 2 Pet. 3:13) Incwadi i-Insight, uMqulu 1, iphepha 311, iphawula oku: “Ukuba iBhayibhile ibingekho besingayi kumazi uYehova, besingayi kuzazi iingenelo ezimangalisayo ezifumaneka ngedini lentlawulelo likaKristu, yaye besingayi kuziqonda izinto ezifunekayo ukuze sizuze ubomi obungunaphakade njengamalungu okanye abalawulwa boBukumkani bukaThixo bobulungisa.”
2 Ebudeni bukaNovemba siya kutsalela ingqalelo ekhethekileyo kwindima iLizwi likaThixo, iBhayibhile, elinayo ekuncedeni abantu bahlangabezane neengcinezelo zehlabathi. Siza kuhambisa incwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? Yintoni esinokuyithetha eya kunceda abantu abafanelekayo baqonde ukuxabiseka kweBhayibhile?
3 Wakuba uzazisile, usenokuthetha okufana noku:
◼ “Mhlawumbi uyavuma ukuba singqongwe ziingxaki ezifuna ukuphanga uxolo lwethu lwengqondo. Sinokusifumana phi isiluleko esisebenzisekayo esisibonisa indlela yokuhlangabezana nezi ngxaki? [Vumela impendulo.] Ndifumanise ukuba iBhayibhile iyasithuthuzela kuba isifundisa indlela esinokonwaba ngayo. [Funda uLuka 11:28.] Injongo yomsebenzi wethu kukukhuthaza abantu bafunde iBhayibhile baze bangenelwe kwimfundiso yayo. Olu ncedo lokufundisisa iBhayibhile luthi, IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu?, lunokukunceda wenze oko. Phawula oko ikuthethayo ngonobangela wenkoliso yeengxaki zehlabathi. [Funda isivakalisi sesibini kwisiqendu 9 kwiphepha 187.] Ukuba ungathanda ukuyifunda le ncwadi, ndingakuvuyela ukukushiyela yona ngomnikelo wee-R3,50.”
4 Usenokukhetha ukusebenzisa intshumayelo elula njengale:
◼ “Sinomdla wokukhuthaza intlonelo engakumbi kwiLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ndingathanda ukukunika umbhalo weli phecana, Isizathu Sokuba Unokukholosa NgeBhayibhile. Lichaza isizathu sokuba sinokukhangela kwiBhayibhile ukuze sifumane ithemba eliqinisekileyo lehlabathi elilunge ngakumbi. [Tyhila kwiphepha 6, uze ufunde INdumiso 37:29 kunye nesiqendu sokuqukumbela.] Zifundele eli phecana, uze xa ndibuya kwixa elizayo, undazise oko ukucingayo ngethemba elinikelwa yiBhayibhile.”
5 Abanye abavakalisi basenokufuna ukusebenzisa le ntshayelelo ingqalileyo yokuqalisa isifundo seBhayibhile:
◼ “Ndikutyelele ukuze ndikuqhubele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa. IBhayibhile iphefumlelwe nguThixo, yaye imiyalelo yayo inokusinceda silungise izinto. Ngolu ncedo lokufundisisa iBhayibhile oluthi, IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? ndingathanda ukukubonisa indlela onokufundisisa iBhayibhile ngayo. [Tyhila kwiphepha 175, uze uxubushe isiqendu 1-3 nomninimzi. Ngokuxhomekeka kumdla awubonisayo, hlola isibhalo esinye okanye ezibini uze uxubushe ingongoma eziyiphuhlisayo. Cacisa indlela ukujonga izibhalo ezibonisiweyo okuya kumnceda ngayo umninimzi azi iingcinga zikaThixo ngemibandela.] Ndingakuvuyela ukubuya ndize ndixubushe lo mbandela ngokubhekele phaya. Ungazifumanela le ncwadi ngomnikelo wee-R3,50 kuphela.”
6 IBhayibhile ngumthombo wentuthuzelo nethemba kunye nenyaniso enokusikhokelela kubomi obungunaphakade. (Yoh. 17:3, 17) Ukwabelana nabanye ngolwazi lweBhayibhile kuyamkholisa uYehova, “onga yena bangasindiswa bonke abantu.”—1 Tim. 2:4.