Ngaba Ukulungele Ukujamelana Nemeko Yezonyango Elucelomngeni Elukholweni?
Yigcine le nkcazelo ikwindawo onokuyifumana kuyo ngokukhawuleza xa iyimfuneko
1 Akukho mntu ucinga kangako ngokuzibona esesibhedlele namhlanje okanye ngomso. Sekunjalo, ‘sonke siyafikelwa lixesha nasisihlo [esingabonwa kwangaphambili, NW].’ (INtshu. 9:11) Nokuba akuwamkeli amayeza njengohlobo olusebenzisayo lokunyamekela impilo, yintoni oya kuyenza ukuze uzikhusele kutofelo-gazi olungafunwayo ukuba unokungabikho zingqondweni ngenxa yengozi uze ubalekiselwe esibhedlele? Ewe, ingozi okanye ukugula ngequbuliso kungakubangela uzibone sele ujamelene nocelomngeni kukholo lwakho.
2 Ukuba ngenxa yaso nasiphi na isizathu ungazibona sele usesibhedlele, uya kwenza ntoni ukuze ulondoloze ingqibelelo ukuba omnye umntu ukuxelela ukuba xa ungalitofelwa igazi uya kufa? Ngaba uya kungxama ukholelwe ukuba oku akuthethayo kuyichaza ngokwenene imeko okuyo? Ngaba weyiseke ngokupheleleyo kukuba akulifuni igazi? Ngaba ukulungele ukujamelana nolu celomngeni lokholo lwakho uze ‘uzile igazi’?—IZe. 15:28, 29.
3 Ukuze ukwazi ukuluchasa ngokuphumelelayo utofelo-gazi olungafunwayo nolungcolisayo ngokomoya ufanele ube nolweyiseko olomeleleyo. Ulweyiseko olunjalo lumele lusekelwe ekukuqondeni ngokucacileyo oko kuthethwa yiBhayibhile ngegazi. Kungenjalo, ngenxa yeemvakalelo zelo xesha, unokoyikiswa ngokulula ngumntu othi uyazi ngakumbi imeko kunawe. Ngaba ungakhohliselwa ekucingeni ukuba mhlawumbi oogqirha banolwazi olungakumbi kunoThixo ngegazi? Ngokuqinisekileyo, kwezi meko ufanele ‘uqine’ ekwenzeni “okuthe tye” emehlweni kaYehova, kungakhathaliseki oko kuthethwa ngabantu. (Dut. 12:23-25) Kodwa ngaba kufuneka ube wedwa ekujamelaneni nolu celomngeni?—INtshu. 4:9-12.
ISEBE LENKCAZELO YEZIBHEDLELE NEEKOMITI ZOKUNXIBELELANA NEZIBHEDLELE
4 Ukunceda abo bafuna uncedo xa bejamelene nengxaki yotofelo-gazi, uMbutho umisele iSebe Lenkcazelo Yezibhedlele eBrooklyn. Iofisi yesebe nganye ineSebe Lenkcazelo Yezibhedlele. EMzantsi Afrika nakumazwe aselumelwaneni, uMbutho umisele iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele ezili-12 kwiidolophu ezinkulu. Ezi komiti zibunjwe ngabadala abangaphezu kwama-50 abaqeqeshelwe lo msebenzi ngokukhethekileyo.
5 ISebe Lenkcazelo Yezibhedlele linako ukwenza uphando koolindixesha bezonyango ehlabathini lonke ukuze lifumane inkcazelo ngeentlobo ezininzi zotyando nonyango olungasebenzisi gazi olufumanekayo noluphumelelayo. Landula ke linike iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele, amaziko ezonyango nabanye oogqirha inkcazelo engale nkqubela kwezonyango. (Maxa wambi iSebe Lenkcazelo Yezibhedlele liye lithumele amanqaku abonisa into enokwenziwa kungasetyenziswanga gazi lize ke liphelise nayiphi na impikiswano eqhubekayo esibhedlele.) Liqhubeka lisazisa iikomiti ngezigqibo ezikhuthazayo zenkundla eziya kunceda abagwebi bazisingathe iimeko zethu ngokuqonda okungakumbi. Kwakhona ligcina ingxelo yoogqirha abanentsebenziswano ukuze iikomiti zibe nenkcazelo esexesheni eziya kuyisebenzisa xa kuvela iingxaki zotofelo-gazi.
6 Kwakhona iSebe Lenkcazelo Yezibhedlele longamela ukuqeqeshwa nomsebenzi weeKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele. Kwiidolophu ezikuzo, iiKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele ngokuthe rhoqo zinikela inkcazelo kubasebenzi basesibhedlele ukuze ziphucule ulwalamano lwazo nabo. Kwakhona zenza uhlolisiso kwaba basebenzi ukuze zifumane oogqirha abongezelelekileyo abanokusinyanga bengasebenzisi gazi. Aba bazalwana bahlala bekulungele ukukunceda, kodwa kukho amanyathelo okuqala abalulekileyo omele uwathabathe ukubavulela indlela yokukunceda ngokuphumelelayo.
AMANYATHELO ABALULEKILEYO—NGABA SELE UWATHABATHILE?
7 Okokuqala, qiniseka ukuba bonke entsatsheni banawo amaqweqwe obuqu anikela ulwalathiso ngonyango nazaliswe ngokucokisekileyo—umhla ubhaliwe, atyobelwe yaye akho namagama amangqina. Ukufaneleka kwamaqweqwe abanye abazalwana abafike esibhedlele bephethe amaqweqwe angabhalwanga umhla namangqina kuye kwacelwa umngeni. Yaye ngaba bonke abantwana bethu abangabhaptizwanga banawo amaqweqwe azaliswe ngokupheleleyo ofaniso? Ukuba akunjalo, kwingozi ebandakanya umntwana wakho, abasebenzi basesibhedlele bakwazi njani ukuma kwakho ngegazi nomntu amabamazise ngengozi?
8 Ngoko qinisekisa ukuba bonke bayawaphatha la maqweqwe NGAWO ONKE AMAXESHA. Kuhlole oku nabantwana bakho ngaphambi kokuba baye esikolweni suku ngalunye, ewe, nangaphambi kokuba baye kwibala lokudlala okanye kwindawo yokuzihlaziya. Sonke sifanele siqiniseke ukuba siyawaphatha la maqweqwe emsebenzini, xa sikwikhefu, okanye kwindibano yamaKristu. Singaze sihambe singawaphathanga!
9 Cinga ngoko kunokwenzeka kuwe ukuba ungafika kwigumbi lonyango lwengozi esibhedlele ukwimeko embi gqitha, ungekho zingqondweni yaye/okanye ungakwazi ukuzithethela. Ukuba akuliphathanga eli qweqwe, yaye akukho salamane okanye mdala osele efikile esibhedlele onokukuthethela, yaye kugqitywa kwelokuba ‘kufuneka utofelwe igazi,’ kusenokwenzeka ulitofelwe. Ngelishwa, oku kwenzekile kwabanye. Kodwa xa siliphethe iqweqwe, liyasithethela, livakalisa oko sikufunayo.
10 Kungoko iqweqwe lonyango lilunge ngakumbi kunesacholo okanye intsimbi yomqala echaza ngemeko yakho yezonyango. Isacholo nentsimbi yomqala azizicacisi izizathu zethu ezisekelwe eBhayibhileni zokuma kwethu yaye azityobelwanga magama ukungqinela oko kuchaziweyo. Isigqibo senkundla yaseKhanada sathi ngeqweqwe lomnye udade: “[Umguli] ukhethe ekuphela kwendlela ekunokwenzeka ngayo ukwazisa oogqirha nabanye abanikela uncedo lwezempilo, ukuba kungenzeka angabikho zingqondweni okanye ngeny’ indlela angakwazi ukuchaza iminqweno yakhe, yokuba akalamkeli utofelo-gazi.” Ngoko ungaze uhambe ngaphandle kwalo!
11 Ekubeni iqweqwe lethu elinikela ulwalathiso ngonyango lilungiselelwe ngokuyintloko ukuhlangabezana neemeko zongxamiseko, ngoko kutyando olukhethiweyo ungaba ulumkile ukuba ubhala phantsi inkcazelo yobuqu nephelele ngakumbi kusengaphambili (esekelwe kolwethu ulwalathiso lwezonyango) ukuze ube nokuquka iinkcukacha, njengohlobo lotyando namagama oogqirha nesibhedlele. Lilungelo lakho ukwenza oku uze ngolo hlobo uqinisekise ukuba ufumana unyango olukhethayo. Nakubeni wena nogqirha nisenokuba anilindelanga zingxaki zinzulu, cacisa ukuba olu lwalathiso lumele lulandelwe kwimeko yokwenzeka kwazo naziphi na izinto ebezingalindelwanga.—IMize. 22:3.
12 Inyathelo elilandelayo elibalulekileyo kukuthetha nabasebenzi bezonyango abayimfuneko ekuya kufuneka uqhubane nabo kunyango ozikhethele lona okanye lwengozi. Ngubani ngokukhethekileyo ofanele uthethe naye?
THETHA NABASEBENZI BEZONYANGO
13 IQELA LEZONYANGO: Eli lixesha lokuba ukoyika umntu ukuphose kwelokulibala. (IMize. 29:25) Ukuba ubonakala ungaqinisekanga, omnye umntu usenokugqiba kwelokuba akunyanisekanga. Xa utyando luyimfuneko, ozikhethele lona okanye olwengozi, wena okanye elona lungu lentsapho lisondeleyo kuwe limele ngozimiselo libuze imibuzo ethile engqalileyo kwintloko yelo qela lotyando. Omnye umbuzo obalulekileyo ngothi, Ngaba eli qela liza kuyihlonela iminqweno yomguli yaye kuzo zonke iimeko liya kunyanga ngaphandle kwegazi? Ukuba asikho esi siqinisekiso akuyi kukhuseleka kakuhle.
14 Yichaze ngokucacileyo nangolweyiseko olundilisekileyo iminqweno yakho. Yenza kucace ukuba ufuna ingxaki yakho inyangwe ngokusetyenziswa kweendlela ezizezinye ezingelogazi. Ngokuzolileyo nangentembelo xubusha ngolwalathiso lwezonyango olubhale ngokwakho nangefomu yasesibhedlele esikhululayo ekubekekeni ityala ngawe. Ukuba ugqirha wotyando akavumi ukusebenzisana neminqweno yakho, uya konga ixesha ukuba ucela intsumpa yezonyango yesibhedlele ukuba ikufunele omnye ugqirha. Leyo yinxalenye yomsebenzi wayo.
15 INGCALI YOKUPHELISA IINTLUNGU EBUDENI BOTYANDO (ANESTHESIOLOGIST): Kubo bonke abantu ofanele uthethe nabo kwiqela lezonyango ngaphambi kotyando, UNGAZE ULIBALE UKUTHETHA NALO GQIRHA. Ekubeni umsebenzi wayo ukukukugcina uphilile ngoxa ugqirha esenza utyando, ingcali yokuphelisa iintlungu yiyo eyenza izigqibo ngemibandela enjengokusetyenziswa kwegazi. Ngoko akukhuselekanga ngokupheleleyo ngokusuka nje uthethe nogqirha wotyando. Ngenxa yoko, umele uthethe nengcali yokuphelisa iintlungu uze uyeyisele ekubeni ikwamkele ukuma kwakho, uqinisekise enoba kuya kuhlonelwa okanye kungahlonelwa kusini na.—Thelekisa uLuka 18:3-5.
16 Kuyabonakala ukuba ngokuqhelekileyo, ingcali yokuphelisa iintlungu imtyelela ngokufutshane umguli ngobusuku bangaphambi kotyando—seliphelile ixesha ukuba ayivumelani nokuma kwakho ngegazi. Zingisa kwelokuba ugqirha oza kwenza utyando atyumbe kusengaphambili ingcali yokuphelisa iintlungu enentsebenziswano ukuze ube nokuthetha nayo kwangaphambi kotyando olukhethileyo. Ngoko uya kuba nexesha lokufuna enye ukuba eyokuqala ayivumi ukuhambisana neminqweno yakho. Musa ukuvumela nabani na akuphulukanise neli lungelo lokwaneliseka ngengcali yokuphelisa iintlungu eza kunyamekela utyando lwakho.
17 Kubo bonke aba, umele ukwenze kucace ukuma kwakho okungenakujikwa: ANDILAMKELI IGAZI. Cela ukuba kwimeko yakho kusetyenziswe ezinye iindlela zonyango ezingelogazi. Khankanya naziphi na iindlela ezizezinye ezaziwayo ngaphandle kwegazi ezinokusetyenziswa kwimeko yakho. Ukuba abezonyango banoluvo lokuba ezi azisebenzi kwimeko yakho, bacele baphande kuncwadi lwezamayeza ngezinye izinto ezinokwenziwa. Baqinisekise ukuba unokubafunela inkcazelo ethile ukuba banqwenela oko ngokucela abadala bakho ukuba baqhagamshelane neKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele ekufutshane.
UKUSEBENZISA AMALUNGELO AKHO
18 Hlolisisa ngenyameko ifomu ekhulula isibhedlele etyaleni nefomu yokuvuma unyango ocelwa ukuba uzityobele xa ufika. Maxa wambi kanye nje emva kokuthi iminqweno yakho iya kuhlonelwa, isiqendu esilandelayo siya kuvakalisa ukuba umtyobeli uyavuma ukuba isibhedlele sinokusebenzisa unyango “lokusindis’ ubomi” xa sihlangabezana neengxaki. Oko kunokuquka igazi. Unelungelo lokuwaguqula nawaphi na amazwi anjalo ukuze angaquki igazi okanye uwacime ngokupheleleyo. Abongikazi basenokuzama ukukuxelela ukuba akunakukwenza oko, kodwa unako! Bacacisele ukuba loo fomu sisivumelwano osenza nabo yaye akunakutyobela isivumelwano ongasamkeliyo. Ukuba nabani na uzama ukukunyanzelisa ukuba utyobele ngenkani, cela ukuthetha nentsumpa yezonyango kunye/okanye nommeli wabaguli kwelo ziko lezonyango.
19 Ngaba unokuzenza izinto ezinjalo? Ewe, unako. Ngoko umele uwazi amalungelo akho njengomguli. La malungelo obuntu akuwashiyi emnyango xa ungena esibhedlele. Akufanele uwancame ukuze unyangwe. Musa ukuvumela nabani na ukuba akukhohlise.
20 Elinye ilungelo elinjalo kuthiwa lilungelo lokwenza ukhetho lobulumko, nto leyo ethetha ukuba akukho naluphi na uhlobo lonyango onokulunikwa ngaphandle kwemvume yakho. Ukuba uyathanda unokude ungazamkeli zonke iintlobo zonyango. Umele ulwamkele unyango emva kokuba ucaciselwe ngokucacileyo oko abezonyango baceba ukukwenza, kuquka zonke iingozi. Ngokulandelayo, bamele bakuxelele ngazo naziphi na iindlela ezizezinye ezifumanekayo. Uya kwandula ke, emva kokuba uchazelwe, ukhethe unyango olunqwenelayo.
21 Ukuze uqiniseke ngoko ukwamkelayo, UMELE ubuze imibuzo efanelekileyo ngayo nantoni na ongayiqondiyo, ngokukodwa xa abasebenzi basesibhedlele besebenzisa amagama amakhulu okanye lawo asetyenziswa kwezamayeza. Ngokomzekelo, ukuba ugqirha uthi angathanda ukusebenzisa “isiyilelo-gazi” (plasma), ngokungazi usenokugqiba kwelokuba uthetha “ngesiyilelo-gazi sokwandisa umthamo wegazi” (plasma volume expander), kanti akunjalo. Ngaphambi kokuba uvume, mbuze: “Ngaba leyo yinxalenye yegazi?” Ngokuphathelele nazo naziphi na iinkqubo zakhe, mbuze: “Ngaba olo nyango lubandakanya ukusetyenziswa kweemveliso zegazi?” Ukuba ukuchazela ngomatshini othile angathanda ukuwusebenzisa, mbuze: “Ngaba igazi lam liza kugcinwa nanini na ebudeni bokusetyenziswa kwalo matshini?”
22 Kodwa ufanele wenze ntoni ukuba ukwenzile konke oku kungasentla kuze sekunjalo kungasetyenziswana nawe okanye kude kuchaswe nokuma kwakho? Musa ukuba mathidala ukucela uncedo. Bambi baye balinda ixesha elide gqitha bengalufuni uncedo baza babeka ubomi babo engozini.
UNCEDO OLUBALULEKILEYO NGEXESHA OLUFUNEKA NGALO
23 Phawula le nkqubo ilandelayo yokufumana uncedo olufunekayo: (1) Kwakamsinya nje wakuba we-na okanye umntu omthandayo ejamelene notyando enoba lolokuzikhethela okanye lwengozi apho kukho ukungqubana ngenxa yokuba isibhedlele sifuna ukusebenzisa igazi; okanye (2) ukuba imeko yakho yonyango okanye leyo yomntu omthandayo iya isiba mandundu kakhulu; okanye (3) ukuba kwimeko yomntwana (okanye umntu okhulileyo), ugqirha, umongikazi, okanye intsumpa yesibhedlele kwezonyango ithi baza kufuna umyalelo wenkundla, ngoko:
24 BIZA ABADALA BASEKUHLALENI ukuba ubungekakwenzi oko. (Eneneni, ngenxa yokuma kwethu ngegazi, likhondo lobulumko ukwazisa abadala nanini na xa simele siye kwindawo yokunyamekela impilo.) Ngokulandelayo, ukuba kubonakala kuyimfuneko, ABADALA BAYA KUTSALELA UMNXEBA IKOMITI YOKUNXIBELELANA NEZIBHEDLELE EKUFUTSHANE. Ukuba ufuna njalo, amanye amalungu eKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele asenokuza esibhedlele ngeli xesha aze kukunceda.—Isa. 32:1, 2.
25 Aba badala bakwiKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele bayabazi oogqirha abanentsebenziswano kummandla wakho ibe banokukudibanisa nabo yaye banokulungiselela nabanye oogqirha okanye amaziko onyango ukuba ancede. Ukuba abakho abafumanekayo ekuhlaleni, abadala baya kuqhagamshelana nenye ikomiti ekufutshane. Yaye ukuba oko akuphumeleli, baya kuqhagamshelana neSebe Lenkcazelo Yezibhedlele eBheteli. Nalo lisenokukwazi ukulungiselela ukuqhagamshelana nogqirha onentsebenziswano onokucacisela abezonyango abakuncedayo oko banokukwenza bengasebenzisi gazi. Abazalwana abakwiKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele baqeqeshelwe ukusingatha iimeko ezinjalo.
26 Kwakhona amalungu eeKomiti Zokunxibelelana Nezibhedlele akulungele ukunceda wena okanye isalamane sakho uthethe nogqirha okanye intsumpa yezonyango, kodwa umele ulucele olo ncedo. Kakade ke, aba bazalwana abanakukwenzela izigqibo, kodwa banokusoloko bekunceda ekuhlolisiseni indlela uMbutho ozijonga ngayo izinto baze bakulumkise xa kufuneka wenze ukhetho kwizinto zonyango nakwezomthetho.
27 Ukuba abezonyango abakazimiseli ukusebenzisana nawe, thetha nentsumpa yezonyango yesibhedlele ucela abanye abasebenzi bezonyango abasebenza kwalapho abaza kuyihlonela iminqweno yakho. Ukuba intsumpa iba mathidala ukwenza oko yaye KUPHELA ukuba ngokuqinisekileyo unaye omnye ugqirha wotyando kwenye indawo yaye unokutshintshelwa kuyo, ngoko unokhetho lokunika intsumpa inkcazelo ebhaliweyo nenomhla notyobelo nechaza amagama oogqirha abangasebenzisaniyo nawe uze uthi mabangabi nanto yakwenza nemeko yakho.
28 Ngaba unokuyenza loo nto? Ewe, unalo elo lungelo. Yaye ukuba kamva umbandela uya kumgwebi, inkcazelo yakho ebhaliweyo inokuba negalelo elibonakalayo ekumenzeni ayamkele iminqweno yakho. Kwakhona isenokuvulela indlela kwezonyango abanye oogqirha botyando ukuba ngoku beze ngaphambili baze bazinikele ukukunceda. Yaye, okona kubalulekileyo kukuba kunokukwenza ufumane unyango oluyimfuneko ngaphambi kokuba imeko yakho ibe mandundu ngokuyingozi. Musa ukuphozisa maseko!
29 Ngoxa singenakuxelela nabani na ukuba makafune i-inshorensi yempilo, simele sikwazise ukuba ngokufuthi siba neengxaki ezinkulu ekufumaneni omnye ugqirha wokunyanga abo bangenamali yaneleyo okanye nayiphi na indlela yokugubungela iindleko zonyango nangona yena ngokuqhelekileyo enentsebenziswano.
IMIBUZO ENEENTSINGISELO EZIFIHLAKELEYO OMAWUYILUMKELE
30 Ufanele wazi ukuba kukho eminye imibuzo ebuzwa ngoogqirha nangabanye engasoloko ibuzwa ngentshukumisa entle. Omnye obuzwa rhoqo ngoogqirha (nangabanye abagwebi) uthi:
• “Ngaba uxolele ukufa (ukuyeka umntwana wakho afe) kunokwamkela ‘utofelo-gazi lokusindis’ ubomi’?”
31 Ukuba uthi ewe, oko bekungaba kuchanile ngokonqulo. Kodwa ngokufuthi loo mpendulo iqondwa phosakeleyo yaye maxa wambi iphumela kwizigqibo zenkundla ezingezihle. Umele ukhumbule ukuba kule meko akukho kubulungiseleli. Kunoko, uthetha ngonyango oluyimfuneko. Ngenxa yoko, umele uzivumelanise nabantu abakuphulaphuleyo, abezonyango okanye abomthetho.—INdu. 39:1; Kol. 4:5, 6.
32 Kugqirha, kumgwebi okanye kwintsumpa yezonyango, ukuthi “ewe” kunokuthetha ukuba ufuna ukuba ngumfeli-nkolo okanye ufuna ukuncama umntwana wakho ngenxa yokholo lwakho. Ngokuqhelekileyo ukubaxelela ngokholo onalo olungaxengaxengiyo eluvukweni kule meko akuyi kukunceda. Baya kuthi unenzondelelo yempambano ngonqulo, akukwazi ukwenza izigqibo ezisengqiqweni xa kubandakanyeke ubomi. Kwimeko yabantwana, baya kukugqala njengomzali ongakhathaliyo nongakwamkeliyo oko kuthiwa lunyango “lokusindis’ ubomi.”
33 Kodwa ngokwenene ASIKOKUBA akulwamkeli unyango. Ntonje akuvumelani nogqirha NGOHLOBO lonyango. Ngokufuthi oku kuma kuya kuyiguqula imbono yabo neyakho. Ngaphezu koko, bayakhohlisa xa besenza kubonakale ngokungathi igazi likhuselekile yaye LIKUPHELA konyango “lokusindis’ ubomi.” (Bona incwadana ethi Igazi Linokubusindisa Njani Ubomi Bakho?, iphepha 7-22.) Ngoko umele uyenze icace loo ngongoma. Unokuyicacisa njani? Usenokuphendula:
• “Andifuni kufa (andifuni ukuba umntwana wam afe). Ukuba bendifuna ukufa (bendifuna ukuba umntwana wam afe), ngendihleli ekhaya. Kodwa ndize apha ukuza kufumana unyango ukuze ndiphile (ukuze umntwana wam aphile). Into endiyifunayo kukuba ndinyangwe (ukuba umntwana wam anyangwe) ngendlela eyenye engelogazi. Zikho iindlela ezizezinye ezifumanekayo.”
34 Nantsi eminye imibuzo eliqela ebuzwa ngoogqirha okanye abagwebi:
• “Kuya kwenzeka ntoni kuwe ukuba utofelo-gazi lunyanzeliswa ngomyalelo wenkundla? Ngaba uya kubekek’ ityala ngaloo nto?”
• “Ngaba ukwamkela okanye ukunyanzeliswa kotofelo-gazi kuwe kuya kukubangela ukuba usikwe kunqulo lwakho okanye ungabufumani ubomi obungunaphakade? Liya kukujonga njani ibandla okulo?”
35 Omnye udade waphendula umgwebi ngelithi kwimeko enjalo yena akayi kubekeka tyala ngoko umgwebi agqibe kuko. Ngoxa ngokwembono ethile echanile, umgwebi wakugqala oku njengokuthetha ukuba ekubeni udade engayi kubekek’ ityala, ngoko umgwebi wayengayithwala loo mbopheleleko. Wayalela ukuba atofelwe igazi.
36 Umele uqonde ukuba ngokubuza le mibuzo, ngokuqhelekileyo abanye bakhangela ikroba lokuhlasela ukwala kwakho igazi. Musa ukubavulela ikroba ngokungaqondi! Ngoko besingakuphepha njani oko kuqondana phosakeleyo? Unokuphendula:
• “Ukuba igazi liyanyanzeliswa nangayiphi na indlela kum, oko kum bekungafana nokudlwengulwa. Ubomi bam bonke ndingathwaxwa yimiphumo engokweemvakalelo neyokomoya yoko kuhlaselwa kwam ngenkani. Ngamandla am onke ndingakuxhathisa oko kuhlaselwa komzimba wam ngaphandle kwemvume yam. Ndingenza yonke imigudu yokumangalela abo bahlaseli kanye njengoko bendingenza kwimeko yokudlwengulwa.”
37 Umele ukwenze kucace nakuthathatha ukuba, ukunyanzeliswa kotofelo-gazi kuthi kukuhlaselwa okulisikizi kwemizimba yethu. Asingombandela nje ongenamsebenzi. Ngoko yima kwilizwi lakho. Yenza kucace ukuba ufuna kusetyenziswe iindlela ezizezinye zonyango ezingelogazi.
YINTONI OYA KUYENZA UKUZE UHLALE ULUNGILE?
38 Sihlolisise ezinye zezinto ofanele uzenze ukuze uzikhusele wena nentsapho yakho kutofelo-gazi olungafunwayo. (Kwixesha elizayo, sinethemba lokunikela iinkcukacha ezingakumbi ngokusingatha iingxaki eziphakamayo xa iintsana nabantwana besongelwa ngotofelo-gazi.) Kwakhona sikubonile oko uMbutho uye ngothando wakwenza ukuze unikele uncedo ngexesha elifuneka ngalo. Yintoni omele uyenze ngale nkcazelo ukuze uqiniseke ukuba ukulungele ukujamelana nemeko yezonyango ecela umngeni ukholo?
Okokuqala: Yiba nengxubusho yentsapho yokuqhelisela le mibandela nokulungiselela oko niya kukuthetha neniya kukwenza, ngokukodwa kwimeko yongxamiseko.
Okulandelayo: Qinisekisa ukuba unawo onke amaxwebhu owafunayo.
Emva koko: Kuthandazele nzulu kuYehova ukuba akuxhase kwisigqibo sakho esiqinileyo ‘sokuzila igazi.’ Ukuthobela imithetho yakhe ngegazi kusiqinisekisa ukuba uya kusibabala ngobomi obungapheliyo.—IZe. 15:29; IMize. 27:11, 12.
[Box on page 5]
Ukuba nayiphi na imeko yonyango iba mandundu kakhulu ukusa kwinqanaba lokuba usongelwe ngotofelo-gazi, hlola le bhokisi ukuze ubone oko ufanele ukwenze:
1. Biza abadala bebandla okulo baze kukunceda.
2. Cela abadala batsalele umnxeba iKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele ekufutshane ukuba kuyimfuneko.
3. IKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele inokukunceda ekuthetheni noogqirha nabanye.
4. IKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele inokukunceda uqhagamshelane nabanye oogqirha abanokunxibelelana noogqirha abaza kukutyanda ngoku ukuze beve ngeendlela ezizezinye.
5. Kwakhona iKomiti Yokunxibelelana Nezibhedlele inokukunceda utshintshelwe kwindawo enentlonelo ngakumbi ukuze ufumane unyango oluyimfuneko.